Abantu Abaselula Bayabuza
Kutheni Abazali Bam Bengandivumeli Ukuba Ndonwabe?
Rhoqo ngentsasa yangoMvulo uAllisona waseOstreliya okwishumi elivisayo akonwabi esikolweni.
Uthi: “Bonke abanye abantwana bancokola ngezinto abebezenza ngempelaveki. Babalisa izinto ezibonisa ukuba bebonwabile—njengokuba baye kumatheko amangaphi, baphuza amakhwenkwe amangaphi—kwanangokubaleka amapolisa . . . kuyoyikisa kona, kodwa kuvakala kuyinto emnandi! Babuya ngentsimbi yesihlanu ngentseni elandelayo yaye abazali babo abayikhathalele loo nto. Ebusuku mna ndimele ndibe sebhedini kwanangaphambi kokuba bona baye konwaba!
“Emva kokuba bendibalisele ngezinto abazenze ngempelaveki, abantwana endifunda nabo baye babuze mna. Yintoni ke nyhani endiyenzileyo? Ndiye kwiintlanganiso zamaKristu. Ndaya entsimini. Ndivakalelwa kukuba ndiphoswa bubumnandi. Ngoko ndiye ndibaxelele ukuba khange ndenze nto. Ndakutsho baye babuze isizathu sokuba ndingahambanga nabo.
“Lwakudlula usuku lwangoMvulo, uye ucinge ukuba kuza kuba bhetele. Kodwa akubi njalo. NgoLwesibini wonke umntu uthetha ngempelaveki ezayo! Ndidla ngokuhlala nje ndibaphulaphule. Ndiziva ndiphoswa kokuthile!”
NGABA akukho nto ibangel’ umdla onokubalisa ngayo esikolweni ngentsasa yangoMvulo? Usenokuvakalelwa kukuba zininzi iindlela zokuzonwabisa obunokuzinandipha, kodwa abazali bakho baxabe endleleni—okanye ngathi usepakini, kodwa awuvunyelwa ukuba ukhwele kwizinto zokudlala ezilapho. Asikuko nokuba ufuna ukwenza yonk’ into eyenziwa ngabahlobo bakho, kodwa ubungathanda ukuba nawe ukhe wonwabe nokuba kukanye. Ngokomzekelo, yintoni obungathanda ukuzonwabisa ngayo kule mpelaveki izayo?
◯ ngumdaniso
◯ kukuya kwikonsathi yomculo
◯ kukuya kubukela imovie
◯ kukuya ethekweni
◯ yenye into ․․․․․
Kuyafuneka ukuzonwabisa. (INtshumayeli 3:1, 4) NoMdali wakho ufuna ubunandiphe ubutsha bakho. (INtshumayeli 11:9) Nangona ngamathub’ athile usenokungayikholelwa loo nto kodwa qiniseka ukuba nabazali bakho bafuna wonwabe. Noko ke, basenokuxhalabela ezi zinto zimbini zisengqiqweni: (1) into oza kuyenza (2) nabantu oza kuba kunye nabo.
Kuthekani ukuba ucelwa ngabahlobo bakho ukuba niye kuzonwabisa kodwa awazi nokuba abazali bakho baza kukuvumela kusini na? Xa uza kwenza isigqibo, iBhayibhile ikukhuthaza ukuba ucingisise ngokhetho olwenzayo enoba lufanelekile okanye alufanelekanga kusini na, kwanangemiphumo. (Duteronomi 32:29; IMizekeliso 7:6-23) Ziziphi ezinye zezinto onokukhetha ukuzenza?
UKHETHO A: UZA KUHAMBA UNGABAXELELANGA ABAZALI BAKHO.
Isizathu sokuba ufune ukwenza ngolu hlobo: Ufuna ukubonisa abahlobo bakho indlela wena ongaxhomekekanga ngayo kubazali bakho. Ucinga ukuba wazi bhetele kunabazali bakho, okanye akuyikhathalele indlela abazijonga ngayo izinto.—IMizekeliso 15:5.
Imiphumo: Abahlobo bakho baza kufunda okuthile ngawe—ukuba unamaqhinga. Xa ukwazi ukuqhatha abazali bakho, unokwenjenjalo nakubahlobo bakho. Ukuba abazali bakho bafumanise ukuba uyabaqhatha, baza kukhathazeka baze bazive bengcatshiwe, mhlawumbi bade babe ngathi bayayiqinisa imiqathango abakubekela yona. Kububudenge ukungabathobeli abazali bakho uze ukhethe ukuhamba nabahlobo.—IMizekeliso 12:15.
UKHETHO B: AKUZI KUZIKHATHAZA NGOKUCELA KUBA AWUYI.
Isizathu sokuba ufune ukwenza ngolu hlobo: Emva kokuba ucingisisile ngesi sicelo, uyabona ukuba loo nto bakumemela kuyo abahlobo iyangqubana nemilinganiselo onayo okanye abantu abaza kuba lapho abafaneleki. (1 Korinte 15:33; Filipi 4:8) Kwelinye icala, usenokuba uyafuna ukuhamba kodwa uyoyika ukucela kubazali bakho.
Imiphumo: Ukuba awuhambi kuba usazi ukuba loo nto ayifanelekanga, uya kuba nesibindi sokubaphendula abahlobo bakho. Kodwa ukuba akuhambi kuba nje usoyika ukucela kubazali, usenokugqibela ngokuhlala ekhaya uqumbile, uvakalelwa kukuba nguwe kuphela ongavunyelwayo ukuba wonwabe.
UKHETHO C: CELA UZE UBONE UKUBA BAZA KUTHINI.
Isizathu sokuba ufune ukwenza ngolu hlobo: Uyabahlonela abazali bakho. (Kolose 3:20) Uyabathanda yaye akufuni kubakhathaza ngokuhamba nabahlobo bakho ungabaxelelanga. (IMizekeliso 10:1) Kwakhona unethuba elaneleyo lokucela kubo.
Imiphumo: Abazali bakho baya kubona ukuba uyabathanda yaye uyabahlonela. Ukuba ababoni ngxaki kuloo nto uyicelayo, baya kuvuma.
Isizathu Sokuba Besenokungavumi Abazali Bakho
Kuthekani ukuba abazali bakho abavumi? Isenokukucaphukisa loo nto. Sekunjalo, xa usiqonda isizathu sokuba bangavumi akuyi kuba nzima ukwamkela imiqathango abakumisela yona. Ngokomzekelo, basenokungavumi ngenxa yezi zizathu zilandelayo.
Ulwazi namava abanawo. Ukuba bekufuneka ukhethe, ubuya kukhetha ukuqubha kunxweme olunabahlanguli abagadileyo. Kutheni sisitsho nje? Kungenxa yokuba xa uqubha yaye wonwabile kunzima ukuzibona xa usengozini. Ukanti bona abahlanguli baba kwindawo ephakamileyo ebangela ukuba bayibone ngokukhawuleza ingozi.
Ngokufanayo, ngenxa yolwazi namava abanawo, abazali basenokuba babona iingozi wena ongaziboniyo. Njengabahlanguli baselwandle, asikuba abazali bakho abafuni wonwabe, kunoko bafuna ukukunceda ungangeni engozini eya kubangela ukuba ungonwabi ubomi bakho bonke.
Bayakuthanda. Abazali bakho bafuna ukukukhusela. Luthando olubangela ukuba bavume kwinto abayibona ifanelekile kodwa bathi hayi kwengafanelekanga. Xa ucela ukwenza okuthile, bayazibuza ukuba xa bevuma baya kukwazi kusini na ukuphila nemiphumo yoko. Baya kuvuma kuphela xa beqinisekile ukuba akuzi kwenzakala.
Xa bengenalwazi lwaneleyo. Abazali abanothando basoloko bexhalabile. Ukuba abayiqondi into oyicelayo, okanye ukuba bavakalelwa kukuba awubaxeleli zonke iinkcukacha, basenokungavumi.
Izinto Onokuzenza Ukuze Bavume
Nazi iindlela ezine onokuzisebenzisa.
Ukunyaniseka: Okokuqala, kufuneka uzibuze ngokunyanisekileyo ukuba: ‘Yintoni ngokwenene ebangela ukuba ndifune ukuhamba? Ngaba esona sizathu siphambili kukuba ndithanda loo nto ndiya kuyo, okanye kukuba ndifuna ukwamkelwa ngabahlobo? Ngaba kungenxa yokuba kuza kube kukho umntu endimthandayo?’ Emva koko, baxelele inyani abazali bakho. Nabo babekhe bangabantwana, yaye bakwazi kakuhle. Kusenokwenzeka ukuba baza kusiqonda esona sizathu sokuba ufune ukuhamba. Baya kuyixabisa indlela onyaniseke ngayo, yaye uya kuzuza kubulumko abanabo. (IMizekeliso 7:1, 2) Kwelinye icala, ukunganyaniseki kwakho kuya kubangela ukuba bangakuthembi yaye kuya kuba nzima ukuba bakuvumele uhambe.
Khetha ixesha elifanelekileyo lokucela: Mus’ ukubacela xa kanye bevela emsebenzini okanye bexakeke zezinye izinto. Thetha nabo xa beziphumlele. Kodwa ungalindi de kube ngumzuzu wokugqibela ube sele ufuna impendulo ngenkani. Abayi kukuthanda ukwenza isigqibo bengakhange bafumane ithuba lokucingisisa kuqala. Bacele kwangethuba yaye baya kukuvuyela ukubona ukuba uyabacingela.
Chaza yonke into: Musa ukuthetha into engavakaliyo. Chaza eyona nto ufuna ukuyenza. Abazali abayithandi impendulo ethi “Andazi,” ingakumbi xa bekubuza oku: “Ngoobani abaza kuba lapho?” “Ngaba ukho umntu omdala oza kuba lapho?” okanye “Iza kuphuma nini loo nto?”
Isimo sengqondo onaso: Mus’ ukubajonga njengeentshaba abazali bakho. Bajonge njengabangakuwe—kuba eneneni kunjalo. Ukuba ubajonga njengabahlobo bakho, akuyi kuxambulisana nabo yaye baya kusebenzisana kakuhle nawe. Ukuba bayala, babuze isizathu kodwa ke ube nembeko. Ngokomzekelo, ukuba bayala ukuba uye ekonsathini, zama ukuqonda isizathu sokuba baxhalabe. Ngaba banengxaki ngomntu oza kucula apho? ngendawo? ngabantu oza kuba kunye nabo? ngemali yokungena? Kulumkele ukuthi “Anindithembi,” “Bonke abanye abantwana bayaya,” okanye “Bona abazali babahlobo bam babavumele!” Bonisa abazali bakho ukuba umdala ngokwaneleyo ukuba usamkele isigqibo abasenzayo uze usihloniphe. Ukuba wenjenjalo, nabo baza kukuhlonela. Yaye kwixa elizayo, baya kuzama ukusamkela isicelo sakho.
Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” afumaneka kwiWebhusayithi ethi www.watchtower.org/ype
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama litshintshiwe.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 11]
“Abazali bam bayandithemba ngenxa yokuba ndenza izinto njengomntu omdala. Ndibaxelela yonke into ngabahlobo bam. Kwakhona, andoyiki ukuhamba kwindawo yolonwabo xa ndibona ukuba andiyithandi into eyenzekayo.”
[Umfanekiso]
UKimberly
[Ibhokisi ekwiphepha 12]
BABUZE ABAZALI BAKHO?
Ngaba uyafuna ukwazi ukuba bathini abazali bakho ngezi zinto kuthethwa ngazo kweli nqaku? Inye indlela onokwazi ngayo, kukubabuza! Ngexesha elifanelekileyo, ncokola nabo ngezinto ezibaxhalabisayo xa ucela ukuya kuzonwabisa. Cinga ngombuzo obungathanda ukubabuza wona uze uwubhale apha ngezantsi.
․․․․․
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Njengabahlanguli baselwandle, abazali bakho bakufanelekele ngakumbi ukukulumkisa ngengozi ojamelene nayo