Imfihlelo 2: Ukuzibophelela
“Oko uThixo akubophelele ngedyokhwe ndawonye makungahlukaniswa mntu.”—Mateyu 19:6.
Intsingiselo yoku. Izibini eziphumelelayo zigqala imitshato yazo njengomanyano olungapheliyo. Xa kuvela iingxaki, zizama ukuzicombulula kunokuba zizisebenzise njengendlela yokuphelisa umtshato. Xa izibini zizibophelele, ziziva zikhuselekile. Omabini amaqabane athemba ukuba aya kuqhubeka ewuhlonela umtshato.
Kutheni oku kubalulekile? Ngeendlela ezininzi, ukuzibophelela kusesona siseko somtshato. Kodwa emva kokuxabana ngokuphindaphindiweyo, ukuzibophelela kunokubonakala kungumgibe kunokuba kube yinto emnandi. Ngenxa yoko, ibinzana elithi, ‘de sahlulwe kukufa’ liye livakale licinezela aze la maqabane abawele ukuba belinokuba bhetele xa belinesolotya elikhululayo. Asenokungawubaleki ngokoqobo umtshato, kodwa “anokuwushiya” ngezinye iindlela—ngokomzekelo akhethe ukuthula xa kufuneka kushukuxwe imiba enzima.
Zama oku kulandelayo. Hlola enoba uzibophelele kusini na kumtshato wakho usebenzisa le mibuzo ilandelayo.
◼ Xa kuvuka ingxwabangxwaba, ngaba ndiye ndizisole ngokutshata neqabane lam?
◼ Ngaba ndisoloko ndiphupha ndikunye nomnye umntu ongelilo iqabane lam?
◼ Ngaba maxa wambi ndiye ndixelele iqabane lam ukuba, “Ndiyakushiya” okanye “Ndiza kufuna umntu ondixabisayo”?
Yenza isigqibo. Cinga ngento ibe nye okanye zibe mbini onokuzenza ukuze womeleze ukuzibophelela kwakho. (Amanye amacebiso: Libhalele umyalezo iqabane lakho, beka iifoto zeqabane lakho emsebenzini, okanye ulifowunele suku ngalunye usemsebenzini, ukuze unxibelelane nalo.)
Kutheni ungezi namacebiso aliqela uze ubuze iqabane lakho ngelo liya kusebenza kulo?
[Umfanekiso okwiphepha 4]
Ukuzibophelela kufana neentsimbi ezisecaleni kuhola wendlela yaye kukhusela umtshato
[Inkcazelo]
© Corbis/age fotostock