IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 5/12 iphe. 22
  • Iphiko Elitsala Amanzi Loqongqothwane WaseNamibhiya

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iphiko Elitsala Amanzi Loqongqothwane WaseNamibhiya
  • Vukani!—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Iziqulatho
    Vukani!—2012
  • Izivamvo Zoqongqothwane Othanda Umlilo
    Vukani!—2012
  • Ukuzikhusela Kukaqongqothwane
    Vukani!—2008
  • Iqokobhe Likaqongqothwane ICyphochilus
    Vukani!—2009
Khangela Okunye
Vukani!—2012
g 5/12 iphe. 22

Ngaba Layilwa?

Iphiko Elitsala Amanzi Loqongqothwane WaseNamibhiya

● Malunga nabantu abangama-900 ezigidi ehlabathini lonke abanawo amanzi okusela acocekileyo. Kwiindawo ezininzi idla ngokuba ngabafazi nabantwana abahamba imigama emide besiya kukha amanzi. UShreerang Chhatre, oyinjineli kwiZiko Lobugcisa LaseMassachusetts uthi: “Ndicinga ukuba imbi le nto yokuba amahlwempu echitha iiyure ngosuku ukuze nje afumane izinto ezisisiseko.” Kwilinge lokunceda kule nkalo, uChhatre nabanye asebenza nabo bazama ukusebenzisa inzululwazi ukuze batsale amanzi enkungwini, ibe indlela yokwenza oko bayifunda kuqongqothwane waseNamibhiya.

Khawucinge ngoku: Ntsasa nganye, kubakho inkungu kwintlango yaseNamibhiya eAfrika. Uqongqothwane walapho usebenzisa elo thuba lifutshane ngokuma kwindawo efanelekileyo emoyeni.a Amaqhuma asemaphikweni alo qongqothwane enziwe ngezinto ezitsala ukufuma. Oko kufuma kuye kudibane kuze kube ngamathontsi. La mathontsi athi akuba nzima, umxhuzulane uqalise ukusebenza, uwenze abaleke phakathi kwaloo maqhuma, ehle aye kungena emlonyeni walo qongqothwane.

UChhatre nabo asebenza nabo bafuna ukusebenzisa le nkqubo ukuze abantu bafumane amanzi okusela. Kakade ke, abantu bafuna amanzi amaninzi kunalawo afunwa ngulo qongqothwane ukuze aphile. Kulucelomngeni olungathethekiyo ukufumana imali yokwenza loo msebenzi. UChhatre uthi, into yokutsalela abantu amanzi enkungwini “iseyinto yexesha elizayo.”

Ucinga ntoni? Ngaba iphiko elitsala amanzi likaqongqothwane waseNamibhiya labakho nje ngamabonandenzile? Okanye ngaba layilwa?

[Umbhalo osemazantsi]

a Zikho nezinye iintlobo zooqongqothwane ezikhe zabonwa ziqokelela amanzi ngale ndlela.

[Umfanekiso okwiphepha 22]

Amathontsi ayaqokelelana aze abalekele emlonyeni kaqongqothwane

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 22]

Photo: Chris Mattison Photography/photographersdirect.com

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share