IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 8/08 iphe. 16-19
  • Uthando Olunamandla Kunenkanyamba!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uthando Olunamandla Kunenkanyamba!
  • Vukani!—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ‘Into Eye Yandivuyisa Ebomini’
  • Uchukumiseka Ngokwenene
  • ‘Siye Sabona Indlela UThixo Abanyamekela Ngayo Abantu Abasentlungwini’
  • “Ndineqhayiya Ngokuba LiNgqina LikaYehova”
  • ‘Ukholo Lwabo Lwasichukumisa’
  • Umsebenzi Wokunceda Abanye
    UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
  • Ukubonakaliswa Kothando—Umsebenzi Onzima Wokuhlangula
    Vukani!—2002
  • Ukuphulaphula Isilumkiso Kwandisindisa
    Vukani!—2006
  • Ukukhula Kunye Eluthandweni
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
Khangela Okunye
Vukani!—2008
g 8/08 iphe. 16-19

Uthando Olunamandla Kunenkanyamba!

Ngexesha lokuhlasela kweNkanyamba uKatrina noRita kwiGulf Coast eUnited States ngowama-2005, kwabakho intlekele enkulu kwaza kwafa abantu abaninzi. Phakathi kwabo bantu kwakukho namaNgqina kaYehova.

Iikomiti zoncedo ezithunyelwe yiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova yaseUnited States zaqalisa ukunceda abantu ngokukhawuleza. ELouisiana, kwamiselwa amaziko ali-13 okunikela uncedo, kwasi-9 kwakugcinwa impahla yokunceda, kwama-4 kugcinwa amafutha ezithuthi. Kwancedwa abantu abahlala kummandla ozizkwe-khilomitha ezingama-80 000. Kwafika amaNgqina amalunga ne-17 000 asuka mbombo zone zeUnited States nakwamanye amazwe ali-13 ukuze ancedise ekulungiseni izindlu. Oku kwabonisa ukuba uthando lwamaKristu lunamandla ngaphezu kweentlekele zemvelo.—1 Korinte 13:1-8.

La matsha-ntliziyo alungisa izindlu zabazalwana bawo ezingaphezu kwama-5 600 neendawo ezingama-90 ahlanganisana kuzo amaNgqina kaYehova ezibizwa ngokuba ziiHolo zoBukumkani. Oku kuthetha ukuba kwalungiswa zonke izakhiwo ezazonakele. Njengoko amaGalati 6:10 ebongoza amaKristu ukuba ‘enze okulungileyo kubo bonke,’ amaNgqina kaYehova anceda nabanye abangengomaNgqina.

ABO babencedisa kulo msebenzi kwafuneka bazincame; noko ke bafumana umvuzo omkhulu. Khawuphulaphule amagqabaza amaNgqina asixhenxe, awayekhokela kulo msebenzi.

‘Into Eye Yandivuyisa Ebomini’

URobert: Akukho nto iye yandivuyisa ebomini njengokusebenza kwikomiti yokunceda. Ndineminyaka engama-67 ubudala, yaye ndingoyena mdala kunawo onke amalungu ekomiti. Ndiye ndasebenza namatsha-ntliziyo amaninzi kuquka amaNgqina aselula nakhulileyo ngokomoya. Kukhuthaza ngokwenene ukubona abantu abaselula bebonakalisa umoya wokuzincama nothando ngoYehova nangamanye amaKristu!

Inkosikazi yam, uVeronica, iye yandinceda kakhulu. Ukuze sikwazi ukuba nenxaxheba kulo msebenzi wokunceda, iye yandixhasa kwisigqibo sam sokuyeka umsebenzi endiwenze ngaphezu kweminyaka engama-40. Ngoku sizixhasa ngokucoca iiofisi kube kanye ngeveki. Siye safunda ukuphila ubomi obulula. Ukusebenza nabazalwana noodade kusenze sakuqonda ngakumbi oko kuthethwa kukubeka uBukumkani bukaThixo kuqala. (Mateyu 6:33) Izihlandlo ezininzi siye sabona ukuba uYehova uyabanyamekela abantu bakhe.

UFrank: Ndinembopheleleko kwicandelo lokutya eBaton Rouge. Ekuqaleni, kwakufuneka silungiselele amatsha-ntliziyo ukutya kangangeeyure ezili-10 ukusa kwezili-12 ngosuku. Kodwa zininzi iintsikelelo esazifumanayo, kuquka ukuthandana kwamaKristu.

Amatsha-ntliziyo amaninzi awayesebenza kwicandelo lokutya kangangeveki, acela ukubuya, amanye ayethumela iipostcards amanye efowuna, evakalisa umbulelo ongazenzisiyo ngelungelo lokuncedisa kulo msebenzi. Mna nenkosikazi yam uVeronica siye sachukumiseka ngumoya wokuzincama wala matsha-ntliziyo.

Uchukumiseka Ngokwenene

UGregory: Mna nenkosikazi yam, uKathy, sathengisa umzi wethu, eLas Vegas, eNevada saza sathenga iveni nekharavan ukuze sihlale kuyo. Saphila ubomi obulula ukuze sikwazi ukwenza lo msebenzi eLouisiana kangangeminyaka engaphezu kwemibini. Siye sabuqonda ngakumbi ubunyaniso bamazwi eBhayibhile akuMalaki 3:10, athi: ‘“Ndivavanyeni,” utsho uYehova wemikhosi, “nize nibone enoba andiyi kunivulela kusini na amasango ezikhukula emazulwini ndize okunene ndiqongqothele phezu kwenu intsikelelo kude kungasweleki nto.”’

Sonwaba kakhulu xa abantu besithi, “Mhle umoya wokuzincama eniwubonakalisayo!” Kwiminyaka engama-30 eyadlulayo, sinoKathy sasinomdla wokuya kukhonza kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova yaseUnited States, kodwa sasisakhulisa abantwana. Umsebenzi wokunceda usenze sakwazi ukwenza okungakumbi enkonzweni kaThixo. Siye sanelungelo lokusebenza namaNgqina, amanye awo aneziphiwo ezikhethekileyo. Ngokomzekelo, omnye wabapheki wayefudula engumpheki kwivenkile yokutyela, ukanti omnye wayephekela oomongameli ababini baseUnited States.

Amatsha-ntliziyo amaninzi aye angenelwa ngokunzulu kulo msebenzi. Omnye umzalwana oneminyaka engama-57 ubudala uchukumiseka ngokwenene xa echaza uncedo awalwenzela amaxhoba enkanyamba. NamaNgqina angazange akwazi ukuza kuncedisa aba lukhuthazo. Ngokomzekelo, amatsha-ntliziyo amabini akwaziyo ukususa ukungunda asipha ikhadi elikhulu elalityotyelwe ngabazalwana noodade abakumabandla amathathu aseNebraska, kuquka abantwana.

‘Siye Sabona Indlela UThixo Abanyamekela Ngayo Abantu Abasentlungwini’

UWendell: Emva kwenkanyamba uKatrina ndacelwa lisebe laseUnited States ukuba ndiye kujonga umonakalo owenzekileyo kwiiHolo zoBukumkani nakwizindlu zamaNgqina kaYehova aseLouisiana naseMississippi. Ndaqala ngaloo ndlela ke ukubandakanyeka kulo msebenzi endiye ndafunda lukhulu kuwo. Kuba besihlala kwindawo abafuneka kakhulu kuyo abavakalisi boBukumkani kangangeminyaka engama-32, mna nenkosikazi yam uJanine siye sayibona indlela uYehova abanyamekela ngayo abantu bakhe. Kodwa ke ngoku siye sayibona nangakumbi inyameko kaThixo.

Ndikhonza eBaton Rouge njengosihlalo wekomiti yokunceda. Nangona lo msebenzi unzima, ndiye ndaneliseka. Eneneni, izihlandlo ezininzi siye sambona uThixo ecombulula iingxaki, evula amathuba, enyamekela nabantu abasentlungwini, nto leyo inokwenziwa kuphela nguBawo uSomandla onothando.

Abaninzi baye babuza, “Yintoni enincedileyo ninenkosikazi yakho ukuba niqhubeke nisenza lo msebenzi kule minyaka ingaphezu kwemibini?” Bekungelula. Kuye kwafuneka senze uhlengahlengiso olukhulu ebomini bethu. Kodwa ke, siye sangenelwa ngokuqhubeka ‘sineliso elingenakumbi.’—Mateyu 6:22.

Ekuqaliseni kwethu ukukhangela amaxhoba entlekele eNew Orleans, sasingafumani nethuba eli lokuphumla. Eyona nto yayisenza kube nzima nangakumbi kukuba, kwesi sixeko kwakungekho majoni, awayekho ngalawo ayethunyelwe ngenxa yokunqolotywa kwabantu ezitratweni. Umsebenzi wethu wawumkhulu kakhulu apho kangangokuba sasidinwa kakhulu.

AmaNgqina amaninzi alapho ayephulukene nezinto zawo. Sasithandaza kunye nawo sizama ukuwathuthuzela. UYehova wasinceda sakwazi ukuqalisa lo msebenzi. Ininzi kakhulu into endiye ndayifunda kule minyaka mibini ndilapha.

Bendidla ngokuthi xa kanye ndiziva ndiphelelwe ngamandla yaye ndidimazekile, kugaleleke amatsha-ntliziyo—amanye eze kuncedisa kangangeenyanga eziliqela, ukanti wambi ixesha elide kunoko. Kuye kwasikhuthaza kakhulu ukubona amatsha-ntliziyo onwabileyo nakhutheleyo, kuquka ulutsha oluninzi.

UYehova wayedla ngokusinceda. Ngokomzekelo, ukufika kwethu kule ndawo safumanisa ukuba izindlu zabazalwana bethu ezingaphezu kwe-1 000 ziwelwe yimithi. Ngenxa yokuba sasingenazo izixhobo nabantu bokususa loo mithi, sathandaza. Ngosuku olulandelayo kwafika umzalwana nelori eyayinezo zixhobo sasizifuna, eze kusincedisa. Ngeny’ imini umthandazo wethu waphendulwa kwimizuzu nje eli-15, ukanti ngesinye isihlandlo, sathi xa sisithi amen, wagaleleka omnye umzalwana ephethe kanye ezo zinto sasizifuna! Ngokwenene, uYehova wazingqina ‘engumphulaphuli wemithandazo.’—INdumiso 65:2.

“Ndineqhayiya Ngokuba LiNgqina LikaYehova”

UMatthew: Emva kokuhlasela kwenkanyamba uKatrina, ndenza amalungiselelo okuba kusiwe iitoni ezili-15 zokutya, amanzi nezinye izinto ezazifuneka kwindawo eyayithwaxwe yintlekele. Abantu bakaYehova babonakalisa ububele!

Ukuze sikwazi ukuncedisa apho, mna nenkosikazi yam, uDarline safudukela kummandla esasihamba iiyure ezimbini ukuya kufika kuwo. Elinye iNgqina elihlala apho lasinika umsebenzi wesingxungxo ukuze sikwazi ukuchitha ixesha elingakumbi kumsebenzi wokunceda. Elinye lasinika indawo yokuhlala. Ndikuxabisa kakhulu ukuba phakathi kwabazalwana abanothando ngolu hlobo yaye ndineqhayiya ngokuba liNgqina likaYehova.

UTed: Kungekudala emva kokuhlasela kweNkanyamba uKatrina, mna nenkosikazi yam, uDebbie saya kuncedisa apho. Kungentsuku zingaphi, ndafumana ikharavan encinane eziimitha ezisithoba ubude ngexabiso eliphantsi esakwaziyo ukulifikelela, nto leyo yabonisa ukuba umthandazo wethu uphenduliwe. Sele kudlule iminyaka emibini sihlala kule kharavan.

Sathabatha ikhefu saya kuthengisa indlu nempahla yethu eninzi, ukuze sikwazi ukusebenza ngokukhululekileyo eNew Orleans, apho ndingumalathisi khona. Eyona nto eye yasichukumisa kakhulu kukubona ukuba uYehova ‘unguThixo wentuthuzelo yonke’ kubakhonzi bakhe. Abaninzi baphulukana namakhaya abo neeHolo zoBukumkani yaye kwafuneka kwenziwe utshintsho emabandleni nakwindawo ababeshumayela kuyo iindaba ezilungileyo.—2 Korinte 1:3.

‘Ukholo Lwabo Lwasichukumisa’

UJustin: Ngo-Oktobha 2005 kwahlatyw’ ikhwelo kucelwa amatsha-ntliziyo ukuba aye kuncedisa kwiGulf Coast. Mna nenkosikazi yam uTiffany safaka isicelo ngokukhawuleza, yaye ngoFebruwari 2006 sabizwa ukuba siye kusebenza neqela elifaka uphahla eKenner kufuphi naseNew Orleans.

Kwindlu nganye esasiyilungisa kwakubakho namaNgqina asekuhlaleni, yaye sasichukumiseka lukholo lwawo nokuthembela kwawo kuThixo. Suku ngalunye sasibona ukuba ukuthembela kwizinto eziphathekayo bubudenge. Asinawo amazwi okuchaza uvuyo lokubona oko uYehova aye wakuphumeza esebenzisa abantu bakhe ukuba bancedane.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 18]

Oko Kwenziwayo Kwiziko Lokunceda

Abazalwana abasebenza ekhitshini kwiziko lokunceda baqala ukusebenza ngeye-4:30 kusasa. Ngeye-7:00 kusasa intsapho yabasebenzi ihlanganisana yonke kwigumbi lokutyela ukuze kuxutyushwe itekisi yosuku kangangemizuzu elishumi ngaphambi kokuba kutyiwe isidlo sakusasa. Umzalwana osingatha le ngxubusho wamkela nabasandul’ ukufika aze abalise amava akhuthazayo.

Emva komthandazo, kunanditshwa isidlo sakusasa kuze kuyiwe emsebenzini. Abanye bayasala benze imisebenzi yaseofisini, bahlambe iimpahla okanye basebenze ekhitshini. Abazalwana abaphekayo balungisa ukutya okulandwayo ngexesha lesidlo sasemini kusiwe kwiindawo ezahlukahlukeneyo ekusetyenzwa kuzo.

Ngokuhlwa ngoMvulo “intsapho” iyahlanganisana ukuze kuqhutywe isifundo seBhayibhile ngeMboniselo epapashwe ngamaNgqina kaYehova. Izifundo ezinjengesi ziyabanceda ukuze bahlale bomelele ngokomoya, nto leyo ebancedayo ukuba bawunandiphe umsebenzi wabo baze babe nembono efanelekileyo ngawo.—Mateyu 4:4; 5:3.

[Ibhokisi ekwiphepha 19]

“Bendinembono Ephosakeleyo Ngani”

Elinye ibhinqa elihlala eNew Orleans lalibhale la mazwi kumnyango walo: “AmaNgqina KaYehova Akamkelekanga.” Ngenye imini amatsha-ntliziyo aqalisa ukulungisa umonakalo owawubangelwe yinkanyamba kwikhaya elikufuphi nomzi walo. Yonke imihla lalibukela indlela ababethandana ngayo nababenobubele ngayo aba basebenzi. Kuba lifuna ukubona kakuhle oko kwakusenziwa laya kuloo ndlu. Lathi lakufumanisa ukuba ngamaNgqina kaYehova lawo, lachaza ukuba akukho namnye umntu wecawa yalo okhe walifowunela okoko kwehle le ntlekele. Lathi: “Kucacile ukuba bendinembono ephosakeleyo ngani.” Waba yintoni umphumo? Lawususa loo mbhalo wawusemnyango, laza lamema amaNgqina ukuba alityelele.

[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]

URobert noVeronica

[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]

UFrank noVeronica

[Umfanekiso okwiphepha 17]

UGregory noKathy

[Umfanekiso okwiphepha 17]

UWendell noJanine

[Umfanekiso okwiphepha 18]

UMatthew noDarline

[Umfanekiso okwiphepha 18]

UTed noDebbie

[Umfanekiso okwiphepha 18]

UJustin noTiffany

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share