Abantu Abaselula Bayabuza
Ngaba Ndimele Ndimxele Umhlobo Wam?
“Kwakunzima kakhulu. Lo mntu wayengumhlobo wam osenyongweni.”—UJames.a
“Kuqala kwakunzima nyhani. Abahlobo bam babengandamkeli, kuba ndaye ndabaxela.”—UAnn.
IBHAYIBHILE ithi: “Kukho umhlobo onamathela ngokusondele ngakumbi kunomntakwenu.” (IMizekeliso 18:24) Ngaba unaye umhlobo onjalo? Ukuba kunjalo, ufumene into exabiseke ngokwenene.
Kodwa kuthekani xa umhlobo wakho othi ungumKristu enze into ephosakeleyo? Ngokomzekelo, kuthekani ukuba uye wabandakanyeka ekuziphatheni okubi, ukutshaya, ukusela utywala ngokungekho mthethweni, ukusebenzisa iziyobisi, okanye esinye isono esinzulu? (1 Korinte 6:9, 10; 1 Timoti 1:9, 10) Umele wenzeni? Ngaba umele umbuze umhlobo wakho? Uxelele abazali bakho? Uchazele abazali bakhe? Uchazele umdala webandla ngesi siphoso?b Ukuba uyayichaza le nto kuza kwenzeka ntoni kubuhlobo benu? Ngaba kubhetele ukukugcina kuyimfihlelo oku?
Ngaba Ndimele Ndithethe Okanye Ndithule?
Sonke siyazenza iimpazamo. Enyanisweni, iBhayibhile ithi: “Bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.” (Roma 3:23) Kodwa ke, abanye baye babandakanyeka kwizono ezinzulu. Abanye baye ‘baqutyulwa sisiphoso’ esinokubafaka engxakini xa singalungiswanga. (Galati 6:1) Khawucinge ngale nto yenzekayo.
◼ Omnye umKristu oselula ogama linguSusan wafumanisa ukuba umhlobo wakhe, okwangumKristu naye, uneWeb page enemifanekiso engamanyala nomculo ongcolileyo.
Khawucinge ngoku: Ubunokwenza ntoni ukuba ubunguSusan? Ngaba ikho into obunokuyenza? Okanye ubuya kugqiba kwelokuba into ayifake kwi-Web page yakhe ayifuni wena? Ukuba uSusan ebenokukucela ukuba umcebise, ubunokuthini kuye?
․․․․․
Oko kwenziwa nguSusan: Emva kokucingisisa ngalo mba, uSusan wagqiba kwelokuba athethe nabazali bomhlobo wakhe. “Ndandisoyika ukubaxelela kuba nabo ngabahlobo bam. Kwakunzima kangangokuba ndasuka ndalila.”
Ucinga ntoni? Ngaba uSusan wenza into efanelekileyo? Okanye kwakubhetele ukuba athule?
Ukukunceda ucingisise ngalo mba, qwalasela oku:
Umhlobo wokwenene ebeya kwenza ntoni? IMizekeliso 17:17 ithi: “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.” Xa ubani elandela ikhondo elinxamnye nomgaqo weBhayibhile, enoba uyayazi okanye akayazi loo nto, ‘ubandezelekile.’ Ngoxa kungafanelekanga “ukuba lilungisa kakhulu” ngokwenza izinto ezincinane zibe ngathi zinkulu, umhlobo wokwenene akayi kukuqwabazel’ iliso ukuziphatha okubi komKristu. (INtshumayeli 7:16) Akunakusuka uthule nje.—Levitikus 5:1.
Kuthekani ukuba ubungumzali? Zibuze: ‘Ukuba bendingumzali, yaye unyana okanye intombi yam ibinemifanekiso engamanyala kwi-Web page yayo, ngaba bendingayi kufuna ukuyazi loo nto? Bendinokuvakalelwa njani ukuba unyana okanye intombi yam ibinomhlobo obeyazi le nto aze angandixeleli?’
Kuthekani ngemilinganiselo kaThixo? Eli asiloxesha lakuthula. Kunoko kufuneka unamathele kwimigaqo kaThixo eseBhayibhileni. Eneneni, xa umela oko kulungileyo, uyenza ibe nemihlali intliziyo yoMdali wakho. (IMizekeliso 27:11) Ukongezelela koko, uziva wanelisekile, kuba uye wenza into enokunceda umhlobo wakho.—Hezekile 33: 8.
‘Ixesha Lokuthetha’
IBhayibhile ithi “kukho ixesha lokuthi cwaka nexesha lokuthetha.” (INtshumayeli 3:7) Abantwana abaselula abasoloko beyazi into efanelekileyo abafanele bayenze. Xa umhlobo wabo esenza into ephosakeleyo, bathi: ‘Andifuni ukufaka umhlobo wam engxakini’ okanye ‘Andifuni andiqumbele umhlobo wam.’ Ukuba bekunjalo, bekuya kuba lula ukugqiba kwelokuba eli ‘lixesha lokuthi cwaka.’
Kodwa ke, njengoko usiya ukhula, ubona izinto ngeliso lomntu omdala. Uyaqonda ukuba umhlobo wakho usengxakini, ufuna uncedo—yaye nguwe onokumnceda. Unokwenza ntoni xa ufumanisa ukuba umhlobo wakho uye wabandakanyeka kwisenzo esinxamnye nemithetho okanye imigaqo yeBhayibhile?
Okokuqala, qinisekisa ukuba oko ukuvileyo kuyinyaniso. Kusenokwenzeka ukuba ngamarhe nje obuxoki. (IMizekeliso 14:15) UKatie okwishumi elivisayo uthi: “ Umhlobo wam waxoka ngam, yaye abantu abasondele kum bakukholelwa oko. Ndandisoyika ndicinga ukuba abantu abasoze bandithembe!” IBhayibhile yaprofeta ngoYesu yathi akayi “kohlwaya ngokwento nje eviwe ziindlebe zakhe.” (Isaya 11:3) Sifunda ntoni koku? Musa ukukhawuleza ukholelwe ukuba oko ukuvileyo yinyaniso. Zama ukufumana izibakala. Khawucinge ngale nto yenzekayo.
◼ UJames ekuthethwe ngaye ekuqaleni kweli nqaku, weva ukuba umhlobo wakhe usebenzise iziyobisi kwitheko ebekulo.
Khawucinge ngoku: Ukuba ubunguJames ubunokwenza ntoni? Ubunokwazi njani ukuba oko ukuvileyo yinyaniso?
․․․․․
Oko kwenziwa nguJames: Kuqala, uJames wenza ngathi akayivanga loo nto okanye akayazi. Uthi: “Kodwa ndatyiwa sisazela. Ndandisazi ukuba ndimele ndithethe nomhlobo wam ngale ngxaki.”
Ucinga ntoni? Ziziphi iingenelo zokuthetha nomKristu ekuthiwa uye wabandakanyeka kwisono esinzulu?
․․․․․
Ukuba ukufumanisa kunzima ukwenza oku, ngawaphi amanye amanyathelo onokuwathabatha?
․․․․․
Umhlobo kaJames wavuma ukuba uye wazisebenzisa iziyobisi kwitheko ebekulo. Kodwa wamcenga uJames ukuba angaxeleli mntu. UJames wayefuna ukwenza oko kufanelekileyo. Wayefuna ukuba nomhlobo wakhe enze oko kufanelekileyo. Wamxelela ukuba umnika iveki ukuba achazele abadala bebandla ngalo mba. UJames wathi ukuba akakwenzanga oko, uza kuyichaza ngokwakhe le nto.
Ucinga ukuba oko kwenziwa nguJames kwakufanelekile? Kutheni ucinga njalo?
․․․․․
Umhlobo kaJames akazange aye kubadala, ngoko uJames waya kubadala. Emva koko, umhlobo wakhe waqonda ukuba oko wayekwenzile kuphosakele. Wancedwa ngabadala wabona ukuba ufanele aguquke, aze omeleze ulwalamano lwakhe noYehova.
Ngaba Uyimpimpi?
Usenokubuza: ‘Akuyi kuthiwa ndiyimpimpi xa ndimxela umhlobo wam? Bekungayi kuba lula ukwenza ngathi andazi nto kwaphela?’ Ukuba uzifumanisa ukwimeko efanayo, unokwenza ntoni?
Okokuqala, umele uqonde ukuba akusoloko kulula ukwenza into efanelekileyo. Kufuneka ube nenkalipho ukuze ukwazi ukuxela umhlobo wakho. Kutheni ungawuthandazeli kuThixo lo mbandela? Mcele akuphe ubulumko nenkalipho. Uya kukunceda.—Filipi 4:6.
Okwesibini, cinga ngendlela oya kumnceda ngayo umhlobo wakho. Ngokomzekelo, masithi wena nomhlobo wakho nihamba entabeni, aze akhubeke awe. Ngokuqinisekileyo, umhlobo wakho ebeya kulufuna uncedo. Kuthekani ukuba, ngenxa yeentloni, uthi uza kuzinyukela? Ubungamvumela na ukuba abeke ubomi bakhe esichengeni ngale ndlela?
Iyafana le meko naxa umhlobo wakho ebandakanyeke kwihambo engawafanelanga amaKristu. Usenokucinga ukuba unako ukuchacha ngokomoya engafumananga ncedo. Kodwa bubudenge obo. Eneneni, umhlobo wakho usenokuba neentloni ngento ayenzileyo. Kodwa ukuba ‘ucela uncedo’ unokumsindisa umhlobo wakho!—Yakobi 5:15.
Ngoko ke, musa ukoyika ukusichaza isiphoso somhlobo wakho. Xa umfunela uncedo ubonakalisa ukunyaniseka kuYehova uThixo nakumhlobo wakho, yaye usenokukubulela ngenye imini ngendlela oye wamnceda ngayo.
Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” afumaneka kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype
[Imibhalo esemazantsi]
a Amagama kweli nqaku atshintshiwe.
b Phakathi kwamaNgqina kaYehova, kukho abadala abanikela uncedo lokomoya kwabo baye bawela esonweni esinzulu ukuze bomeleze ulwalamano lwabo noThixo.—Yakobi 5:14-16.
OMELE UCINGE NGAKO
◼ Xa uxela umhlobo wakho, ubonisa njani ukuba unyanisekile kuye?
◼ Ngabaphi abantu abaseBhayibhileni ekwafuneka bazingqine benyanisekile kubahlobo babo? Unokufunda ntoni kubo?
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Ukuba umhlobo wakho uye wabandakanyeka kwihambo engawafanelanga amaKristu, umele uqiniseke ukuba ufumana uncedo