Sonke Siyintsapho Enye
UVAKALELWA njani ngabantu bebala okanye bohlanga olwahlukileyo kolwakho? Ngaba ubagqala njengabo balinganayo nawe? Okulusizi kukuba abantu abaninzi babajongela phantsi abantu beentlanga ezithile. Ngokutsho kwesinye isichazi magama “ubuhlanga yinkolelo yokuba luhlanga umntu alulo oluyeyona nto igqibayo ngemikhwa yakhe nobuchule anabo kwanokuba ukwahlukahlukana kweentlanga kubangela ukuba kubekho uhlanga oluthile oluthi ngemveli lube bhetele kunezinye.”
Le nkolelo yenze umonakalo omkhulu. Kwincwadi yakhe iHandbook of Cultural Psychiatry uNjingalwazi uWen-Shing Tseng wabhala wathi, ukucinga kwezinye iintlanga ukuba zibhetele kunezinye “kuzenze zaziva zinelungelo lokucinezela abantu bomthonyama bamanye amazwe zaza abanye zabenza amakhoboka.” Wahlabela mgama wathi ubuhlanga buye benza “kwabakho ukungalingani ngokomgangatho wokuphila, owezimali nowezobupolitika.” Nanamhlanje kumazwe amaninzi busekho ubuhlanga. Kodwa ngaba le nkohlakalo isekelwe kwinyaniso? Inzululwazi neBhayibhile zona zithini?
Ithini Yona Inzululwazi?
Izinto eziye zafunyanwa kwimizila yemfuza ziyibethelele into yokuba inkolelo yobuhlanga isekelwe kubuvuvu. Abaphengululi baye bathabatha abantu bamazwekazi awahlukahlukeneyo, bethelekisa iiDNA zabantu ababini ngexesha, yaye bafumanisa ukuba umahluko umalunga ne-0,5 ekhulwini.a Ama-86 ekhulwini ukuya kuma-90 ekhulwini aloo mahluko abakho kulo naluphi na uhlanga ezinkulu. Ngoko ke, uwonke umahluko okhoyo phakathi kwala maqela umalunga ne-14 ekhulwini nangaphantsi le-0,5 ekhulwini.
Incwadi iNature ithi, isibakala sokuba “abantu banemizila yemfuza efanayo, besifanele sibancede bamanyane baze bayeke ukucalulana.”
Le ngcamango ayikho ntsha. Ukususela ngowe-1950 iUnited Nations Educational, Scientific, and Cultural Organization yapapasha uludwe lwamaxwebhu olwalwenzelwe ukulwa nobuhlanga. La maxwebhu agunyaziswa ziingcali ngemvelaphi nentlalo yabantu, iingcali ngeeseli zemfuza naziingcali kwimicimbi yentlalo yabantu. Sekunjalo, ubuhlanga busekho. Licacile elokuba ukwazi nje izibakala akwanelanga. Kumele kufikelelwe nentliziyo okanye ubuntu. UYesu Kristu wathi: “Entliziyweni kuphuma iingcinga ezingendawo”—Mateyu 15:19, 20.
Imbono YeBhayibhile
IBhayibhile ibhalelwe ukufikelela iintliziyo. Ukongezelela kwisibakala esingqinwe nayinzululwazi sokuba, [UThixo] “wazenza ngokuphuma kumntu omnye zonke iintlanga zabantu, ukuba zihlale phezu komhlaba uphela,” iBhayibhile iphinda ithi “uThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” (IZenzo 10:34, 35; 17:26) Ukwazi oko kusenza simthande uThixo.—Duteronomi 32:4.
UYehova uThixo ufuna sibonise ukuba siyamthanda ngokumxelisa. Eyabase-Efese 5:1, 2 ithi: “Yibani ngabaxelisa uThixo, njengabantwana abaziintanda, nize niqhubeke nihamba eluthandweni.” ‘Ukuhamba eluthandweni’ kuquka ukubathanda abantu ngendlela uThixo abathanda ngayo enoba banebala elinjani okanye ngabaluphi uhlanga.—Marko 12:31.
UThixo akayi kubamkela njengabakhonzi bakhe abantu abaneentliziyo ezizaliswe bububi, intiyo nobuhlanga. (1 Yohane 3:15) Eneneni, sele lifikile ixesha lokuba uThixo abatshayele abantu abangendawo emhlabeni. Kuya kusala abantu abaxelisa impawu zakhe kuphela. Ngokwenene, ngelo xesha abantu baya kuba yintsapho enye—ngokoqobo nangokomoya.—INdumiso 37:29, 34, 38.
[Umbhalo osemazantsi]
a Nangona umncinane kakhulu umahluko kwimizila yemfuza yabantu beentlanga ezahlukahlukeneyo, kodwa uba mkhulu xa kufikelelwa kwezonyango kuba ezinye izifo zibangelwa yindlela eyiyo imizila yemfuza.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 23]
“Abantu banemizila yemfuza efanayo,” eneneni bayafana