Abantu Abaselula Bayabuza
Ndingathetha Njani Nabazali Bam?
“Ndiye ndazama izihlandlo eziliqela ukuchazela abazali bam indlela endivakalelwa ngayo kodwa andide ndikwazi—abandiniki thuba. Ndazama ngamandla ukuqweb’ isibindi sokuthetha nabo yaye andizange ndikwazi nje kwaphela!”—URosa.a
KUSENOKWENZEKA ukuba xa wawusemncinane wawudla ngokuqala uye kucela icebiso kubazali bakho. Wawubaxelela yonk’ into. Ngokukhululekileyo wawubaxelela yonk’ into engaphakathi kuwe yaye uwathemba amacebiso abo.
Kodwa ngoku uvakalelwa kukuba abazali bakho abasadibani nawe ngengqondo. Enye intombazana egama linguEdie yathi: “Ngenye imini xa sasisitya isidlo sangokuhlwa, ndilila ndachaza indlela endivakalelwa ngayo. Baphulaphula bona abazali bam kodwa babengayiqondi indlela endivakalelwa ngayo.” Kwenzeka ntoni? “Ndaya egumbini lam ndaza ndagixa!”
Kwelinye icala, unokukhetha ukungabaxeleli nto abazali bakho. Inkwenkwe egama linguChristopher ithi: “Ndibaxelela yonk’ into abazali bam. Kodwa andithandi ukuba bazi yonk’ into endiyicingayo.”
Ngaba kuphosakele ukungazithethi ezinye izinto? Akunjalo—logama nje ungaqhathi mntu. (IMizekeliso 3:32) Sekunjalo, enoba abazali bakho abayiqondi indlela ovakalelwa ngayo okanye unezinto obafihlela zona, inye into omele uqiniseke ngayo: Umele uthethe nabo—bamele bakuphulaphule.
Qhubeka Uthetha Nabo!
Ngandlel’ ithile ukuncokola nabazali bakho kufana nokuqhuba imoto. Ukuba ufika indlela ivaliwe akuncami, kodwa ukhangela enye. Cinga ngale mizekelo.
Umqobo #1: Uyakufuna kona ukuthetha kodwa akubanakali ngathi abazali bakho baya kuphulaphula. Enye intombazana egama linguLeah ithi: “Kunzima gqitha ukuthetha notata kuba, ndithi ndithetha naye athi, ‘uxolo, ubusithi kutheni na kanene?’”
UMBUZO: Kuthekani ukuba nyhani uLeah unengxaki afuna ukuthetha naye ngayo? Zintathu izinto anokuzenza.
Ukhetho A Ukhetho B Ukhetho C
Unokumkhwaza uyise. Usenokuyeka Unokulinda kude
ULeah angakhwaza athi: ukuthetha noyise. kufike ixesha
“Jonga ibalulekile le ULeah usenokuncama elifanelekileyo
nto! Phulaphula!” ayeke ukuthetha lokuphinda athethe
nabazali bakhe naye. ULeah unokuya
ngeengxaki anazo. kuyise bathethe
okanye ambhalele ileta
echaza ingxaki yakhe.
Wena ucinga ukuba yiyiphi into amele ayikhethe uLeah kwezi zintathu? ․․․․․
Makhe sihlolisise ukhetho ngalunye size sibone ukuba luya kuphumela entwenini. Uyise kaLeah uxinekile engqondweni—yaye akayiboni into ekhathaza intombi yakhe. Ukuba uLeah wenza Ukhetho A, usenokungasiqondi isizathu sesikhalo sakhe. Mhlawumbi olu khetho belungayi kumenza anikele ingqalelo kwizinto azithethayo yaye oko bekuya kungabonisi ukuba uyabahlonela abazali bakhe. (Efese 6:2) Eneneni ke olu khetho alunakumnceda.
Nangona kusenokuba lula ukwenza Ukhetho B, kodwa akunakuba bubulumko ukwenjenjalo. Kutheni kunjalo nje? Kaloku “amacebo ayatshitsha apho kungekho gqugula, kodwa ngobuninzi babacebisi kukho okufezwayo.” (IMizekeliso 15:22) Ukuze azicombulule iingxaki zakhe, uLeah kufuneka ethethile nabazali bakhe—yaye ukuba baza kumnceda kuza kufuneka beyazile eyenzeka ebomini bentombi yabo. Ukuthula akuncedi nto.
Kodwa ke, ukwenza Ukhetho C, uLeah akavumeli nawuphi na umqobo ukuba umthintele. Kunoko, ukhetha ukuthetha nabo ngelinye ixesha. Yaye ukuba ukhetha ukubhalela uyise ileta , uLeah angakhawuleza abe bhetele. Kwakhona, ukubhala ileta kuza kumnceda acinge ngento ebeya kuyithetha kuyise ukuba ebemphulaphule. Xa eyifunda le leta, utata kaLeah uya kukuva oko abeza kukuxelelwa yintombi yakhe, aze ayiqonde kakuhle into eyikhathazayo. Ukhetho C luza kunceda uLeah noyise.
Zeziphi ezinye izinto anokuzenza uLeah? Bhala into obunokuyenza kule migca ilandelayo. Uze ubhale nemiphumo.
․․․․․
Umqobo #2: Abazali bakho bayafuna ukuthetha nawe kodwa wena akunamdla. Intombazana egama linguSarah ithi: “Iyandikruqula into yokuthi ndidiniwe ndivela esikolweni ndibe ndibuzwa yonk’ into le. Ndifuna ukuzilibala izinto ezenzeke esikolweni kodwa ndithi ndifika nje babe bebuza besithi: ‘Belunjani usuku lwakho? Khange ube nazingxaki?’” Ayithandabuzeki into yokuba abazali bakaSarah babuza beneenjongo ezintle. Sekunjalo, ukhalaza athi: “Kunzima ukuthetha ngesikolo xa ndidiniwe kwaye ndixinezelekile.”
UMBUZO: Unokwenza ntoni uSarah kule meko? Njengokuba bekunjalo nakumzekelo wokuqala, zintathu izinto anokuzenza.
Ukhetho A Ukhetho B Ukhetho C
Unokungavumi Unokuthetha Unokukhetha ukungathethi
ukuthetha. ngokukhululekileyo. “ngesikolo” aze aqhubeke
Usenokuthi: Nakuba exinezelekile, encokola ngenye into.
“Khanindiyekeni. uSarah unokuzinyanzela USarah unokucela ukuthetha
Andifuni kuthetha ayiphendule imibuzo nabo ngesikolo ngelinye
ngoku!” yabazali bakhe. ixesha, xa sele ipholile
ingqondo yakhe. Ngoko,
enomdla onyanisekileyo
unokuthi kubo: “Khanikhe
nindibalisele ngolwenu
usuku. Luhambe njani?”
Wena ucinga ukuba uSarah umele akhethe yiphi kwezi zinto zintathu? ․․․․․
Masikhe siphinde sihlole ukhetho ngalunye size sibone ukuba beluya kuba nawuphi umphumo?
Ngaphambi kokwenza Ukhetho A, uSarah ukhathazekile yaye akafuni ukuthetha ngento emkhathazayo. Emva kokwenza olu khetho, uza kuhlala ekhathazekile, kodwa uza kuba nesazela sokuba eye wakrwada kubazali bakhe.—IMizekeliso 29:11.
Kwangaxeshanye, iya kubakhathaza abazali bakaSarah into yokuba abe krwada ngolo hlobo. Basenokukrokrela ukuba kukho into abafihlela yona. Basenokuzama ukumenza athetha kodwa oko kuya kumkhathaza nangakumbi. Ekugqibeleni ukulandela olu khetho akuncedi nganto.
Lizicacele elokuba ukwenza Ukhetho B, kubhetele kunokwenza Ukhetho A. Ngapha koko, uSarah nabazali bakhe baza kuqhubeka bencokola. Kodwa ngenxa yokuba beza kube bencokola nje, uSarah nabazali bakhe bebengayi kufumana le nto bayifunayo—ukuncokola ngokukhululekileyo.
Kodwa ke, ukwenza Ukhetho C, bekuya kumnceda uSarah ngenxa yokuba, okwangoku abazali bakhe abazi kumluleka. Ibiya kuthetha lukhulu kubazali bakhe into yokuba ezame ukuncokola nabo yaye bekuza kubonwabisa oko. Olu khetho lunamathuba amaninzi okuphumelela ngenxa yokuba omabini amacala eye asebenzisa umgaqo ofumaneka kweyabaseFilipi 2:4 othi: “Ninyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.”
Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” afumaneka kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype
[Umbhalo osemazantsi]
a Amanye amagama atshintshiwe.
OKO UMELE UCINGE NGAKO
◼ Ukwazi ixesha elifanelekileyo kuninceda njani nincokole kakuhle?—IMizekeliso 25:11.
◼ Kutheni kungeyonkcitha-xesha ukuthetha nabazali bakho?—Yobhi 12:12.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 18]
UKUNGAQONDANI
Ngaba ukufumanisa kunzima ukuthetha nabazali bakho? Mhlawumbi uthi uthetha le, bona beve enye.
Xa usithi. . .
“Andithandi kuthetha ngale nto.”
Abazali beva ngathi uthi . . .
“Izinto endizicingayo ndiza kuzixelela abahlobo bam kodwa andinakude ndizixelele nina kuba anibalulekanga kum.”
Xa usithi. . .
“Anizi kuyiqonda le nto.”
Abazali beva ngathi uthi . . .
“Nibadala gqitha, akukho nto niyaziyo. Yilibaleni into yokuba ningaze niyiqonde indlela endicinga ngayo.”
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 21]
OKO KUTHETHWA NGOONTANGA BAKHO
“Ndababalisela abazali bam ngengxaki endibe nayo esikolweni yaye yandothusa indlela abandiphulaphula ngomdla ngayo. Bandinceda ndayicombulula loo ngxaki!”—UNatalie
“Akusoloko kulula ukuthetha nabazali bakho kodwa xa uye wakhululeka wathetha nabo, kutsho kuthi xibilili, uphole nasengqondweni.”—UDevenye
[Ibhokisi ekwiphepha 21]
UMYALEZO OYA KUBAZALI
Njengomzali oxhalabileyo, mhlawumbi ukhe ucinge ukuba abantwana bakho abakhululeki ukuthetha nawe. Khawukhe uve ukuba olunye ulutsha luye lwathini kuVukani! ngesizathu sokuba lungathethi nabazali balo. Zibuze le mibuzo ilandelayo uze ufunde nezibhalo ezibonisiweyo.
“Kunzima ukuthetha notata kuba uxakekile, emsebenzini nasebandleni. Alikhe libekho ixesha elifanelekileyo lokuthetha naye.”—UAndrew.
‘Ngaba ngandlel’ ithile abantwana bam abakwishumi elivisayo babona ngathi ndixakeke gqitha ukuba ndingancokola nabo?” Ukuba kunjalo ndingenza njani ukuba kube lula ukuba bancokole nam? Liliphi ixesha endingalibekela bucala ukuze ndincokole rhoqo nabantwana?’—Duteronomi 6:7.
“Ndaya kumama ndilila ndimbalisela ngengxabano ebendinayo esikolweni. Ndandifuna ukuba andithuthuzele, kodwa wasuka wandingxolisa. Emva koko andizange ndiphinde ndimxelele nantoni na ebalulekileyo.”—UKenji.
‘Ndisabela njani xa abantwana bam bendixelela ngeengxaki abanazo? Enokuba kufuneka ndibalungise, andinakukhe ndiphulaphule ngovelwano ngaphambi kokuba ndibacebise?’—Yakobi 1:19.
“Kubonakala ngathi ngalo lonke ixesha abazali besithi singathetha abazi kucaphuka, baye babe nomsindo. Ngoko umntwana wabo okwishumi elivisayo uyaphoxeka.”—URachel.
‘Ukuba umntwana wam undixelela into ecaphukisayo ndinokuyilawula njani indlela endisabela ngayo?’—IMizekeliso 10:19.
“Amaxesha amaninzi xa ndixelela uMama ngezinto zam, uhamba aye kuzibalisela abahlobo bakhe. Ndayeka kudala ukumthemba.”—UChantelle.
‘Ngaba ndiyacinga ngeemvakalelo zomntwana wam ngokungabaliseli abanye ngezinto eziyimfihlelo andixelele zona?’—IMizekeliso 25:9.
“Zininzi izinto endifuna ukuzithetha nabazali bam. Ndifuna nje indlela endinokuyiqala ngayo incoko.”—UCourtney.
‘Ngaba ndinokukhe ndiyiqale incoko nomntwana wam okwishumi elivisayo? Ngawaphi awona maxesha afanelekileyo okuncokola naye?’—INtshumayeli 3:7.
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Akumele uvumele umqobo ukuthintele ekuncokoleni nabazali bakho—unokuyifumana enye indlela yokuncokola nabo!