IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 3/10 iphe. 27
  • Okwenzeka Ehlabathini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okwenzeka Ehlabathini
  • Vukani!—2010
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Izinto Zokudlala” Ezilahlwayo
  • Oko Kucingwa Ngabantwana Abangekayi Esikolweni Ngemizimba Yabo
  • Abantwana Abathenga Kwi-Internet
  • Abantwana Abasebenzisa I-Internet—Oko Kufanele Kwaziwe Ngabazali
    Vukani!—2008
  • Ukunceda Ulutsha Lujamelane Nemiqobo
    Vukani!—2007
  • Abantwana Abasebenzisa I-Internet—Oko Kunokwenziwa Ngabazali
    Vukani!—2008
  • Kuthekani Ngabahlobo Oncokola Nabo Ngekhompyutha?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
Khangela Okunye
Vukani!—2010
g 3/10 iphe. 27

Okwenzeka Ehlabathini

“Abantu abangatshayiyo, abasebenzayo, abasela utywala ngomlinganiselo nabatya iziqhamo okanye imifuno kahlanu ngosuku banokuphila iminyaka ethe chatha ngeli-14, kunabo bangazenziyo ezi zinto.” Oku kusekelwe kuhlolisiso olwenziwe kwiminyaka eli-11 kubantu abangama-20 000.—IUC BERKELEY WELLNESS LETTER, EUNITED STATES.

“Ukufunda kuyeyona ndlela yokuphumla. . . . Imizuzu nje emithandathu yanele ukuphungula uxinezeleko ngesibini esithathwini.”—I-INDIA TODAY INTERNATIONAL, YASEINDIYA.

“Izinto Zokudlala” Ezilahlwayo

INew York Times ithi: “Ukudodobala kwezoqoqosho eUnited States, kubangele ukuba kubekho intaphane yezikhitshane ezizihlaleleyo.” Abaninizo bakhuhla amagama abo neenombolo zazo baze bazishiye nje, kanti abanye bayazitshonisa emanzini maxa wambi bethembe ukuba baza kufumana intlawulo kwi-inshorensi. Bayenzela ntoni loo nto? “Abanye . . . kubo bafana nabo bahlala kwizindlu abangakwaziyo ukuzihlawula: bajongene nokuhlawula inkuntyula yemali kwizikhitshane ezehlelwa lixabiso, loo nto ke ibangele ukuba bakhethe ukuyeka ukuzihlawula,” itsho njalo iTimes ethi xa ichaza ezi zikhitshane “zizinto zokudlala ezixabisa imali eninzi ezingasabangeli mdla.” Eli phephandaba lithi: “Abaninizo abakwazi nokuzithengisa kuba sele zininzi ezithengwa ziphinde zithengiswe. Abanawo amakhulukhulu eedola okuhlawulela nokulungisa izikhitshane ezingasebenziyo. Bengenawo namawakawaka eedola okuzilahla ngendlela efanelekileyo.”

Oko Kucingwa Ngabantwana Abangekayi Esikolweni Ngemizimba Yabo

ISunday Telegraph yaseSydney ithi, abantwana abancinane abaneminyaka emine ubudala “bafuna ukutshintsha inkangeleko yabo ukuze bamkeleke ebantwini.” Uhlolisiso ngezinto ezityiwayo nangomthambo owenziwa ngabantwana abangekayi esikolweni ludize ukuba amakhwenkwe namantombazana ngokufanayo ayixhalabele imizimba yawo—wona amantombazana afuna ukuba nemizimba emincinane ngoxa amakhwenkwe ezixakekisa ngokwakha izihlunu. “Kubonakala ngathi aba bantwana bayibone koonina into yokusoloko benganelisekanga yimizimba yabo,” batsho njalo ababhali bolu hlolisiso.

Abantwana Abathenga Kwi-Internet

IThe Daily Telegraph yaseLondon ithi: “Isinye kwisihlanu sabantwana [baseUnited Kingdom] bathenga kwi-Internet ngaphandle kwemvume yabazali babo yaye isiqingatha sabo bantwana bathenga ngamakhadi okuthenga ngetyala abazali babo.” Abantwana abaninzi bayazazi iisite neepassword ezisetyenziswa ngabazali babo xa bethenga kwi-Internet—nto leyo eyenza bazazi iinombolo zamakhadi okuthenga ngetyala abazali babo. Bambalwa abazali abayicingayo into yokuba abantwana babo bangathenga kwi-Internet bengakhange bagqithe kubo. Le ngxelo ithi, iyothusa indlela abantwana abazi izinto ezinkulu ngayo kunokuba abazali becinga. Phakathi kwezinye izinto le nto ibeka abazali esichengeni sokukhuthuzwa. Singabacebisa oku abazali abathenga ngeInternet: “Musa ukuzigcina kwi-Internet iinkcukacha zamakhadi okuthenga ngetyala okanye elinye ikhadi lakho lokuthenga,” kuphela sebenzisa iiWeb site ezithembekileyo uze “uzivale xa ugqibile ngazo.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share