IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 12/09 iphe. 22
  • Ukubaluleka Kokubonisa Umsa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukubaluleka Kokubonisa Umsa
  • Vukani!—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Yokubonisa Uthando
    Ukunceda Iintsapho
  • “Yibani Nomsa Omnye Komnye”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Ukufumana Isikhokelo Sokuba Nomsa Wobuzalwana
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Bonakalisa Uthando Entsatsheni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
Khangela Okunye
Vukani!—2009
g 12/09 iphe. 22

Ukubaluleka Kokubonisa Umsa

“UZE ubabeke esifubeni ngalo lonke ixesha!” watsho njalo unjingalwazi osisazi ngezigulo zengqondo zabantwana, kwibhinqa elaliqala ukuzala nelalisandul’ ukufumana amawele. Lo mdlezana wayecele icebiso ngendlela anokubakhulisa ngayo abantwana bakhe. Lo njingalwazi wongezelela wathi: “Uthando nomsa lunokuboniswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo njengokubawola, ukubaphuza, ukuthetha amazwi obubele, ukuba nolwazelelelo, ukubenza bonwabe, ukubapha izinto, ukubaxolela nokubohlwaya xa kuyimfuneko. Asimele siyicingele into yokuba abantwana bethu bayazi ukuba siyabathanda.”

UTiffany Field, umalathisi weTouch Research Institute kwiYunivesithi yaseMiami, eFlorida, eUnited States uyavumelana neli cebiso lingasentla. Uthi: “Ukubamba kubalulekile ekukhuleni nakwimpilo yomntwana kanye njengokutya nokwenza umthambo.”

Ngaba abantu abadala nabo bayakufuna ukuboniswa umsa? Ewe, bayakufuna. Isazi ngokusebenza kwengqondo uClaude Steiner, sathi emva kokwenza uphando safikelela kwisigqibo sokuba amazwi obubele nokuboniswa komsa kubalulekile ekunyangeni iimvakalelo zethu enoba sibadala kangakanani na. ULaura, umongikazi onyamekela iqela labantu abakhulileyo uthi: “Ndiye ndaphawula ukuba ukubonisa umsa kubantu abadala kuyawenza umahluko. Xa ubaphatha kakuhle uze ubabambe, bayakuthemba baze bakuthobele lula. Ukongezelela, loo msa ubanika isidima nentlonelo.”

Ngapha koko, umntu obonisa umsa ungenelwa ngendlela efanayo nalo uwuboniswayo. UYesu Kristu wakha wathi, “kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Kuba kuhle kakhulu xa umsa uboniswa ngokukodwa kubantu abasentlungwini, abaxinezelekileyo okanye abangazithembanga. IBhayibhile ithetha ngabantu abaninzi ababekule meko baza bancedwa.

Khawucinge nje indlela anokuba wavakalelwa ngayo “umntu ozele liqhenqa,” owayengamkelwa kwindawo awayehlala kuyo, xa wabanjwa nguYesu Kristu!—Luka 5:12, 13; Mateyu 8:1-3.

Cinga nje ngendlela awomelela ngayo umprofeti olixhego uDaniyeli xa wakhuthazwa yingelosi kaThixo yaza yambamba izihlandlo ezithathu. Ukubanjwa ngolo hlobo nokukhuthazwa kwamnceda uDaniyeli wahlaziyeka emzimbeni nasengqondweni.—Daniyeli 10:9-11, 15, 16, 18, 19.

Ngesinye isihlandlo, abahlobo bompostile uPawulos bahamba iikhilomitha ezingama-50 besuka e-Efese besiya eMileto ukuya kumbona. UPawulos wabaxelela ukuba mhlawumbi abasayi kuphinda bambone. Lo mpostile wakhuthazeka xa abahlobo bakhe abasenyongweni ‘bawela entanyeni yakhe baza bamanga.’—IZenzo 20:36, 37.

Ngoko ke, iBhayibhile nophengululo lwakutshanje zikhuthaza ukuba siphathane ngomsa. Ukwenjenjalo kusinika impilo emzimbeni nasengqondweni. Lizicacele elokuba, ukuboniswa ngokunyanisekileyo komsa akumele kuphelele ebantwaneni.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share