Ukubonakaliswa Kothando—Umsebenzi Onzima Wokuhlangula
URICHARD VARA, umhleli onamava wephephandaba iHouston Chronicle, akangomntu ofane achukumiseke, kodwa kulo nyaka uphelileyo wachukumiseka. Wathi: “Ndiyaqala ukuyibona into enje! Andikholelwa.” Wayevakalelwa njengoLee P. Brown, usodolophu waseHouston, eTexas, eU.S.A. yena wathi: “Akwaba bonke abantu baseHouston bebenokuyibona le nto niyenzileyo. Ndichukumiseke ngokunzulu.” Yintoni eyabashukumisela ukuba bathethe ngale ndlela? Lo mhleli nalo sodolophu babegqabaza ngokuphathelele umsebenzi wokuhlangula owawenziwe ngamaNgqina kaYehova aseHouston. Wawuquka ntoni lo msebenzi? Kwakutheni ukuze ube yimfuneko? Yaye yintoni le yabangela ukuba abantu bachukumiseke kangaka? Ukuze ufumane impendulo, masiliqale ekuqaleni eli bali.
Iimpuphuma Ezoyikekayo
Ekuqaleni kukaJuni 2001, ummandla okumzantsi-mpuma weTexas wantlithwa kanobom sisaqhwithi esinamandla esibizwa ngokuba nguAllison. Emva koko, ngoLwesihlanu ngoJuni 8, uAllison weza nezandyondyo zemvula ezatsho ngesithonga esinye kangangeeyure ezingama-24 kwisixeko saseHouston—isixeko sesine kwezona zixeko zikhulu zelo.a Kungekudala amanzi angena ezivenkileni, eziofisini, nakumakhaya angamashumi amawaka. Oohola beendlela beso sixeko bafana nemilambo ephuphumayo, yaye iinqwelo-mafutha neelori ezinkulu zakhukuliswa ngaloo manzi. Kwakunzima nokuba iilori zabacimi-mlilo nezinye izithuthi zabahlanguli zihambe kwezo ndlela. Kwabizwa iihelikopta kunye neenqwelo ezinkulu zasemkhosini ukuze kuhlangulwe abantu.
Emva kokuba izulu lityhilile ngoMvulo, ngoJuni 11, kwafunyaniswa ukuba kukho abantu ababulewe nguAllison yaye ubangele nomonakalo omkhulu. Kwafa abantu abangama-22, kuquka amaNgqina kaYehova amabini: uJeffrey Green, umdala ongumKristu, nomlanyakazi wakhe uFrieda Willis.b Ngaphezu koko, amakhaya ekwakukho umonakalo kuwo ayemalunga nama-70 000, nto leyo yabangela ezi mpuphuma zaba yenye yeentlekele zemvelo ezonakalisa isixeko esikhulu. Imali eyachithwayo kulungiswa umonakalo owabangelwa nguAllison yaba malunga nee-$5 zamawaka ezigidi, ngenxa yoko esi saqhwithi saba yeyona ntlekele yabangela ukuba kuchithwe imali eninzi kwelo laseUnited States.
Amatsha-ntliziyo Amaninzi
Abantu babothuke ngeyona ndlela. Omnye umhlanguli wathi: “Iibhedi zabo zazimanzi. Iikhaphethi zazimanzi. Iifoto zabo zobuntwana nezabantwana babo zazimke namanzi.” Uninzi lwamaNgqina kaYehova angaphezu kwe-16 000 ahlala eHouston lwaluphulukene nezinto zalo. Kwabakho umonakalo kwiiHolo zoBukumkani ezisibhozo nakumakhulu amakhaya amaNgqina. Amanye ala makhaya ayethe gabhu ngamanzi; amanye ayezaliswe ngamanzi ukuya kutsho eluphahleni. Ewonke amabandla amaNgqina kaYehova awachaphazelekayo ngulo monakalo ayengaphezu kwama-80. Ukanti, loo maxhoba akazange ashiywe enyanyeni. Kwiintsuku nje ezimbalwa kwafika amatsha-ntliziyo amaninzi eze kuhlangula loo maxhoba. Kwenzeka njani oku?
Abadala abangamaKristu abakumabandla amaNgqina kaYehova aseHouston baqalisa ukuthabatha amanyathelo engekawuthi nokuwutha loo manzi. Omnye umdala wathi: “Abazalwana noodade wethu sabatsalela umnxeba saza sabatyelela. Emva koko sahlola umonakalo, yaye ngoMvulo ngoJuni 11, sasisele siyenzile ingxelo epheleleyo ngenani lamaxhoba, amakhaya onakeleyo nomonakalo owenzeke kuloo makhaya. Le ngxelo yathunyelwa kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova eBrooklyn, eNew York.” Kwiintsuku ezithile kamva, iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova yaseUnited States yaseka ikomiti yohlangulo eyayibunjwa ngabadala abasibhozo baseHouston, yakhupha nemali eyayiza kusetyenziswa kulo msebenzi. Wawuza kuba yintoni umsebenzi wale komiti? Yayiza kuthuthuzela amaxhoba ize ilungise naloo makhaya amaNgqina onakeleyo—amakhaya angaphezu kwama-700!
Amalungu eKomiti YamaNgqina KaYehova AseHouston Yowama-2001 eyayisandul’ ukusekwa azibuza, ‘Siza kuwuqala ngaphi lo msebenzi ungaka?’ Ayesebenza de kube sezinzulwini zobusuku elungiselela ukwenza lo msebenzi yaye atsalela umnxeba kumabandla amaNgqina angaphezu kwe-160 akummandla weHouston ukuba aze kuncedisa. Usihlalo wale komiti wathi: “Intsabelo yaba ntle ngendlela engummangaliso. NgamaNgqina angaphezu kwe-11 000 awabhalisa amagama awo, encama ixesha lawo nomsebenzi wawo, yaye ayencedisa ngesisa.”
Amatsha-ntliziyo Alwisana Nokungunda
Kwiintsuku nje ezimbalwa emva kwezo mpuphuma, amatsha-ntliziyo aqalisa ukusebenza kumakhaya anomonakalo, esusa ezo khaphethi zimanzi, elungisa imigangatho, iindonga, iikhabhathi, iingcango nayo yonke into eyayonakaliswe ngaloo manzi amdaka. Elinye itsha-ntliziyo lathi: “Silungisa amakhaya abazalwana bethu, kodwa sikwafuna nokukhusela impilo yabo.” Ekubeni kwakuza kukhawuleza kubekho ukungunda ezindongeni nasezikhabhathini, kwafuneka kuqale kususwe ukungunda kuloo makhaya.
Ukuze ikwazi ukuwenza kakuhle lo msebenzi, inkoliso yamaNgqina yacela ukuqeqeshwa yiFederal Emergency Management Agency (FEMA) umbutho karhulumente onceda ekuhlanguleni ngamaxesha entlekele. Emva koko, Ngqina ngalinye eliqeqeshwe yiFEMA lalithabatha amanye amatsha-ntliziyo alishumi liye kusebenza nawo kwikhaya elinomonakalo, yaye ayefundiswa indlela yokususa ukungunda. Ngosuku olulandelayo tsha-ntliziyo ngalinye kulawo alishumi asandul’ ukuqeqeshwa lalithabatha amanye amatsha-ntliziyo alishumi liye kusebenza nawo. Elinye itsha-ntliziyo lathi: “Kwiintsuku nje ezimbalwa, inani lamatsha-ntliziyo akwaziyo ukususa ukungunda lanyuka laya kutsho kumakhulu.” Loo matsha-ntliziyo alwisana ngokuphumelelayo noko kungunda! Emini kwakusebenza abo badla umhlala-phantsi nabakwishumi elivisayo abavalileyo esikolweni. Ebusuku, kwakungena amanye amatsha-ntliziyo aze aqale apho bebeyeke khona. Kwisithuba nje seeveki ezintandathu, onke loo makhaya amaNgqina ayenokungunda ayesele ecocekile.
Iziko Elikhulu Namanye Amaziko Amancinane Asixhenxe
Ngelo xesha, ikomiti yohlangulo yathenga iiplasterboard ezininzi nezinye izinto zokwakha. Kodwa ke zaziza kubekwa phi zonke ezi zinto? Esinye isithethi sekomiti yohlangulo sathi: “Wathi umphathi wenye inkampani akuva ngale ngxaki yethu wasinika imvume yokusebenzisa uvimba wakhe—ozizikwemitha ezingama-5 000—simahla!” Asizange sifake izinto zokwakha kuphela kuloo vimba, kodwa safumana nendawo yeofisi. Kungekudala, loo vimba waba liziko ekulawulwa kulo wonke loo msebenzi wokuhlangula, yaye apho kwakusebenza amatsha-ntliziyo amalunga nama-200 ukusa kuma-300 emini, ebusuku nangeempelaveki.
Ekubeni amakhaya anomonakalo ayethe saa kuwo wonke loo mmandla, kwasekwa amanye amaziko ohlangulo kwiiHolo zoBukumkani ezisixhenxe. Ngeempelaveki, ziko ngalinye lalizala qhu ngamatsha-ntliziyo. (Bona ibhokisi ethi “Iziko Ekusetyenzelwa Kulo”) Uninzi lwamatsha-ntliziyo lwalukhe lwasebenza kunye ngaphambili, lusakha iiHolo zoBukumkani kuloo ngingqi. Eneneni, amatsha-ntliziyo anobuchule bokwakha awayencedisa apho ayevela kwiiKomiti Zenqila Zokwakha ezili-11, eArkansas, eLouisiana, eOklahoma, naseTexas.c Kwiziko ngalinye, abo bakwaziyo ukuchwela, ukupeyinta, ukufakela imibhobho yamanzi, nabanye abasebenzi abangamagcisa babeqeqesha abanye.—Bona ibhokisi ethi “Inkqubo Yoqeqesho.”
Kucetywa Indlela Yokusebenza Ngekhompyutha
Amatsha-ntliziyo ayesebenzisa inkqubo yokwakha eyahlulahlulwe yangamacandelo asixhenxe. Kwakusisiwa izinto zokwakha kumakhaya amane awahlukahlukeneyo, yaye kwacetywa ukuba khaya ngalinye ligqitywe ukulungiswa kwisithuba seempelaveki ezintathu. Ngale ndlela, wonke umsebenzi wokuhlangula wawuya kugqitywa kwisithuba seenyanga ezintandathu.
Ukuze le ndlela iphumelele, ikomiti yaseka amasebe angama-22 kuquka abo babeza kusingatha zonke iinkcukacha eziphathelele lo msebenzi, abathengi, ababeza kulungiselela amagumbi nabaqhubi beelori. Onke loo masebe ayencedwa yinkqubo yokusebenza esekhompyutheni eyayilungiselelwe ngamatsha-ntliziyo. Ngaphambi kokuba kuqaliswe umsebenzi wokulungisa, amatsha-ntliziyo achitha iintsuku ezilishumi ebhala inkcazelo ekhompyutheni. Ngokutsho kwenye ingxelo yeendaba, “ukufaka le nkcazelo ekhompyutheni kwaba ngowona msebenzi mkhulu.” Noko ke, emva kweentsuku ezilishumi le nkcazelo yaba luncedo ngeyona ndlela. Le nkcazelo yayibonisa ixesha ayeza kufumaneka ngalo amatsha-ntliziyo ali-11 000, uhlobo lobugcisa analo nendlela yokuqhagamshelana nawo. Le nkcazelo yayibonisa nezinto ezazifuna ukulungiswa kwikhaya ngalinye, izinto zokwakha ezifunekayo, nezinye iinkcukacha eziphathelele loo makhaya onakeleyo. Le nkcazelo yayigqalwa “njengondoqo kulo msebenzi wokuhlangula.”
Bachukumiseka Yaye Baba Nombulelo
Ukuze abone indlela awayeza kuwulungisa ngayo umonakalo, amatsha-ntliziyo aya kumakhaya ekwakususwe ukungunda kuwo nalawo ayesele omile. Esinye isithethi sathi: “La matsha-ntliziyo ayehlolisisa zonke izinto eziza kufuneka xa kulungiswa lo monakalo nditsho nezikhonkwane ezi. Sasingafuni kwenza nkcitho ngemali okanye ngezinto zokwakha ezazinikelwe ngabantu.” Kwangaxeshanye, amanye amatsha-ntliziyo afumana imvume yokuqhubeka nalo msebenzi kubaphathi besixeko.
Emva koko, iintsapho ezazinamakhaya onakeleyo zacelwa ukuba ziye kukhetha iikhaphethi, iikhabhathi, iitapeti nezinye izinto. Amaxhoba ezi mpuphuma ayechukumiseke gqitha yaye ayengakwazi ukuzibamba xa ebona yonke loo nto ayenzelwayo. Loo maxhoba ayefumana namacebiso kumatsha-ntliziyo anolwazi ngemibandela ephathelele i-inshorensi nemithetho ethile karhulumente. Emva koko, kwalungiselelwa ukuba kulungiswe loo makhaya onakeleyo, yaye xa amaqela enza lo msebenzi efuna izinto zokwakha, zazisiziswa ngelori ngamanye amatsha-ntliziyo. Enye indoda engeloNgqina, eyalungiselwa indlu yayo yathi kwinkosikazi yayo eliNgqina: “Aba bazalwana bakho bayandimangalisa. Lithi ligqiba nje elinye iqela, kube kungena elinye. Baququzela okweembovane!”
Khaya ngalinye laligqitywa ukulungiswa ngeempelaveki ezintathu. Usihlalo wekomiti wathi: “Kodwa maxa wambi kwakuphela iiveki ezintlanu nezisibhozo kulungiswa indlu enye.” Amatsha-ntliziyo ayedla ngokubona nomnye umonakalo kwiindonga zezindlu ayezilungisa, yaye ayeqala alungise loo monakalo ngaphambi kokuba aqhubeke nomsebenzi wawo. Elinye igcisa letsha-ntliziyo lathi: “Maxa wambi sasiye sifike kuzele iintubi, yaye sasiqinisekisa ukuba siyazibulala. Sasilungisa neentsika zendlu. Xa sigqiba kulungisa ezo zindlu zaziba ngathi zintsha.” Lithetha nomnye umntu owayelityelele, elinye ixhoba lezo mpuphuma laveza indlela olwaluvakalelwa ngayo uninzi lwabanini bezo zindlu: “Indlu yam ngoku intle nangaphezu kokuba yayinjalo ukuyithenga kwam!”
Ukutya Okwakulungiswa Ngokukhawuleza
Iqela lamaNgqina lasebenzisa uvimba ongasemva kweHolo Yobukumkani ukuze lilungiselele amatsha-ntliziyo ukutya. AmaNgqina akulo lonke elo anikela ngeefriji, izikhenkcisi, oomatshini bokuhlamba izitya, izitovu nezinye izinto ezisetyenziswa ekhitshini. Rhoqo ngeMigqibelo nangeeCawa, abantu abafundele ukupheka abali-11 namatsha-ntliziyo amalunga nama-200 ayelungiselela ukutya kuloo ndawo. Elinye itsha-ntliziyo elalisongamela kulo msebenzi wokupheka lathi: “Besisoloko siphekela abantu abakha iiHolo zoBukumkani kangangeminyaka eli-19, kodwa lo ngowona msebenzi mkhulu sakha sawenza.”
Oko kutya kwakufakwa kwiibhokisi ezinkulu zokufaka ukutya ezili-120. Emva koko zazithuthwa ngeenqwelo-mafutha ezingama-60 zisiwe kuwo onke amaziko amancinane nakwiziko elikhulu. Qela ngalinye labo basebenzi, lalithumela umntu aye kulanda ukutya kwiziko elikufuphi. Lalityela kwakuloo ndawo lisebenzela kuyo lize liphinde liqale apho beliyeke khona.
Umsebenzi Ugqityiwe!
Ekugqibeleni, ngoAprili 2002, amatsha-ntliziyo ali-11 700 awugqiba loo msebenzi, ongomnye wemisebenzi yokuhlangula eyenziwa ngamaNgqina kaYehova owathabatha ixesha elide. La matsha-ntliziyo achitha isi-1 000 000 seeyure kumsebenzi wokulungisa nowokwakha iiHolo zoBukumkani ezisi-8 namakhaya angama-723. Elinye ixhoba lavakalisa umbulelo elalinawo lona namanye amaxhoba yaye lintywizisa lathi: “Ndinombulelo ngenxa yoncedo esilufumene kuYehova nakumatsha-ntliziyo. Kuyathuthuzela ukuba yinxalenye yabazalwana abanothando!”
[Imibhalo esemazantsi]
a Abantu baninzi ngeyona ndlela eNew York, eLos Angeles naseChicago. Abemi besixeko saseHouston bamalunga nezi-3 500 000 yaye eso sixeko singaphantsi kancinane kunephondo laseGauteng.
b Kwinkonzo yomngcwabo kaJeffrey noFrieda kwakuze abahlobo babo abali-1 300. Oko kwamthuthuzela kakhulu uAbigail—inkosikazi kaJeffrey engudade boFrieda.
c Ngokuqhelekileyo iiKomiti Zenqila Zokwakha zakha iindawo zokuhlanganisana zamaNgqina kaYehova.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 15]
IZIKO EKUSETYENZELWA KULO
Yintsimbi yesi-7:00 kusasa ngoMgqibelo, kwiZiko Lokusebenzela lesi-4 elikumntla-mpuma Houston. Amatsha-ntliziyo anandipha unxulumano, ayancokola, atsho ngentswahla yentsimi, aphunga ikofu atya needoughnut kwiHolo yoBukumkani. Abanye bahambe amakhulu eekhilomitha ukusuka kumakhaya abo. Kodwa nge-7:30 kusasa, loo ncoko imnandi iyaphela, aze umveleli weli ziko axubushe itekisi esekelwe eBhayibhileni. Wenza nesaziso sokuba iSifundo seMboniselo siza kuqhutywa nge-7:30 kusasa ngeCawa, ngaphambi kokuba loo matsha-ntliziyo aye kwiindawo asebenza kuzo, uyawakhuthaza ukuba onke agqabaze kweso sifundo ngesiNgesi okanye ngeSpanish. Udlulisa nemibuliso evela kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova, yaye emva koko bonke baqhwaba izandla.
Emva koko umveleli weli ziko uchaza ngenkqubela eyenziweyo kulo msebenzi wokuhlangula aze abulele amatsha-ntliziyo ngenxa yokuzinikela kwawo. Uyabuza: “Ngaba ukho umntu ongazaziyo ukuba uza kusebenza phi namhlanje?” Akukho mntu uphakamisa sandla. “Ngoobani abaza kufuna ukutya?” Bonke baphakamisa izandla kuze emva koko kutsho intsini. Ekugqibeleni, kuyathandazwa aze amatsha-ntliziyo angama-250—amadoda, amabhinqa, abasebatsha nabakhulileyo—anduluke ukuya kwiindawo asebenza kuzo.
Kwenzeka into efanayo nakwamanye amaziko okusebenza amathandathu nakwiziko elikhulu. Kwangaxeshanye, abo basebenza ekhitshini sele beqalisile ukupheka—kaloku, namhlanje emini amatsha-ntliziyo angaphezu kwama-2 000 aseHouston aza kuba elambile!
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 16]
INKQUBO YOQEQESHO
Ngoxa kwakusenziwa lo msebenzi wohlangulo, amatsha-ntliziyo anobugcisa ayeqeqesha abo bangenabuchule bokusebenza. Abanye baqeqeshelwa ukususa ukungunda. Abanye bafunda umsebenzi wokwakha nowokufaka iikhabhathi. Ukanti abanye bafunda ukusamenta nokupeyinta. Le Nkqubo Yokuqeqesha yayifotwa ngevidiyo, zize ezo vidiyo zisetyenziswe ekuqeqesheni amatsha-ntliziyo angakumbi kwamanye amaziko. Elinye ilungu lekomiti yokuhlangula lathi: “Kolu qeqesho sasiqinisekisa ukuba la matsha-ntliziyo siwafundisa ukwenza umsebenzi okumgangatho ophezulu.”
[Umfanekiso]
Abo banobugcisa bafundisa abanye
[Ibhokisi ekwiphepha 18]
‘OWONA MSEBENZI KATHIXO’
Elinye ilungu lekomiti yohlangulo lathi: “Iinkampani zeinshorensi zithi iintlekele zemvelo yimisebenzi kaThixo.” Lalek’ umsundulo ngelithi: “Noko ke, amatsha-ntliziyo ebesebenza apha kuzo zonke ezi nyanga angowona msebenzi kaThixo. Abazalwana bethu bayamangalisa!” Ebudeni balo msebenzi wohlangulo, amatsha-ntliziyo awayesiza kusebenza ngeempela-veki ayesiba ngama-2 500 nangaphezulu. Usihlalo wekomiti yohlangulo wathi: “La matsha-ntliziyo angahlawulwayo ancame ukuya kwiiholide, ahlengahlengisa imicimbi yemizi yawo yaye abekele bucala izinto zawo ukuze ancedise komnye weyona misebenzi yohlangulo mikhulu yakha yenziwa ngamaNgqina kaYehova.”
Kwafuneka abantu bancame izinto ezithile ngenxa yomsebenzi wohlangulo owathabatha ixesha elide. Elinye itsha-ntliziyo elalikho xa kwakuqaliswa lo msebenzi nelancedisa de waya kugqitywa lalisebenza iiyure ezingama-50 ngeveki kumsebenzi walo wempangelo. Kodwa veki nganye, lalichitha iiyure ezingama-40 kumsebenzi wohlangulo. Lathi: “Amandla okwenza oku ndiwafumene kuYehova. Abantu endiqhelene nabo badla ngokundibuza, ‘Uyahlawulwa ngokwenza lo msebenzi?’ Ndiye ndithi kubo, ‘Lo msebenzi andiwenzi kuba ndifuna imali.’” Emva kokusebenza iveki yonke kumsebenzi wempangelo, ngeempelaveki, enye intsapho yayihamba ngenqwelo-mafutha iikhilomitha ezingama-800 ukusuka eLouisiana nokubuyela khona ize kuncedisa kumsebenzi wokuhlangula. Abaninzi babeqalisa kwangonyezi basebenze de kube ngokuhlwa, baze emva koko bagoduke. Elinye iqela lamatsha-ntliziyo anobugcisa angama-30 elalidla ngokuhamba ngenqwelo-mafutha iiyure ezilishumi lathi: “Asizisoli ngokwenjenjalo.” Elinye itsha-ntliziyo laliphuma nge-3:30 emva kwemini kumsebenzi walo wempangelo liye kusebenza kwiziko ekulawulwa kulo lo msebenzi de kube yintsimbi ye-10:00 ebusuku. Lalincedisa nangeempelaveki. Lathi: “Kuyandivuyisa ukusebenza apha.”
Eneneni, la matsha-ntliziyo nawo onke amanye ayezimisele ukunceda ngenxa yothando analo ngabazalwana—uphawu olwahlula amaKristu okwenene. (Yohane 13:35) Emva kokutyelela iziko ekulawulwa kulo lo msebenzi, usodolophu waseHouston wachukumiseka waza wathi kwiqela lamaNgqina elalilapho: “Nenza oko uThixo athi masikwenze. Nenza oko nikukholelwayo.”
[Umfanekiso okwiphepha 14, 15]
Ukugutyungelwa kweHouston ziimpuphuma ngoJuni 9, 2001
[Inkcazelo]
© Houston Chronicle
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Oohola beendlela bafana nemilambo
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Amanzi angena ezindlwini
[Imifanekiso ekwiphepha 17]
Inxalenye yamawaka amaNgqina ayengamatsha-ntliziyo
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Abo babesebenza ekhitshini balungiselela ukutya okungaphezu kwekota yesigidi!
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 13]
NOAA