Abantu Abaselula Bayabuza
Yintoni Endinokuyenza Ukuze Ndimkhonze Ngokonwaba UThixo?
UJosh, oneminyaka eli-16 ubudala ungqengqe ebhedini yakhe ngoxa unina emi emnyango. Uthi: “Phakama, Joshua! Uyazi ukuba simele siye kwiintlanganiso ngokuhlwanje!” UJosh uzalwa ngamaNgqina kaYehova yaye ukuya rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu yinxalenye yonqulo lwakowabo. Kodwa ke, mvanje uJosh uziva emadolw’ anzima ukuya kwezi ntlanganiso.
“Ey, Mama, kunyanzelekile na ukuba nam ndiye?” ukhalaza atsho.
Ephendula unina uthi, “Khawuyek’ ukumbombozela uhambe uye kunxiba. Sakuphinda sifike sekuqaliwe ngenxa yakho!” Emva koko unina uthi gwiqi ahambe.
Engekayi kude unina, uJosh ugqabhuka athi, “Mamela mama, usenokuba uyaluthanda wena olu nqulo lwakho, kodwa akunyanzelekanga ukuba nam ndiluthande.” Uqinisekile ukuba unina umvile, kuba unina uyema emva koko. Nakuba unina ekuvile oko kuthethwa nguJosh, akaphenduli kodwa uyaqhubeka nokuhamba.
UJosh unayo indawana yokuzisola ngale nto ayithethileyo. Eneneni, akazimiselanga kumkhathaza unina. Kodwa kwangaxeshanye akafuni kucela xolo. Kodwa nantsi into azimisele ukuyenza:
Encwina, uJosh uyaphakama aze aye kunxiba. Ethethela ngaphakathi uthi, “Imini iya kuze ibe nye ndizigqibele ngento endiza kuyenza. Akukho nto indifunayo kwiHolo yoBukumkani. Andifuni kuba ngumKristu mna!”
NGABA nawe ukhe waziva njengoJosh? Ngaba kukhe kuthi ngoxa abanye bebonakala bekhonza uThixo ngokonwaba, ube wena uziva ngathi udlulisa nje usana kunina? Ngokomzekelo:
◼ Ngaba ukufundisisa kwakho iBhayibhile ukufumanisa kufana nje nomnye umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya?
◼ Ngaba uba madolw’ anzima ukuya kushumayela kwindlu ngendlu?
◼ Ngaba uyadikwa ziintlanganiso zamaKristu?
Ukuba ikho onengxaki yayo kwezi zinto sizikhankanyileyo, musa ukulahla ithemba. Ukuba ungenza uhlengahlengiso nje oluncinane, uya kukunandipha ukukhonza uThixo. Makhe sibone indlela onokulwenza ngayo.
Ingxaki #1: Ukufundisisa IBhayibhile
Isizathu sokuba kungabi lula. Kungenzeka uvakalelwa kukuba ‘asiyonto yakho ukufunda.’ Ukufumanisa kunzima ukujonga nento enye ixesha elide—akukwazi ukuhlala uzole unikele ingqalelo. Ngapha koko, usalindelwe naziincwadi zesikolo.
Isizathu sokuba ufanele uyifundisise. IBhayibhile ayiphefumlelwanga nguThixo nje kuphela, kodwa “iluncedo ekufundiseni, ekuncedeni abantu nasekubalungiseni ize ibabonise indlela yokuphila.” (2 Timoti 3:16, iContemporary English Version) Ukufundisisa iBhayibhile uze ucamngce ngoko ukufundayo kunokukuvula amehlo kwizinto ezininzi. Nantsi eyona nyaniso: Akukho nto intle unokuyifumana ungakhange uyibilele. Ukuba ufuna ukuba yincutshe kumdlalo othile, kufuneka ufunde imigaqo yawo uze uwuqhelisele. Ukuba ufuna ukuhlala usempilweni, kufuneka uzilolonge. Kunjalo ke naxa ufuna ukwazi uMdali wakho, umele ufundisise iLizwi likaThixo.
Oko kuthethwa lolunye ulutsha. “Ukufika kwam kwisikolo samabanga aphakamileyo, kwafuneka ndenze izigqibo ezibalulekileyo. Abanye abantwana esikolweni babesenza yonk’ into kungakhathaliseki ukuba iphosakele kangakanani na, ibe ngenxa yoko kwafuneka ndizibuze le mibuzo: ‘Ngaba nam ndifanele ndizenze ezi zinto? Ngaba ngokwenene yinyaniso le ndiyifundiswa ngabazali bam?’ Kwafuneka ndizifumanele ezo mpendulo.”—UTshedza.
“Ndandikholelwa kona ukuba yinyaniso leyo ndandiyifundisiwe, kodwa kwakuza kufuneka ndikungqine ngokwam oko. Kwafuneka ndiyenze ibe lunqulo lwam—kunokuba ibe lunqulo lwasekhaya.—UNelisa.
Oko unokukwenza. Zenzele ucwangciso lokufundisisa oluza kulungela iimeko zakho. Zikhethele izinto ofuna ukufunda ngazo. Yiyiphi oza kuqala ngayo? Kutheni ungakhe umbe nzulu eBhayibhileni uze uhlolisise iinkolelo zakho, mhlawumbi usebenzisa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?a
Oko Ndiceba Ukukwenza. Ukuze wenze oku khangela imixholo yeBhayibhile emibini okanye emithathu ofuna ukufunda ngakumbi ngayo kule ingezantsi—okanye, ukuba uyafuna, uzibhalele eyakho.
□ Ngaba ukho uThixo?
□ Ndinokuqiniseka njani ukuba ababhali beBhayibhile babephefumlelwe nguThixo?
□ Kutheni ndifanele ndikholelwe ekubeni izinto zadalwa kunokukholelwa ukuba zazivelela?
□ Buyintoni uBukumkani bukaThixo, yaye ndinokukungqina njani ukuba bukho?
□ Ndinokuyichaza njani inkolelo yam ngokuphathelele oko kwenzeka ekufeni?
□ Ndinokuqiniseka njani ukuba luza kubakho uvuko?
□ Ndinokuqiniseka njani ukuba luluphi unqulo lokwenyaniso?
□ ․․․․․
Ingxaki #2: Ukuya Kushumayela
Isizathu sokuba kungabi lula. Ukuthetha nabanye ngeBhayibhile—okanye ukudibana nomntwana ofunda naye ngoxa ushumayela—kunokukothusa.
Isizathu sokuba ufanele ushumayele. UYesu wabayalela oku abalandeli bakhe: ‘Yenzani abafundi, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.’ (Mateyu 28:19, 20) Zikho nezinye izizathu zokuba sishumayele. Uhlolisiso lubonisa ukuba kwezinye iindawo ulutsha oluninzi luyakholelwa kuThixo naseBhayibhileni. Ukanti, olo lutsha alunathemba liqinisekileyo ngekamva. Ngokufundisisa kwakho iBhayibhile, uye wafumana inkcazelo oontanga bakho abaninzi abangenayo nabayifuna ngamandla.
Oko kuthethwa lolunye ulutsha. “Sinomhlobo wam sasilungiselela iintshayelelo eziluncedo, yaye safunda indlela yokuziphendulela xa sichaswa neyokwenza amabuyelo. Ndathi ndakuzimisela ngakumbi entsimini ndayinandipha gqitha.”—UNelisa.
“Ndiye ndancedwa gqitha ngomnye udade ongumKristu. Undishiya ngeminyaka emithandathu ubudala, yaye sidla ngokuya kunye entsimini size maxa wambi sitye kunye isidlo sakusasa. Uye andibonise izibhalo ezikhuthazayo nezindinceda ndilungise indlela endicinga ngayo. Ngoku kulula ukubonisa umdla ebantwini ngenxa yomzekelo wakhe omhle. Ndiswele amazwi okumbulela!”—UShontay.
Oko unokukwenza. Cela kubazali bakho ukuba ube nomntu osebandleni lenu, nomdala kunawe ngeminyaka oza kumana usiya kushumayela naye. (IZenzo 16:1-3) IBhayibhile ithi: “Intsimbi, ilolwa ngentsimbi. Ngoko umntu ulola ubuso bomnye.” (IMizekeliso 27:17) UAlexis oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Zininzi izinto onokuncedakala kuzo ngokunxulumana nabantu abadala kunawe nabanovimba wamava. Kuhlaziya ngokwenene oko.”
Oko ndiceba ukukwenza. Apha ngezantsi, bhala igama lomntu othile osebandleni lenu onokusebenza naye entsimini ongenguye umzali.
․․․․․
Ingxaki #3: Ukuya Kwiintlanganiso ZamaKristu
Isizathu sokuba kungabi lula. Emva kokuhlala esikolweni imini yonke, kusenokuba nzima ukuhlala uphulaphule intetho ezisekelwe eBhayibhileni kangangeyure okanye ezimbini.
Isizathu sokuba ufanele uye kwiintlanganiso. IBhayibhile iwabongoza oku amaKristu: “Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile ukwenjenjalo, kodwa masikhuthazane, ngokungakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.”—Hebhere 10:24, 25.
Oko kuthethwa lolunye ulutsha. “Nakanjani, umele uzilungiselele iintlanganiso zebandla. Maxa wambi kukhe kufuneke uzinyanzele ukuze ulungiselele. Xa uye wazilungiselela, zibangel’ umdla ngenxa yokuba uyakwazi oko kuxutyushwa apho, ibe nawe uba negalelo kuzo.”—UElda.
“Ndiye ndaphawula ukuba, xa ndigqabaza ezintlanganisweni ziye zibangel’ umdla kakhulu.”—UJessica.
Oko unokukwenza. Ziphe ixesha lokuzilungiselela kusengaphambili, uze xa ukwazi ugqabaze kwiintlanganiso. Oku kuya kukunceda uzive ubandakanyekile kuzo.
Umzekelo: Yiyiphi eba mnandi kuwe—ngaba kukubukela umdlalo othile kumabonwakude umdlalo okanye kukuya kuwudlala ebaleni? Lizicacele elokuba, ukuba nenxaxheba kuwo konwabisa ngaphezu kokuwubukela nje kuphela. Kutheni ungenzi okufanayo nje nakwiintlanganiso zamaKristu, ube nenxaxheba kuzo?
Oko ndiceba ukukwenza. Apha ngezantsi, bhala ixesha onokulichitha veki nganye ulungiselela iintlanganiso zebandla, imizuzu nje engama-30.
․․․․․
Ulutsha oluninzi luyakubona ukuba yinyaniso kwamazwi eNdumiso 34:8, athi: “Ngcamlani nibone ukuba uYehova ulungile.” Ngaba akuvuyisi ukubaliselwa ngokutya okuginyis’ iingwiqi? Kodwa ngaba ubungayi kuvuya ngakumbi xa ukungcamla ngokwakho? Kunjalo ke nokunqula uThixo. Ngcamla uze uzibonele indlela okunomvuzo ngayo ukuba nenxaxheba kwizinto zokomoya. IBhayibhile ithi lowo unganeli nje ukuva kodwa abe ngumenzi womsebenzi “uya kuba noyolo ekuwenzeni kwakhe.”—Yakobi 1:25.
Amanqaku angakumbi kungcelele oluthi “Abantu Abaselula Bayabuza” anokufunyanwa kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
OKO UMELE UCINGE NGAKO
◼ Yintoni enokubangela ukuba izinto zokomoya zibonakale ziyindinisa kumntu oselula?
◼ Kwezi nkalo zintathu zonqulo zixutyushwe kweli nqaku, yiyiphi ongathanda ukuphucula kuyo, ibe uza kukwenza njani oko?
[Umfanekiso okwiphepha 20, 21]
Ukuba ufuna ukuba nomzimba osempilweni umele uzilolonge. Ukuba ufuna ukuba sempilweni ngokomoya, kufuneka ufundisise iLizwi likaThixo