IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 5/09 iphe. 24
  • Iqokobhe Likaqongqothwane ICyphochilus

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iqokobhe Likaqongqothwane ICyphochilus
  • Vukani!—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuzikhusela Kukaqongqothwane
    Vukani!—2008
  • Izivamvo Zoqongqothwane Othanda Umlilo
    Vukani!—2012
  • Iphiko Elitsala Amanzi Loqongqothwane WaseNamibhiya
    Vukani!—2012
  • Iziqulatho
    Vukani!—2009
Khangela Okunye
Vukani!—2009
g 5/09 iphe. 24

Ngaba Kwadalwa?

Iqokobhe Likaqongqothwane ICyphochilus

◼ Iqokobhe likaqongqothwane iCyphochilus linamaxolo amancinane, yaye kungafuneka aphindwe kalishumi ukuze alingane nonwele lomntu. UGqr. Pete Vukusic weYunivesithi yase-Exeter, eBritani wathi: “Xa ndawafaka phantsi kwemikroskopu, ndandingayikholelwa into endiyibonayo. Kwandimangalisa ngokwenene.”

Khawucinge ngoku: UVukusic wafumanisa into ebangela lo qongqothwane abe nombala omhlophe okhanyayo, ekubeni oku kungenanto yakwenza nesidali-bala. Into ebangela oku bubukhulu bemicu eyakha amaxolo nesithuba esiphakathi kwayo. Le micu ibangela ukukhanya okungaqhelekanga. IScience Daily ithi: “Ipeyinti, edla ngokusetyenziswa kwiphepha nakwiplastiki ekumgangatho ophezulu, kuya kufuneka iphindwe kabini ukuze ibe mhlophe ngolo hlobo.”

Izazinzulu zikholelwa ukuba iqokobhe leCyphochilus liyinceda ukuba ingabonakali phakathi kokungunda ekubeni idla ngokuhlala phakathi kwako. Kodwa iingcali zinomdla kakhulu kwindlela umbala walo qongqothwane mncinane onokuzuzisa ngayo abantu—ngokomzekelo, ekwenzeni izinto zibe mhlophe qhwa. Lo kaVukusic uthi izinto ezifana nephepha esibhala kulo, umbala wamazinyo ethu, kwakunye nokukhanya kwezibane “kunokuqaqamba nangakumbi xa amagcisa enokufunda kulo qongqothwane.”

Ucinga ntoni? Ngaba iqokobhe elimhlophe likaqongqothwane iCyphochilus lazivelela nje ngamabona-ndenzile? Okanye ngaba ladalwa?

[Umfanekiso okwiphepha 24]

Uqongqothwane i-“Cyphochilus” ungaphantsi komnwe wakho (umfanekiso wenziwe wamkhulu)

[Inkcazelo]

Department of Entomology, Kasetsart University, Bangkok

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share