Sinokulufumana Phi Ukhokelo?
NGUBANI onokusibonisa indlela yokufumana impumelelo yokwenene—kungekhona eyezinto eziphathekayo kodwa eyeempawu zobuntu? Njengoko kuchaziwe kwinqaku elingaphambili, impumelelo yokwenene imele isekelwe kwimilinganiselo yokuziphatha nasekuphileni ubomi obunenjongo—nto ezo zingaxhomekekanga kudumo, ubutyebi okanye igunya.
Sinokuyifumana phi imilinganiselo esinokuyithemba neempendulo zemibuzo esinayo ngokuphathelele injongo yobomi? Ngaba sinokuxhomekeka kwiimbono zethu? Liyinyaniso elokuba njengabantu abangafezekanga, sinotyekelo oluphosakeleyo nto leyo enokusikhokelela ekwenzeni izigqibo zobuyatha. (Genesis 8:21) Ngenxa yoko, abantu abazizigidi basaqhubeka besukela izinto ezililize, ezo iBhayibhile izibiza ngokuba ‘yinkanuko yenyama nenkanuko yamehlo nokuqhayisa ngezinto zobu bomi.’ (1 Yohane 2:16) Le asiyondlela yokufumana impumelelo yokwenene kunoko umntu uye abe nethemba lokuba izinto ziza kumhambela kakuhle suke adane yaye angonwabi. Kungenxa yoko le nto abaninzi befuna ukhokelo loMdali ukuze bafumane iimpendulo zemibuzo enzulu ngokuphathelele ubomi.a
Ngaba Sifanele Salathiswe NguThixo?
Kutheni sifanele salathiswe nguMdali? Uyasazi isizathu sokuba asidale, ngoko nguye oyaziyo nenjongo yobomi. Uyayazi nendlela awasibumba ngayo—umzimba, ingqondo neemvakalelo. Ngenxa yoko uThixo uyazi kakuhle imigaqo esifanele siphile ngayo. UThixo ungumzekelo obalaseleyo wothando yaye ufuna sonwabe ngokwenene size siphumelele. (1 Yohane 4:8) Sinokulufumana phi ukhokelo lwakhe lothando? KwiBhayibhile Engcwele, leyo uThixo wasilungiselela yona esebenzisa abantu abanga-40 ukuba bayibhale.b (2 Timoti 3:16, 17) Noko ke, sinokuqiniseka njani ngokhokelo esilufumana kule ncwadi?
UYesu Kristu ongummeli oyintloko kaThixo wathi: “Ubulumko bungqineka bububulungisa ngemisebenzi yabo,” okanye ngemiphumo. (Mateyu 11:19; Yohane 7:29) Ubulumko obuvela kuThixo bukhokelela kwimpumelelo nolonwabo lokwenene—“ikhondo lokulungileyo liphela”—ngoxa ubulumko babantu bokugatya uThixo bukhokelela kwilize nonxunguphalo.—IMizekeliso 2:8, 9; Yeremiya 8:9.
Cinga nje ngoko kwakusenzeka ngexesha lamahippie, awaqala ukubakho ngeminyaka yee-1960. Eli qela lalichasene nokuphila ngemilinganiselo nokuzithoba kubantu abadala, abaninzi kulo babekhuthaza ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi yaye bekholelwa ukuba umntu umele enze unothanda angazikhathazi ngoko kuya kwenzeka ngomso aze aziphathe nokuba kukanjani na ngokwesini. Ngaba loo ndlela yokuphila yayibonisa ukuba balumkile ngokwenene? Ngaba oko kwabangela ukuba abantu baphile ubomi obunenjongo yaye babe nemilinganiselo ezisa uxolo lwengqondo nolonwabo lokwenene? Kuyabonakala ukuba le ndlela yokuphila ayizange ibuphucule ubomi babantu kunoko yabangela ukuqaqadeka.—2 Timoti 3:1-5.
Ngokwahlukileyo kwiingcamango zabantu, ubulumko obuvela eBhayibhileni buye bangqineka buyingenelo. (Isaya 40:8) Xa ufunda inqaku elilandelayo, mhlawumbi uya kusibona isizathu soko, kuba kweli nqaku kuxutyushwa ngemilinganiselo emithandathu yeBhayibhile encede izigidi zabantu abaphuma phantse kwiintlanga zonke, ukuba bonwabe ngokwenene yaye baphumelele—kungakhathaliseki ukuba banemali na okanye akunjalo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Funda ibhokisi ethi “Iinkolelo Ezisingela Phantsi Impumelelo Yokwenene.”
b Funda inkupho ekhethekileyo yeli phephancwadi kaNovemba 2007, enomxholo othi “Ngaba Unokuyithemba IBhayibhile?” Kumanqaku akwelo phephancwadi kuxutyushwa ubungqina bezinto zakudala, bembali, benzululwazi nobunye, ukubonisa ukuba iBhayibhile iphefumlelwe nguThixo ngokwenene.
[Ibhokisi ekwiphepha 5]
IINKOLELO EZISINGELA PHANTSI IMPUMELELO YOKWENENE
Abantu abaninzi bathi uThixo akakho, yaye ubomi bavela kwindaleko. Ukuba oku bekuyinyani, bekuya kuthetha ukuba ubomi bavela nje ngamabona-ndenzile, yaye ngenxa yoko besingayi kuyifumana injongo yobomi nemilinganiselo esifanele siphile ngayo.
Abanye bakholelwa ukuba uThixo wasidala waza wasishiya kwesinomhlwa. Eneneni, oku kuthetha ukuba siziinkedama yaye asinakuyifumana injongo yobomi nomthombo wemilinganiselo efanelekileyo. Khawucinge ngoku: UThixo wadala zonke izilwanyana zanethuku. Ngenxa yoko, siyakwazi ukubona ubulumko bakhe kwindalo yonke. Ngaba uMdali onjalo ubeya kusiyeka sizibonele? Akunjalo!—Roma 1:19, 20.
Iingcamango zokungakholelwa kuThixo zibangela kuvakale ngathi asinakuyifumana eyona njongo yobomi, singenakuyazi neyona milinganiselo ifanelekileyo yokuphila nto leyo ethetha ukuba abantu bafanele basukele ubutyebi nodumo.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Ubulumko obufumaneka eBhayibhileni buye bangqineka buyingenelo ngenxa yemiphumo emihle