Ukubambelela Nkqi Kwisandla Sasekunene SikaThixo
◼ UJezreel waseMexico wazalwa enesifo solusu esingaqhelekanga esibizwa ngokuba yicongenital lamellar ichthyosis. Esi sifo anaso senza ukuba ulusu lwakhe luxobuke luze luqine. UJezreel uthi: “Esi sifo senza ndingajongeki, kodwa asisuleli.”
Eselusana uJezreel wayenyangwa kwizibhedlele ezahlukahlukeneyo. Xa wayeneminyaka emibini ubudala wahlaliswa yedwa kwindawo engenazintsholongwane ukuze angafumani ezinye izifo. Noko ke, akukho nto yamncedayo. Wanikwa unyango lwabantu abagula ngengqondo ukuze akwazi ukumelana neemvakalelo zokuziva ungamkelekanga.
Abantu abacinga ukuba isifo sikaJezreel siyasulela bayamphepha. Kwakuba nzima kakhulu ngoxa wayesakhula kuba yena wayekufuna ukudlala nabanye abantwana. Uthi: “Babehlekisa ngam baze bandibize ngokuba ndisisidumbu esiqholiweyo okanye isidalwa esisuka kwenye iplanethi.”
Kwelinye icala, ukuba nesifo esibonwa ngabantu bonke kunceda uJezreel akwazi ukuthetha ngethemba lakhe elisekelwe eBhayibhileni. Abantu beza kuye baze bambuze enoba watsha na. Xa esithi akazange atshe, baye bafune ukuqonda ngonobangela wenkangeleko yakhe. Uyabachazela ngesifo anaso aze abaxelele ukuba asikabi nalo unyango.
Wongezelela athi: “Ndinelona themba limangalisayo emhlabeni kuba uYehova uThixo uthi abo bathobela imithetho yakhe baya kuphila kwihlabathi elitsha elingenakugula nazintlungu.” (ISityhilelo 21:3, 4) Ukuthetha kwakhe ngesi sigulo kwenze uJezreel waqalisa izifundo zeBhayibhile ibe uyakuvuyela ukuzibona zisiba ngabakhonzi bakaThixo.
UJezreel uthi: “Ndiyavuya kuba ndazalwa ngamaKristu yaye kuba ndiliNgqina likaYehova ndinabahlobo abasenyongweni. Akukho namnye ondibukulayo ngenxa yendlela endikhangeleka ngayo. Ndabhaptizwa ndineminyaka eli-17 ubudala, yaye kwiminyaka eli-14 ukususela ngelo xesha ndiye ndamsebenzela ngendlela ezininzi uMdali.”
UJezreel womelezwa ngamazwi kaYehova afumaneka kuIsaya 41:10, 13 athi: “Musa ukoyika, kuba ndinawe. . . . Ndiza kukubamba nkqi ngokwenene ngesandla sam sasekunene sobulungisa. Kuba mna, Yehova uThixo wakho, ndibamba isandla sakho sasekunene, ndithi kuwe, ‘Musa ukoyika. Mna ngokwam ndiza kukunceda.’”
Ukubambelela nkqi esandleni sasekunene sikaYehova kuncede uJezreel wakwazi ukumelana nokuzoyikisela kwanezinye iingxaki ezibangelwa sesi sigulo. Njengezinye izigidi zabantu abaninzi ulindele ukuzaliseka kwezithembiso zikaThixo.