Ngaba Ufuna Ixesha Elingakumbi?
UKUBA ukhetha ukubeka uphawu kwindawo yesibini okanye eyesithathu kuninzi lwemibuzo ekweli phepha, mhlawumbi ulifuna ngokwenene ixesha elingakumbi. Kunjalo nakwabanye abantu. Phantse kuyo yonke indawo kunyanzelekile ukuba abantu benze izinto ezithile, zibe ke zingadibananga nezona zinto zibalulekileyo kubo. Kodwa kungenzeka ukuba ezo zinto zinxulumene nezinto ekufuneka zenziwe—ukulungiswa kwemoto, ukwanelisa umqeshi, ukujongana neengxaki ezivelayo. Njengoko ujongana neengxaki ezahlukahlukeneyo, ungavakalelwa kukuba akukwazi ukulilawula ixesha lakho. Kusenokude kubekho nendawo evakalelwa kukuba yonke into yenzeka ngokukhawuleza yaye ubomi akubunandiphi.
Kakade ke, uzixelela ukuba yonke le nto iza kudlula. Ekugqibeleni kuza kude kuthi de, ufumane ixesha lokujongana nezona zinto zibalulekileyo kuwe—izinto ezanelisa wena, intsapho yakho nabanye. Kodwa iya kwenzeka nini loo nto? Ngaba kubonakala ngathi unganalo ithuba namhlanje? Kunjani kule veki? Kule nyanga izayo kona?
Xa sitheth’ inyani, ihlabathi elikungqongileyo alibonakali liza kuthothis’ isantya. Kodwa ikho into onokuyenza ukuze ufumane ixesha olifunayo. Unokuyenza njani loo nto?
[Ibhokisi ekwiphepha 3]
Ulifumana kangaphi ixesha lokwenza izinto ezibalulekileyo kuwe?
◯ Suku ngalunye
◯ Ngeempelaveki
◯ Akufane ube nalo
Ngosuku nje oluqhelekileyo, ngaba
◯ Wenza oko ubukucebile?
◯ Wenza izinto oziyalelweyo, nto leyo ephazamisana nolwakho ucwangciso?
◯ Usuka nje wenze nantoni na evelayo ngaphandle kokucinga ngayo?
Ngosuku nje oluqhelekileyo, ngaba uvakalelwa kukuba
◯ Uyakwazi ukulawula ubomi bakho?
◯ Unyanzelekile ukuba wenze izinto ongafuniyo ukuzenza?
◯ Akukwazi kuzilawula izinto ezenzekayo yaye uphuma kule ungene kuleya?
Ekupheleni kosuku, ngaba
◯ Uzenzile izinto ezibalulekileyo?
◯ Uwugqibile umsebenzi ebekufuneka uwenze, mhlawumbi uwenzele nje ukuwugqiba?
◯ Akunalo ixesha lezona zinto zibalulekileyo?
Ngokuqhelekileyo uziva njani ekupheleni kosuku?
◯ Wanelisekile yaye uphumeze okuthile
◯ Uthezekile, udiniwe yaye uxinezelekile
◯ Udimazekile