Imbono YeBhayibhile
Ngaba Ufanele Ukuchase Ukutshiswa Kwesidumbu?
Abanye abantu bavakalelwa kukuba ukutshiswa kwesidumbu akubonakalisi ntlonelo ngomzimba womntu nendlela afanele akhunjulwe ngayo. Bathi, ‘oku kububuhedeni, yaye abo bakhonza uThixo bafanele bakuphephe.’ Abanye bakholelwa ekubeni ukutshiswa kwesidumbu kwamkelekile kwaye yindlela endilisekileyo yokufihla isidumbu somntu. Uvakalelwa njani ngalo mba?
NGAMAXESHA okubhalwa kweBhayibhile kwakuqhelekile ukuba umntu angcwatywe. Ngokomzekelo, uAbraham wamngcwaba emqolombeni umfazi wakhe, uSara. Umzimba kaYesu wafakwa kwingcwaba elalombiwe eliweni. (Genesis 23:9; Mateyu 27:60) Ngaba iBhayibhile ichaza ngokungqalileyo ukuba eyona ndlela yokufihla isidumbu kukusingcwaba? Ngaba ibonisa ukuba abakhonzi bakaThixo bamandulo babekuchasile ukutshiswa kwesidumbu?
Ngaba Kubonisa Ukuba UThixo Akakholiswa Ngabo?
Xa uyikha phezulu, iBhayibhile ingabonakala ibonisa ukuba izidumbu ezazitshiswa zezabantu abafa bengamkholisi uThixo. Ngokomzekelo, uMthetho kaMoses wawusithi ukuba intombi yombingeleli kaYehova yayinokuba ngunongogo, yayifanele ‘itshiswe ngomlilo’ emva kokuba ibulewe. (Levitikus 20:10; 21:9) Ngokufanayo, xa amaSirayeli oyiswa eAyi ngenxa yokungathobeli kuka-Akan nentsapho yakhe, amanye amaSirayeli abagibisela ngamanye aza ‘abatshisa ngomlilo.’ (Yoshuwa 7:25) Abanye abahlalutyi bathi oku kwakusenziwa kwabo babefe ngokulihlazo, yaye babetshiswa kuba abantu babengafuni bangcwatywe ngokundilisekileyo.
Ngaphezu koko, xa uKumkani uYosiya wayezama ukuphelisa unqulo-zithixo kwaYuda, wavula amangcwaba ababingeleli ababenqula uBhahali waza watshisa amathambo abo kwizibingelelo zabo. (2 Kronike 34:4, 5) Ngaba le mizekelo ibonisa ukuba uThixo akakholiswa ngabantu abaye batshiswa? Akunjalo, njengokuba enye ingxelo yeBhayibhile ibonisa.
Xa amaFilisti oyisa uKumkani uSawule wakwaSirayeli edabini, abethelela isidumbu sakhe nezoonyana bakhe abathathu ngokungandilisekanga kudonga lwesixeko saseBheteshan. Kodwa ke, xa amaSirayeli ayehlala eYabheshe-giliyadi eva ngale ndlela ilihlazo yokuphathwa kwezidumbu, azisusa aza azitshisa, emva koko angcwaba amathambo. (1 Samuweli 31:2, 8-13) Xa uqala ukuwubona lo mbhalo ungaqiniseka ukuba akufanelekanga ukutshiswa kwezidumbu. Ngapha koko, uSawule wayengumntu ongendawo; wayesilwa noDavide, umthanjiswa kaYehova waza wafa engazange amkholise uThixo.
Kodwa, phawula ukuba ngubani owafa ecaleni kukaSawule. Ngomnye woonyana bakhe, uYonatan, naye umzimba wakhe owaphathwa ngendlela efanayo. Wayengumntu olungileyo. Ngokwahlukileyo, uYonatan wayengumhlobo kaDavide. AmaSirayeli athi ngoYonatan: “Ngale mini usebenzisene noThixo.” (1 Samuweli 14:45) Xa uDavide weva into eyenziwa ngamadoda aseYabheshe-giliyadi, wawancoma waza wawabulela ngoko akwenzileyo esithi: “Ngamana ningasikelelwa nguYehova, ngenxa yokuba nayenzela obu bubele bothando inkosi yenu, uSawule.” Kuyabonakala ukuba, ukutshiswa kwezidumbu zikaSawule noYonatan akuzange kumcaphukise uDavide.—2 Samuweli 2:4-6.
Akubangeli Ukuba Umntu Angavuswa
IBhayibhile ifundisa ngokucacileyo ukuba uYehova uThixo uza kuvusa abantu abaninzi abafileyo. (INtshumayeli 9:5, 10; Yohane 5:28, 29) Xa iprofeta ngexesha laxa abafileyo beya kuvuswa, incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo ithi: “Lwathi ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa neHadesi kwabakhupha abafileyo abalapho.” (ISityhilelo 20:13) UThixo uSomandla akanangxaki yokukufeza oku, enoba umntu ungcwatyiwe, utshisiwe, utshone elwandle, utyiwe zizilwanyana zasendle okanye waqhushunjiswa ngebhombu.
IBhayibhile ayinikeli lwalathiso lungqalileyo ngento emele yenziwe ngomzimba womntu ofileyo. UYehova akakugatyi ukutshiswa kwesidumbu. Licacile elokuba, amalungiselelo omngcwabo afanele enziwe ngesidima nangentlonelo.
Kodwa ke, enye into enokuphembelela isigqibo somntu, yindlela abantu basekuhlaleni abazijonga ngayo iindlela zokungcwaba umntu. Ngokuqinisekileyo, abantu abalathiswa yimigaqo yeBhayibhile abayi kufuna ukwenza nantoni na eya kukhubekisa abamelwane. Kwakhona bekungayi kufaneleka ukwenza nantoni na enokubonisa ukukholelwa kwiimfundiso zonqulo lobuxoki, njengokungafi komphefumlo. Nangona kukuhle ukubacingela abanye, mntu ngamnye ufanele azenzele isigqibo sakhe ngoko kufanele kwenziwe ngesidumbu sakhe okanye sesalamane sakhe.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
◼ Ngubani umkhonzi othembekileyo okhankanywe eBhayibhileni owatshiswayo?—1 Samuweli 31:2, 12.
◼ UDavide wawaphatha njani amadoda awayengcwabe uSawule?—2 Samuweli 2:4-6.
◼ Yintoni ebonisa ukuba ukutshiswa komntu akuthethi ukuba akayi kuvuswa?—ISityhilelo 20:13.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 11]
IBhayibhile ayilunikeli ulwalathiso olungqalileyo ngento emele yenziwe ngomzimba womntu ofileyo