IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 3/08 iphe. 28-29
  • “Mhla Kwahlwa Emini”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Mhla Kwahlwa Emini”
  • Vukani!—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Iphulo Lokulumkisa Abantu
  • Yafika Imini Ebikad’ Ixelwa
  • Umbono Ongasoze Ulibaleke
  • Ukutshona Kwelanga Emini
    Vukani!—2002
  • Ummandla Okhethekileyo Weeplanethi—Indlela Owabakho Ngayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • “Ngokuqinisekileyo lo mntu ebenguNyana kaThixo”
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
Vukani!—2008
g 3/08 iphe. 28-29

“Mhla Kwahlwa Emini”

NGUMBHALI KAVUKANI! EBENIN

“Izigidi zabantu zimangaliswe kukusithwa kwelanga yinyanga,” latsho njalo iphephandaba laseGhana iDaily Graphic ngosuku olulandela isiganeko sokusithwa kwelanga yinyanga ngoMatshi 29, 2006. Esi siganeko saqala sabonakala kwimpuma yeBrazil, yaza inyanga yawela iAtlantiki ngesantya seekhilomitha ezili-1 600 ngeyure, yaya kufika eGhana, eTogo naseBenin malunga nentsimbi yesi-8:00 kusasa. Kwakuza kwenzeka ntoni eNtshona Afrika?

Ukusithwa kwelanga ngokupheleleyo yinyanga kwagqityelwa ukubonwa eGhana ngowe-1947. UTheodore, owayenama-27 eminyaka ubudala ngelo xesha, uthi: “Abaninzi ngelo xesha babengazange basibone isiganeko esilolu hlobo ngaphambili, ngoko babengakwazi oko kwakusenzeka. Ngenxa yeso sizathu, abantu basichaza eso siganeko ngokuthi, ‘mhla kwahlwa emini.’”

Iphulo Lokulumkisa Abantu

Abasemagunyeni baye baphum’ iphulo belumkisa uluntu ngobungozi bokujonga ilanga ebudeni besi siganeko. ETogo kuye kwaxhonywa izibhengezo ezimibala-bala ezinamagama athi: “Khusela amehlo akho! Usengozini yokuphanyaka!”

Amagosa aseburhulumenteni agxininisa izinto ezimbini abantu abanokuzenza. Okokuqala, babenokuhlala endlwini baze babukele kumabonwakude. Okwesibini, ukuba babephumela ngaphandle, babemele banxibe iindondo zokukhusela amehlo. Izigidi zabantu zazondele koomabonwakude neekhompyutha ukuze zibone lo mbono ukhwankqisayo. Noko ke, umabonwakude nekhompyutha abayichazi ngokupheleleyo imincili eyayikho ngaphambi nasebudeni besi siganeko. Makhe sikuthele gqaba-gqaba ngaso.

Yafika Imini Ebikad’ Ixelwa

Le mini yaqala njengazo zonke ezinye iintsasa kwiNtshona Afrika—ilanga ligqatsile, nezulu lityhilile. Ngaba ilanga laliza kusithwa ngokwenene yinyanga? Njengoko lisondela ixesha elalibhengeziwe, abantu ababethe bhazalala ngaphandle baqalisa ukunxiba iindondo zabo baza bondela esibhakabhakeni. Abanye babethe qhiwu iminxeba yabo bebuza abahlobo abakweminye imimandla ngoko bakubonayo.

Inyanga eyayikumgama ongaphezu kweekhilomitha ezingama-350 000 ukusuka emhlabeni, nangona yayingabonakali ekuqaleni, yayithe chu ngcembe isondela ngaselangeni. Ngephanyazo, yathi gqi iligqanga-gqanga elimnyama elaqalisa ukusitha ilanga. Kwavakala intswahla yemincili njengoko ababukeli babethe phithi thwanga ngulo mbono.

Ebudeni beyure yokuqala, ababukeli ababonanga lutshintsho kwingingqi yabo. Kodwa njengoko inyanga yayizibalula ngokuzibalula, kwabonakala utshintsho esibhakabhakeni. Isibhakabhaka esiluhlaza saqalisa ukuba mnyama. Kwaqalisa ukuphola. Izibane ezitratweni zaqalisa ukukhanyisa njengoko kwakusiba mnyama. Kwathi nkcwe ezitratweni. Iivenkile zavalwa. Iintaka zayeka ukuntyiloza, nezilwanyana zanyamalala phantsi kwelo thinzi lobumnyama. Ubumnyama baqatsela. Ekugqibeleni inyanga yalisitha ngokupheleleyo ilanga, kwaza kwathi nzwanga.

Umbono Ongasoze Ulibaleke

Iinkwenkwezi zaqalisa ukukhanyisa. Ilitha lelanga lalibonakala njengesangqa esimthubi esingqinge loo nyanga imnyama thsu. Ilitha lelanga elibizwa ngokuba yiBaily’s Beads,a lalithe thaa emacaleni ngasemva kwenyanga. Lakha umfanekiso omhle ofana nesangqa sedayimani. Kweso sangqa kwakukho ubumenyemenye bemibala epinki. “Andizange ndiyibone intw’ enje ebomini bam—asibobuhle bugqibelele,” watsho njalo omnye umbukeli.

Kwaba mnyama thsu isithuba semizuzu emithathu. Emva koko ilanga laqalisa ukuvela kancinane. Ababukeli abaninzi balamkela ngentswahla yemincili. Kwavela ukukhanya, iinkwenkwezi zasithela. Abantu bayeka ukuthi xhungu, izinto zabuyela esiqhelweni.

Inyanga ‘lingqina elithembekileyo esibhakabhakeni.’ Ngenxa yoko, isiganeko sokusithwa kwelanga yinyanga sinokuchazwa ngokuchanileyo kangangamakhulu eminyaka ngaphambi kokwenzeka kwaso. (INdumiso 89:37) Abemi baseNtshona Afrika baye balinda iminyaka ephantse ibe ngama-60 ngaphambi kokuba babone esi siganeko sithethe ngaso apha. Isiganeko esilandelayo sokusithwa kwelanga yinyanga kwiNtshona Afrika siya kubakho ngonyaka wama-2081. Masithembe ukuba ngenye imini nawe uya kuze ube nethuba lokuzibonela ngamehlo esi siganeko sikhwankqisayo kwindawo ohlala kuyo.

[Umbhalo osemazantsi]

a Eli litha lithiywe ngesazi seenkwenkwezi uFrancis Baily, owaba ngowokuqala ukubhala ngalo ebudeni bokusithwa kwelanga yinyanga ngowe-1836.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 29]

Ngaba Ilanga Lasithwa Yinyanga Ngethuba Lokufa KukaYesu?

UMarko 15:33 uthi: “Ngelixa lesithandathu kwabakho ubumnyama elizweni liphela de kwalilixa lesithoba.” Obu bumnyama beeyure ezintathu, ukususela emin’ emaqanda ukusa kwintsimbi yesi-3:00 emva kwemini babungummangaliso. Abunakuba babubangelwa kukusithwa kwelanga yinyanga. Isizathu sokuqala sikukuba, elona thuba lide embalini lokusithwa kwelanga yinyanga laba yimizuzu esixhenxe enesiqingatha kuphela. Esesibini, uYesu wafa ngomhla we-14 ngenyanga kaNisan. Ngomhla wokuqala kuNisan kubakho inyanga entsha, yaye ngelo xesha inyanga iba phakathi komhlaba nelanga, ngoko lelo xesha ebekunokwenzeka ngalo ukuba ilanga lisithwe yinyanga. Uthi ufika umhla we-14 kuNisan, ibe inyanga seyenze isiqingatha somjikelo wayo. Ngelo xesha umhlaba uba phakathi kwelanga nenyanga, nto leyo etheth’ ukuba endaweni yokuba ukukhanya kwelanga kusithwe yinyanga, kugqatsa ngokupheleleyo emhlabeni. Kungenxa yoko le nto kubakho inyanga epheleleyo ngexesha leSikhumbuzo sokufa kukaYesu.

[Umfanekiso]

Kusoloko kukho okanye kusondela inyanga epheleleyo ngoNisan 14

[Umzobo/Imaphu ekwiphepha 28, 29]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Ukuhamba kwenyanga esithe ilanga

●

⇧

●

⇧

●

⇧ IAFRIKA

IBENIN ●

⇧

ITOGO ●

⇧

IGHANA ●

⇧

●

⇧

●

⇧

●

⇧

●

⇧

●

[Inkcazelo]

Map: Based on NASA/Visible Earth imagery

[Umfanekiso okwiphepha 28]

Ukusithwa kwelanga ngokupheleleyo yinyanga okwabonwa ngoMatshi 29, 2006

[Umfanekiso okwiphepha 28]

Iindondo zokukhusela amehlo zenza ababukeli bakwazi ukuzibonela ngamehlo isiganeko sokusithwa kwelanga yinyanga

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share