Amanzi Abalulekile Ebomini
AMANZI antsonkothile. Imolekyuli enye iineeathom ezintathu—ezimbini zehydrogen yaye enye yioksijini. Sekunjalo izazinzulu aziyiqondi ngokupheleleyo indlela iimolekyuli zamanzi ezisebenza ngayo. Kodwa ke, into esiyaziyo sonke kukuba amanzi abalulekile ebomini, yaye zonke izinto eziphilayo zinama-80 ekhulwini amanzi. Makhe siqwalasele izinto ezintlanu esingazifunda ngamanzi.
1. Amanzi ayakwazi ukugcina ubushushu nangona iqondo lawo lingenyuki, ngaloo ndlela abangele nempepho yemozulu ibe myoli.
2. Xa amanzi engumkhenkce aba maninzi, aze abangele loo mkhenkce udade ngaphezulu uze uwagcine loo manzi efudumele. Ukuba amanzi aba maninzi, njengezinye izinto, njengoko esiba ngumkhenkce, amachibi, imilambo neelwandle beziya kuba ngumkhenkce ukusuka ezantsi ukuya phezulu, uze uvalele yonke into emkhenkceni.
3. Amanzi awanambala, abangela izilwanyana eziphila emanzini zikwazi ukubona nasezinzulwini.
4. Iimolekyuli ezisemanzini zidibana ndawonye, nto leyo eyenza amanzi ande. Oku kubangela ukuba izinambuzane ziye emachibini, yaye la manzi athontsizela nakwizityalo ezingawafumaniyo amanzi.
5. Amanzi ayakwazi ukunyibilikisa izinto. Ukanti ayakwazi ukugcina ioksijin, icarbon dioxide, ityuwa, iimineral nezinye izinto.
Abalulekile “Ekupholiseni” Umhlaba
Iilwandle zigubungela ama-70 ekhulwini omhlaba, nto leyo ebangela ukuba zibe negalelo kwimozulu. Eneneni, iilwandle nomoya ziyasebenzisana, yaye zinokuguqula ubushushu, amanzi, iigesi nendlela umoya namaza ahamba ngayo. Kwakhona ziyancedisana ekuthwaleni ubushushu kude neTropic zibuse ezincamini zomhlaba, ngaloo ndlela zilawule amaqondo obushushu. Eneneni, ukuze izinto ezininzi eziphilayo ziqhubeke zikho, kufuneka ukuba amanzi angabi ngumkhenkce. Incwadi ethi Rare Earth—Why Complex Life Is Uncommon in the Universe ithi: “Kubonakala ukuba uMhlaba ufanelekile.”
Eneneni, oku kubonisa ukuba umhlaba wadalwa. Kodwa ngaba oku kuthetha ukuba wazivelela okanye wadalwa nguMdali onothando nonobulumko? IBhayibhile ithi wadalwa nguMdali. (IZenzo 14:15-17) Kwinqaku elilandelayo, siza kubona ubungqina obungakumbi boko kuthethwa yiBhayibhile—ngokujonga imijikelo emangalisayo egcina isijikelezi-langa sethu sicocekile yaye sisempilweni.
[Ibhokisi ekwiphepha 7]
IBHAYIBHILE ICHANILE NGOKWENZULULWAZI
Umhlaba usemoyeni. “Elasentla ulolula phezu kwendawo engenanto, ihlabathi ulixhoma kokungento.”—Yobhi 26:7, la mazwi athethwa malunga nowe-1613 B.C.E.
Umhlaba ungqukuva. “Kukho Lowo uhlala phezu kwesazinge somhlaba.”—Isaya 40:22, la mazwi abhalwa malunga nowe-732 B.C.E.
Amanzi enza umjikelo. “Yonke imisinga yasebusika iya elwandle . . . Kwindawo eya kuyo imisinga yasebusika, ibuyela kwakuyo.”—INtshumayeli 1:7, la mazwi abhalwa ngaphambi kwe-1 000 B.C.E.
Indalo iphela ilawulwa yimithetho. “[Mna Yehova] ndamisela . . . imimiselo [okanye imithetho] yezulu nomhlaba.”—Yeremiya 33:25, la mazwi abhalwa ngaphambi kowama-580 B.C.E.
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 7]
Magnetosphere: NASA/Steele Hill; aurora: Collection of Dr. Herbert Kroehl, NGDC; reef: Stockbyte/Getty Images