Ukukhohliswa Zizibhengezo
NGUMBHALI KAVUKANI! EPOLAND
UTomek ujonge umabonwakude yaye uthabathekile. Uthe nta iindlebe, uphulaphule esi sibhengezo sentengiso: “Xa unyana wakho enxibe le uya kuba yinjuze kwezemidlalo aze athandwe ngabahlobo bakhe. Umele uyithenge!” UTomek ubaleka aye kuyise ecula ingoma yale ntengiso aze athi, “Tata, ndicela undithengele!”
◼ Kutheni abantwana befuna izinto ezikwizibhengezo zentengiso? Utitshala ocatshulwe kwiphephancwadi iRewia lasePoland uthi, “Bazifuna kuba bezibona kwabanye. Bafuna ukwamkeleka koontanga.” Xa abantwana bebacenga abazali babo, belila okanye baqumbe, abanye abazali baye babathengele.
Yintoni ebangela ukuba iintengiso ezenzelwe abantwana zikhohlise kangaka? UJolanta Wąs, osisazi ngengqondo uthi, “kwiintengiso ezinjalo akuthethwa nto ngexabiso, ukomelela nokubaluleka kwaloo nto.” Kufunwa nje ukuba umntu abe “nomdla” wokuthenga. UWąs uhlabela mgama esithi: “Abantwana abaselula abayihlalutyi loo ntengiso. . . . Abakwazi ukusebenzisa ingqiqo.” Nokuba bebenokuzama bebengenakukwazi kuba ulwazi abanalo lusikelwe umda.
Unokumkhusela njani umntwana wakho ekukhohlisweni zizibhengezo zentengiso? IRewia ithi, “okokuqala, chitha ixesha nomntwana wakho, umcacisele ukuba ukuxabiseka kwakhe akuxhomekekanga kuhlobo lwesihlangu okanye lwempahla ayinxibayo.” Mxelele umntwana wakho ukuba unako ukonwaba enoba akanazo izinto zokudlala ezintsha. Okwesibini, nabazali bamele bayazi indlela ezinempembelelo ngayo ezentengiso ebantwaneni babo. UWąs ucebisa ngelithi, eyona nto ibalulekileyo kukuba “singavumeli abantwana bethu balawulwe zezentengiso.”
Okokugqibela, bonke abazali banokungenelwa kwisiluleko esifumaneka eBhayibhileni. Umpostile uYohane wathi: “Konke okusehlabathini—inkanuko yenyama nenkanuko yamehlo nokuqhayisa ngezinto zobu bomi—akuphumi kuBawo, kodwa kuphuma ehlabathini.”—1 Yohane 2:15, 16.
Akuvumi na ukuba izibhengezo zentengiso zibangela umdla ‘kwinkanuko yamehlo’ zize zishukumisele abatsha nabadala ukuba ‘baqhayise ngezinto abanazo zobu bomi?’ Okubangel’ umdla kukuba uYohane uqhubeka nesiluleko sakhe esithi: “Ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yohane 2:17.
Abazali abachitha ixesha kunye nabantwana babo bencokola ngezinto ezakhayo banokukwazi ukubethelela imigaqo yobuthixo nemilinganiselo eluncedo. (Duteronomi 6:5-7) Ngoko abantwana abasayi kuphenjelelwa lula ziintengiso ezikhohlisayo zeli hlabathi, ezenzelwe ukuba abantwana bacenge abazali ukuba babathengele izinto.