Imbono YeBhayibhile
Ngaba Kuphosakele Ukutshintsha Unqulo Okulo?
Ukuqala kuka-Avtar ukufundelwa iBhayibhile, intsapho yakowabo engamaSikh yacaphuka. Uthi: “Kwilizwe lethu, ukutshintsha unqulo okulo kuqhawula ulwalamano lwakho nabantu ekuhlaleni. Namagama ethu anentsingiselo yonqulo. Xa utshintsha unqulo, ugqalwa njengomntu olahlekayo nongayihloneliyo intsapho yakowabo.”
EKUGQIBELENI uAvtar waba liNgqina likaYehova. Ngaba wenza into ephosakeleyo ngokutshintsha unqulo awayekulo? Mhlawumbi nawe uvakalelwa ngendlela efanayo nentsapho yakowabo. Kusenokwenzeka ukuba uvakalelwa kukuba unqulo okulo luyintlaka nexolo nentsapho nezithethe zakowenu yaye alumele lutshintshwe.
Kona kubalulekile ukuhlonela intsapho yakowenu. IBhayibhile ithi: “Mphulaphule uyihlo okuzeleyo.” (IMizekeliso 23:22) Kodwa eyona nto ibaluleke nangakumbi kukuba nolwazi oluchanileyo ngoMdali wethu neenjongo zakhe. (Isaya 55:6) Ngaba unokulufumana olo lwazi? Ukuba kunjalo kubaluleke kangakanani kuwe ukuba nolo lwazi?
Ukufuna Inyaniso Ngonqulo
Iinkonzo zehlabathi zifundisa iingcamango eziphikisanayo. Azinakuba zichane zonke ezo mfundiso. Ngenxa yoko, bamele ukuba baninzi abantu ‘abanenzondelelo kuThixo; kodwa kungekhona ngokolwazi oluchanileyo,’ ngokutsho kweBhayibhile. (Roma 10:2) Sekunjalo, ngokutsho kweyoku-1 kuTimoti 2:4, umpostile uPawulos uthi kukuthanda kukaThixo ukuba “zonke iintlobo zabantu . . . zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” Lunokufunyanwa njani olo lwazi luchanileyo?
Khawucinge nje ngezizathu zokuhlolisisa iBhayibhile. UPawulos, owayengumbhali ophefumlelweyo weBhayibhile wathi: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni.” (2 Timoti 3:16) Njengoko ufuna inyaniso, khawuhlolisise ubungqina bokuba oko kuthethwa yiBhayibhile kuyinyaniso. Ziphandele ngobulumko bayo obungenakulinganiswa nanto, ukuchana kwayo ngokwembali neziprofeto zayo ezizalisekileyo.
Kunokuba ithi zonke iinkonzo ziyafana kuThixo, iBhayibhile ixelela abo bayifundayo ukuba bangakholelwa yonke into abayivayo kodwa ‘bawavavanye amazwi aphefumlelweyo ukuze babone enoba aphuma kuThixo kusini na.’ (1 Yohane 4:1) Ngokomzekelo, nayiphi na imfundiso kaThixo ifanele ivisisane nobuntu bakhe, kuquka uphawu lwakhe olubalaseleyo lothando.—1 Yohane 4:8.
IBhayibhile isiqinisekisa ngelokuba uThixo ufuna ‘simfumane.’ (IZenzo 17:26, 27) Ekubeni uMdali wethu efuna ukuba siyifune inyaniso, akunakuze kube yinto ephosakeleyo ukwenza ngokuvisisana nobungqina esinabo—enoba oko kuthetha ukutshintsha unqulo esikulo. Kodwa kuthekani ngeengxaki ezinokubangelwa koku?
Ukulungelelana Ngoxa Unyanisekile Kwintsapho Yakho
Xa abantu betshintsha unqulo abakulo, basenokugqiba kwelokuba bangabi nanxaxheba kwizithethe ezithile zonqulo okanye iiholide. Kuyaqondakala ukuba oku kunokubangela ukungevani entsatsheni. UYesu waqonda ukuba oko kuya kwenzeka. Wathi kubalandeli bakhe: “Ndize kwahlukanisa indoda noyise, intombi nonina, umfazana noninazala.” (Mateyu 10:35) Ngaba uYesu wayethetha ukuba iimfundiso zeBhayibhile zenzelwe ukuxabanisa abantu ngabom? Akunjalo. Wayesichazela kwangaphambili oko kunokwenzeka xa intsapho icaphukela ilungu layo eliye lamela iinkolelo ezingqubanayo nezayo.
Ngaba ukuxabana kwentsapho kumele kuphetshwe enoba sekutheni na? IBhayibhile ifundisa ukuba abantwana bafanele bathobele abazali nokuba abafazi bafanele bazithobe kumadoda abo. (Efese 5:22; 6:1) Noko ke, iyalela abo bathanda uThixo ukuba ‘bathobele yena njengomlawuli kunabantu.’ (IZenzo 5:29) Ngenxa yoko, maxa wambi, ukunyaniseka kuThixo kunokuphumela ekubeni wenze izigqibo esingathandwayo ngamanye amalungu entsapho.
Nangona iBhayibhile iwubeka ucace umahluko phakathi kweemfundiso zenyaniso nezobuxoki, uThixo uvumela umntu ngamnye ukuba azikhethele ezo aya kuzilandela. (Duteronomi 30:19, 20) Akakho umntu omele anyanzelwe ukuba anqule ngendlela engamkelekanga okanye akhethiswe phakathi kweenkolelo zakhe nolwalamano lwakhe nentsapho yakhe. Ngaba ukufunda iBhayibhile kuqhawula ulwalamano lweentsapho? Akunjalo. Enyanisweni, iBhayibhile ikhuthaza indoda nomfazi abakwiinkonzo zonqulo ezahlukeneyo ukuba baqhubeke behlala kunye njengentsapho.—1 Korinte 7:12, 13.
Ukuhlangabezana Nokoyika
Unokoyikela indlela abaya kusabela ngayo abantu kwindawo ohlala kuyo xa ufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. UMariamma uthi: “Intsapho yethu yayixhalabele ukuba andisayi kufumana umyeni ofanelekileyo onokundinyamekela. Ngoko bakuchasa ukufundelwa kwam iBhayibhile.” UMariamma wathembela ngoYehova uThixo waza waqhubeka efundelwa. (INdumiso 37:3, 4) Nawe unokwenza ngendlela efanayo. Kunokuba woyike imiphumo, cinga ngeengenelo. Isigidimi seBhayibhile siphucula ubomi babantu. Abantu bafunda ukuzithanda ngokungazenzisiyo iintsapho zabo. Bayakwazi ukoyisa imikhwa emibi, enjengokuthuka, ubundlobongela kwakunye nobunxila nokusebenzisa iziyobisi. (2 Korinte 7:1) IBhayibhile ikhuthaza ukuba sithembeke, sinyaniseke size sikhuthale. (IMizekeliso 31:10-31; Efese 4:24, 28) Kutheni ungafundi iBhayibhile uze uzibonele iingenelo zokusebenzisa iimfundiso zeBhayibhile kubomi bakho?
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
◼ Kutheni ufanele uhlolisise iinkolelo zakho zonqulo?—IMizekeliso 23:23; 1 Timoti 2:3, 4.
◼ Unokuzibona njani iimfundiso zenyaniso?—2 Timoti 3:16; 1 Yohane 4:1.
◼ Ngaba ukuchaswa yintsapho kufanele kukuyekise ukufunda iBhayibhile?—IZenzo 5:29.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]
Isigidimi seBhayibhile siphucula ubomi babantu
[Umfanekiso okwiphepha 29]
UMariamma nomyeni wakhe