IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 4/09 iphe. 27
  • Igqabi Lelotus Elingangeni Manzi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Igqabi Lelotus Elingangeni Manzi
  • Vukani!—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • Iziqulatho
    Vukani!—2009
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
Vukani!—2009
g 4/09 iphe. 27

Ngaba Kwadalwa?

Igqabi Lelotus Elingangeni Manzi

◼ Ngaba zingenziwa iikomityi zeplastiki ezikwaziyo ukuzicoca? Iifestile ezihlala zomile naxa kunetha? Oomatshini abancinane gqitha nabakwaziyo ukusebenzisana kodwa bangakhuhlani? Izazinzulu zithi oku kunokwenzeka kuphela xa zinokuyazi imfihlelo yegqabi lelotus.

Khawucinge ngoku: Igqabi lelotus linezigingqi ezincinane gqitha nezigqunywe ngumthwebeba. Oku kwenza amanzi angangeni kweli gqabi. Ekubeni eli gqabi linamathambeka, amanzi aqengqeleka ngokukhawuleza ngaphambi kokuba angene kulo. Uba yintoni umphumo? Oku akubangeli ukuba eli gqabi lihlale lomile nje kuphela, kodwa lihlala licocekile kuba ukungcola nothuli kuhamba namanzi.

Izazinzulu zifuna ukwenza izinto ezikwaziyo ukunqanda amanzi angangeni kuzo, njengeli gqabi lelotus. Kungayingenelo gqitha ukwenza oomatshini abancinane kakhulu abakwaziyo ukwenza oku, ekubeni kulula ukuba bonakaliswe ngamanzi. IScience Daily, ithi: “Zininzi gqitha izinto ezinokwenziwa.”

Ucinga ntoni? Ngaba igqabi lelotus lazenzekela? Okanye ngaba ladalwa?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share