Imbono YeBhayibhile
Yintoni UThixo Ayilindeleyo Kuwe?
EKUBENI sixakekile kufuneka senze izinto ezininzi. Maxa wambi kusenokuba nzima ukuba sizenze zonke izinto esifanele sizenze. Sekunjalo, simele sikhumbule ukuba ubomi sisipho esivela kuThixo. (INdumiso 36:9) Lingakanani ixesha namandla uThixo alindele ukuba silinikele kuye? Indlela iBhayibhile ewuphendula ngayo lo mbuzo iyakhuthaza.
UYesu wazi bhetele kunathi ukuba yintoni uYise ayilindeleyo kuthi. (Mateyu 11:27) Xa wacelwa ukuba achaze owona mthetho mkhulu, uYesu wathi: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela nangamandla akho ephela.” (Marko 12:30) Wayetheth’ ukuthini? Ngaba wayefuna senze okungaphaya kwamandla ethu?
Ukuthanda UThixo Ngomphefumlo Uphela Kuquka Ntoni
Uthando lwethu ngoThixo lunokukhula njengokuba sicamngca ngokulunga okungapheliyo akubonisayo kuthi. Ukuba uThixo simthanda ngomphefumlo uphela oko kuya kusishukumisela ekubeni senze konke okusemandleni ethu. Siya kuvakalelwa ngendlela awavakalelwa ngayo umbhali weBhayibhile owathi: “Ndiya kumbuyekeza ngantoni na uYehova ngalo lonke uncedo lwakhe kum?” (INdumiso 116:12) Uthando olunjalo ngoThixo luyichaphazela njani indlela esilisebenzisa ngayo ixesha lethu?
IBhayibhile ayisichazeli ukuba zingaphi iiyure veki nganye esifanele sizibekele bucala ukuze sinqule. Kunoko, isithela thsuphe ngezinto ezifanele zize kuqala ebomini bethu nezizathu zokuba kufanele kube njalo. Ngokomzekelo, uYesu wafundisa ukuba ukungenisa ulwazi ngoThixo linyathelo elibalulekileyo elikhokelela ekubeni ubani afumane “ubomi obungunaphakade.” (Yohane 17:3) Kwakhona wathi abalandeli bakhe bafanele bancede abantu abangamaziyo uThixo ukuze bazuze ubomi ngokuthi babelane nabo ngolwazi lukaThixo. (Mateyu 28:19, 20) IBhayibhile isiyalela ukuba sihlanganisane rhoqo ukuze somelezwe ngokomoya size sikhuthazane. (Hebhere 10:24, 25) Zonke ezi zinto zifun’ ixesha.
Ngaba uThixo ulindele ukuba singazenzi ezinye izinto, sinqule Yena kuphela? Akunjalo! Zikho nezinye izinto esifanele sizenze suku ngalunye. IBhayibhile ithi iintloko-ntsapho zifanele zinyamekele iintswelo zeentsapho zazo: “Ngokuqinisekileyo ukuba nabani na akabalungiseleli abo bangabakhe, ngokukodwa amalungu endlu yakhe . . . mbi ngaphezu kongakholwayo.”—1 Timoti 5:8.
UThixo wasidala ngendlela yokuba sibunandiphe ubomi. Sibunandipha kuphela xa sichitha ixesha neentsapho nabahlobo bethu, sisitya ukutya okumnandi yaye sizihlaziya ngendlela efanelekileyo. UKumkani uSolomon wathi: “Ndiyazi ukuba akukho nto ilunge ngakumbi kulo kunokuba nemihlali nokwenza okulungileyo ebudeni bokudla kwalo ubomi; kwanokuba wonk’ umntu ufanele adle, asele aze ngokwenene abone okulungileyo kuko konke ukusebenza kwakhe nzima. Sisipho sikaThixo eso.”—INtshumayeli 3:12, 13.
Kwakhona uYehova uThixo uyakuqonda ukusikelwa kwethu umda, “ekhumbula ukuba siluthuli.” (INdumiso 103:14) IBhayibhile iyavuma ukuba kufuneka siphumle ngokwaneleyo. Emva kwexesha elithile bexakekile, uYesu wathi kubafundi bakhe mabaye kwindawo ‘engasese, baphumle kancinane.’—Marko 6:31.
Ngoko ke, uThixo ukholiswa bubomi obulungeleleneyo nobuquka imisebenzi eyahlukahlukeneyo. Noko ke, nantoni na esiyenzayo—enoba yeyonqulo okanye akunjalo—ifanele ibonise ukuba uThixo simthanda ngomphefumlo uphela. IBhayibhile iluleka isithi: “Enoba niyatya okanye niyasela okanye nenza nantoni na eyenye, zonke izinto zenzeleni uzuko lukaThixo.”—1 kwabaseKorinte 10:31.
Ukuphumelela Ekubekeni Izinto Eziza Kuqala
Ngaba ukubeka unqulo kwindawo yokuqala ebomini bakho kubonakala kuyinto ongenakukwazi ukuyenza? Yinyaniso engenakuphikwa into yokuba ukwenza oko uThixo akulindeleyo kuthi kufuna senze utshintsho—kuquka nokuncama izinto ezithile—kwindlela esilisebenzisa ngayo ixesha lethu. Kodwa ngokuqinisekileyo uMdali wethu onothando akafuni senze into engaphaya kwamandla ethu. Enyanisweni uyasinceda ukuze senze ukuthanda kwakhe. Sinokuphumelela ukuba sithembela ‘emandleni esiwanikwa nguThixo.’—1 Petros 4:11.
Kusenokungabi lula ukuhlengahlengisa ucwangciso lwethu ukuze siquke imisebenzi yokomoya. Zibekele ixesha lokuthetha noYehova uThixo, ‘umphulaphuli wemithandazo.’ (INdumiso 65:2) Xa uthandaza usenokumchazela nantoni na ekukhathazayo, usazi ukuba ‘ukukhathalele.’ (1 Petros 5:7) UKumkani uDavide wathandaza wathi: “Ndifundise ukwenza ukuthanda kwakho, kuba wena unguThixo wam.” (INdumiso 143:10) Ngendlela efanayo, unokucela uThixo ukuba akuncede ukuze wenze utshintsho ekufuneka ulwenzile ebomini bakho.
IBhayibhile inesimemo esifudumeleyo esithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Njengokuba uqalisa ukwenza izinto uThixo akholiswayo zizo, njengokufunda iBhayibhile nokuya kwiintlanganiso zamaKristu uya kusondela kuThixo. Yena uya kukomeleza ukuze uhambele phambili.
UJelena uthi xa echaza imigudu awayenzayo ukuze abeke izinto eziza kuqala kwindawo yazo: “Akuyondlwan’ iyanetha.” Walek’umsundulu esithi: “Xa ndaqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaKristu, ndafumana amandla okuphila ngokuvisisana nemiyalelo eseBhayibhileni. Ndincedwe nayinkxaso endiye ndayifumana kwabanye. Iinzuzo ezifumaneka ngokukhonza uYehova ziye zandikhuthaza.” (Efese 6:10) UJelena uthi: “Luye lwaphucuka ulwalamano endinalo nomyeni wam nendlela endibaqeqesha ngayo abantwana bam.”
Umoya oyingcwele kaYehova onamandla unokukomeleza, ukukhuthaze ukuba uzikhumbule ezona zinto ziza kuqala ebomini bakho uze ‘uzongele ixesha’ lokukhonza uThixo, phezu kwabo nje ubunzima otyhubela kubo. (Efese 3:16; 5:15-17) UYesu wathi, “Izinto ezingenakwenzeka kubantu zinokwenzeka kuThixo.”—Luka 18:27.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
◼ Kutheni ukukhonza uThixo kufanele kube yinto yokuqala ebomini bakho?—INdumiso 116:12; Marko 12:30.
◼ Zintoni uThixo alindele ukuba uzenze?—Mateyu 28:19, 20; Yohane 17:3; Hebhere 10:24, 25.
◼ Unokuphumelela njani ekucwangciseni ezona zinto ziza kuqala ukuze ukholise uThixo?—Efese 5:15-17; Yakobi 4:8.
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Ukuze sikholise uThixo kufuneka silungelelane