IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 8/09 iphe. 3
  • Ukuphathwa Njengongantweni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuphathwa Njengongantweni
  • Vukani!—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • Luza Kuphela Nini Ucalucalulo Emhlabeni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Ucalucalulo—Ingxaki Egquba Kulo Lonke Elimiweyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Ngaba Ulixhoba Lekhethe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Ikhethe Nocalucalulo—Ukungena Ezingcanjini Zalo
    Vukani!—2009
Khangela Okunye
Vukani!—2009
g 8/09 iphe. 3

Ukuphathwa Njengongantweni

“Ukuqala kwam ukufika kwisikolo samabanga aphakathi eSpeyin, abanye abantwana endifunda nabo baqalisa ukundigculela, ngenxa yokuba ndandimfutshane kunabo. Phantse yonke imihla ndandigoduka ndilila.”—UJennifer, onabazali abavela kwiiPhillipines.

“Ukufika kwam kwisikolo esitsha, abafundi abangabelungu babendithuka. Ndandisazi ukuba eyona nto bayifunayo kukuba silwe. Kodwa ndazama ukuzibamba—intliziyo yam yayisiba lihlwili yaye ndandiyiva into yokuba ndiyacalulwa.”—UTimothy, ongumdaka waseMerika.

“Xa ndandineminyaka esixhenxe ubudala, eNigeria kwavuka ingxwabangxwaba phakathi kwamaIgbo namaHausa. Le ntiyo yandichaphazela kangangokuba ndaqalisa ukuhlekisa ngenye inkwenkwe endandifunda nayo engumHausa, nangona yayingumhlobo wam.”—UJohn, ongumIgbo.

“Mna nomnye udade endandisebenza naye kwisabelo sokuba ngabathunywa bevangeli sasishumayela kubamelwane bethu xa abantwana ababethunywe ngabefundisi balapho basilandelayo baza basigibisela ngamatye. Aba befundisi babefuna simke kuloo dolophu.”—UOlga.

NGABA wakha waphathwa ngendlela engenasidima waza wacalulwa? Mhlawumbi waphathwa ngolo hlobo ngenxa yebala lakho, unqulo okulo, umgangatho okuwo ngokwezoqoqosho, ubuni bakho, okanye ngenxa yeminyaka yakho yobudala. Abo basoloko becalulwa badla ngokoyika ukuphinda baphathwe kakubi. Xa bedlula kwiqela labantu, besiya evenkileni, besiya kwisikolo esitsha, okanye besiya embuthweni, baxhalaba ngendlela engathethekiyo.

Ukongezelela, amaxhoba ekhethe nocalucalulo asenokusokola ukufumana umsebenzi, okanye afumane unyango olukumgangatho ophantsi, imfundo ekumgangatho ophantsi yaye asenokungakwazi ukufumana izinto ezifunyanwa ngabanye abantu namalungelo asemthethweni. Xa ucalucalulo luphenjelelwa ngabasemagunyeni, lunokubangela ukuba kutshayelwe uhlanga oluthile. Umzekelo wamandulo welinge lokutshayelwa kohlanga oluthile ufumaneka kwincwadi yeBhayibhile kaEstere. Phawula ukuba intiyo nocalucalulo zaba nayiphi indima kwelo linge.—Estere 3:5, 6.

Abantu basenokunganyamezelani enokuba kukho imithetho enxamnye nocalucalulo. Owayesakuba nguMphathiswa Oyintloko Wamalungelo Abantu kwiZizwe Ezimanyeneyo uthi: “Emva kweminyaka engamashumi amathandathu kwamkelwa iSindululo Sehlabathi Lonke Samalungelo Abantu . . . , ayikazi kusebenza imigaqo ekhuthaza ukulingana nokungacalulani ehlabathini lonke.” Iyaxhalabisa ke le nto, kuba baninzi abantu kwakunye neembacu eziya kwamanye amazwe.

Ngoko ngaba liya kuze libekho ibutho labantu elingenalo ucalucalulo? Okanye ngaba lunokoyiswa ucalucalulo? Amanqaku alandelayo aza kuyiphendula le mibuzo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share