Abantu Abaselula Bayabuza
Kutheni Ndifanele Ndinyamekele Impilo Yam?
Faka olu phawu ✔ ecaleni kwento ofuna ukuyenza.
◯ Ukunciphisa umzimba
◯ Ukuphucula indlela olukhangeleka ngayo ulusu lwakho
◯ Ukusebenza
◯ Ukuba ngumntu ophaphileyo
◯ Ukunciphisa uxinezeleko
◯ Ukungabi nomsind okhawulezayo
◯ Ukuzithemba
KUKHO izinto ezithile ebomini ongazikhethiyo—abazali bakho, abantwana bakowenu, indawo ohlala kuyo kwakunye nezinye izinto. Kodwa izinto ziyahluka xa kufikwa empilweni. Ukuba sempilweni nokungabi sempilweni kunokuxhomekeka kwindlela okhetha ukuphila ngayo nakwimfuza.a
Usenokuthi: ‘Ndimncinane kakhulu ukuba ndingabe ndizikhathaza ngempilo!’ Ngaba nyhani kunjalo? Khawujonge izinto onokuzenza kolu ludwe lungasentla. Zingaphi osele ukhethe ukuzenza? Uthanda ungathandi, ukuba sempilweni kubalulekile ukuze ukwazi ukwenza ezi zinto.
Kusenokwenzeka ukuba uvakalelwa njengoAmberb oneminyaka eli-17 ubudala othi: “Mna andisoze ndihlalel’ ukutyana nengqolowa nokutya okungenamafutha nokungenaswekile!” Ukuba leyo yindlela ovakalelwa ngayo, ungakhathazeki—akuthethwa ukuba hlala uvonyavonyana nomzimba, ungatyi zilekese okanye ubaleke imigama emide veki nganye ukuze ube sempilweni. Kona zikho izinto onokuzenza ukuze utshintshe indlela okhangeleka ngayo, indlela ovakalelwa ngayo uze nomzimba wakho usebenze kakuhle. Makhe sibone ukuba abanye abantu abaselula bakwenze njani oku.
Yitya Kakuhle Ukuze Uphucule Inkangeleko Yakho!
IBhayibhile ikhuthaza ukuba sibe ngcathu kwindlela esizenza ngayo izinto. IMizekeliso 23:20 ithi: ‘Musa ukuba lidla-kudla.’ Akusoloko kulula ukuthobela eli cebiso.
● “Njengabanye abantwana abafikisayo ndisoloko ndilambile. Abazali bam badla ngokuthi xa ndisitya ndigalela engxoweni evuzayo!”—UAndrew, oneminyaka eli-15 ubudala.
● “Kuba ndingekawuboni umonakalo obangelwa kukutya endikutyayo andiboni nto imbi ngako.”—UDanielle, 19 ubudala.
Ngaba kufuneka uyilawule indlela otya ngayo? Nazi ezinye izinto abathi abanye abantu abaselula zibancedile.
Musa ukutya xa uhluthi. UJulia oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Ndandixhomekeka kwiikilojoules ukuze ndibone ubungakanani bokutya endikutyayo kodwa ngoku ndithi ndakuhlutha ndiyeke.”
Kuphephe ukutya okungenasondlo. UPeter, oneminyaka engama-21 ubudala uthi: “Xa ndayeka ukusela iziselo ezihlwahlwazayo, ndehla ngeekhilogram ezintlanu kwinyanga nje enye!”
Yitshintshe indlela otya ngayo. UErin, oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Ndiye ndizame ukungaphindi xa ndisitya.”
Imfihlelo Yokuphumelela: Musa ukuqakatha izidlo! Ukuba wenza lo nto uza kulamba uze utye kakhulu.
Yenza Umthambo Uze Uzive Uhlaziyekile!
IBhayibhile ithi: “Ingqeqesho yomzimba iyingenelo.” (1 Timoti 4:8) Sekunjalo, bambalwa kakhulu abantu abaselula abafuna ukwenza umthambo.
● “Awunakukholwa wakuva ukuba bangaphi abantwana abangazange baphumelele kwiklasi yokwenza umthambo. Yayiyeyona klasi yayilula, ifana nje nokutya isidlo sasemini!”—URichard, oneminyaka engama-21 ubudala.
● “Abanye bacinga ngale ndlela, ‘Andinasizathu sokuba ndibe ndibaleka nditshiswa lilanga, ndibile ndize ndidinwe ekubeni ndinako ukudlala nje umdlalo wevidiyo ndize ndizenze omnye umntu obalekayo.’”—URuth, oneminyaka engama-22 ubudala.
Ngaba udinwa kwaligama nje elithi “umthambo”? Ukuba kunjalo, nazi iingenelo ezintathu zokwenza umthambo rhoqo.
Ingenelo #1. Ukwenza umthambo kuyenza isebenze kakuhle inkqubo yomzimba yokuzikhusela. URachel oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Utata wayedla ngokuthi, ‘Ukuba akunalo ixesha lokwenza umthambo, umele ube nalo elokugula.’”
Ingenelo #2. Ukwenza umthambo kuvelisa imichiza yobuchopho ekwenza uzole. UEmily oneminyaka eli-16 ubudala uthi: “Ukubaleka kundiphumza ingqondo. Ndiyahlaziyeka emzimbeni nangokweemvakalelo.”
Ingenelo #3. Ukwenza umthambo kunokukwenza wonwabe. URuth oneminyaka engama-22 ubudala uthi: “Ndiyakuthanda ukubethwa ngumoya, ngenxa yoko ukwenza kwam umthambo kuquka ukunyuka intaba, ukuqubha, ukutyibilika ekhephini nokukhwela ibhayisikile.”
Imfihlelo Yokuphumelela: Yenza uhlobo oluthile lomthambo oluthandayo kangangemizuzu nje engama-20 kathathu ngeveki.
Lala Ngokwaneleyo Ukuze Ukwazi Ukusebenza Kakuhle!
IBhayibhile ithi: “Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.” (INtshumayeli 4:6) Akunakukwazi ukusebenza kakuhle ungakhange ulale ngokwaneleyo!
● “Ukuba andikhange ndilale ngokwaneleyo andizenzi kakuhle izinto. Ndiba nengxaki yokungakwazi ukunikela ingqalelo nakwintoni na endiyenzayo!”—URachel, oneminyaka eli-19 ubudala.
● “Kuthi kusiba malunga neye-2 emva kwemini, ndibe ndidinwe kangangokude maxa wambi ndilale ndincokola!”—UKristine, oneminyaka eli-19 ubudala.
Ngaba kufuneka ulale ngakumbi? Nazi izinto eziye zenziwa lolunye ulutsha.
Kuphephe ukulala ebusuku kakhulu. UCatherine oneminyaka eli-18 ubudala uthi: “Ndiye ndizame ukulala kwangethuba.”
Musa ukuncokola kude kube sebusuku. URichard, oneminyaka engama-21 ubudala uthi: “Ngamanye amaxesha abahlobo bam baye bandifowunele okanye bandithumelele umyalezo ebusuku kakhulu, kodwa kutshanje ndiye ndafunda ukuyivala lo ncoko ukuze ndiye kulala.”
Zama ukuzibekela ixesha lokulala nelokuvuka. UJennifer oneminyaka engama-20 ubudala uthi: “Ndizama ukuzibekela ixesha lokulala nelokuvuka suku ngalunye.”
Imfihlelo Yokuphumelela: Zama ukulala iiyure ezisibhozo ukuya kwezilishumi busuku ngabunye.
Ziziphi izinto kwezi zintathu kuthethwa ngazo apha ekufuneka uphucule kuzo?
◯ ukutya okutyayo ◯ umthambo ◯ lala ngokwaneleyo
Bhala apha ngezantsi indlela onokuphucula ngayo kuloo nkalo.
․․․․․
Ukunyamekela impilo yakho ngendlela nje ezimbalwa kunceda kwawena. Khumbula ukuba, ukuba sempilweni kuya kukwenza ukhangeleke kakuhle, uhlaziyeke uze usebenze kakuhle. Ngokungafaniyo nezinye izinto, ngokomkhamo othile unako ukuyilawula impilo yakho. UErin, oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Ekugqibeleni ukuba sempilweni kwakho kuxhomekeke kumntu omnye—kuwe.”
Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” afumaneka kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype
[Imibhalo esemazantsi]
a Siyaqonda ukuba abantu abaninzi baneengxaki zempilo okanye bakhubazekile, yaye abanakuzitshintsha ezo zinto. Eli nqaku linokubanceda abantu abanjalo ukuba babe sempilweni nakuba bekuloo meko.
b Amanye amagama kweli nqaku atshintshiwe.
OKO UMELE UCINGE NGAKO
● Ukunyamekela impilo yakho kukuchaphazela njani ukuzithemba kwakho?
● Ungakubonisa njani ukuba nengqiqo empilweni yakho?—Filipi 4:5.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 13]
OKO KUTHETHWA LOLUNYE ULUTSHA
“Umzimba womntu ufana nemoto—kuxhomekeke kumnikazi wayo ukuyigcina isebenza kakuhle. Yiloo nto ebangela ukuba ndikuthande ukwenza umthambo.”
“Kuya kukukhuthaza ukwenza umthambo nomnye umntu ngenxa yokuba awuzi kufuna ukumphoxa loo mntu.”
“Ndiyayithanda indlela endivakalelwa ngayo xa ndisenza umthambo. Yaye ndizithemba ngakumbi xa ndibona ukuba iyaphucuka indlela endikhangeleka ngayo ngenxa yokwenza umthambo.”
[Imifanekiso]
UEthan
UBriana
UEmily
[Ibhokisi ekwiphepha 14]
“NDAYITSHINTSHA INDLELA ENDIPHILA NGAYO”
“Xa ndandineminyaka emithandathu ubudala, ndandimbukumbuku. Kuthe ekuhambeni kwethuba andanela nje ukutya ndaqalisa ukutya naphakathi kwamaxesha ezidlo! Ndandingenzi kwanto injengomthambo—ndingafuni nokuwubona. Ndathi ndisiba kwishumi elivisayo ndazibona sele ndityebe ngokugqithiseleyo nto leyo endingazange ndayithanda. Ndandisithi ndakuzijonga ndizicaphukele! Ndandikhe ndizame ukunciphisa umzimba ngokutya izinto ezikhethekileyo kodwa ndandisuka ndibe ngathi ndithi chatha ukutyeba. Ndithe xa ndineminyaka eli-15 ubudala ndazixelela ukuba kuza kufuneka nditshintshe. Ndandifuna ukunciphisa umzimba ngendlela efanelekileyo—indlela endandiza kuqhubeka nayo ubomi bam bonke. Ndathenga incwadi eyayixubusha ngokutya okusempilweni, nangendlela yokwenza umthambo yaye ndazisebenzisa izinto endandizifunde kuyo. Ndandizimisele ukuba naxa kunokwenzeka ndiyeke ukutya ngendlela ekhethekileyo, ndiyeke nokwenza umthambo rhoqo okanye ndisuke nje ndityhafe, ndandingazi kunikezela. Qashela ukuba kwenzeka ntoni? Kwandinceda ukunganikezeli! Kunyaka nje omnye ndehla ngeekhilogram ezingama-25. Ndiye ndawugcina umncinane umzimba wam kangangeminyaka emibini. Ndandingayicingi into yokuba ingenzeka loo nto! Ndicinga ukuba esona sizathu sandibangela ukuba ndiphumelele kukuba andizange ndiphelele nje ekutshintsheni indlela enditya ngayo. Ndatshintsha nendlela endiphila ngayo. Emva kokuba ndiyiqondile into ukuba ukwenjenjalo kwakuza kubuchaphazela ubomi bam, ndandikulungele yaye ndifuna ukwenza utshintsho.”—UCatherine, oneminyaka eli-18 ubudala.
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Impilo yakho ifana nemoto—ukuba akuyikhathalelanga iyonakala