IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 7/10 iphe. 3
  • “Uphelelwe Ngumsebenzi”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Uphelelwe Ngumsebenzi”
  • Vukani!—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • “Musani Ukuxhalela Ingomso”
    Vukani!—2010
  • Ingxaki Eyandayo Yokungaqeshwa
    Vukani!—1996
  • “Indinceda Ndifikelele Iintliziyo Zabantu”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Ngubani Esinokuthetha Naye Kwelemimoya?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
Khangela Okunye
Vukani!—2010
g 7/10 iphe. 3

“Uphelelwe Ngumsebenzi”

ABAPHATHI babembiza ngokuba nguFred Omangalisayo.a Kwiminyaka emithandathu awayichitha esebenzela enye inkampani, uFred wayesele eyongele imali eninzi ngemisebenzi yakhe. Ngoko xa wabizelwa kwiofisi yomnye wabaphathi benkampani, uFred wayecinga ukuba uza kunyuselwa umvuzo okanye abekwe kwisikhundla esiphezulu. Kunoko lo mphathi wasuka nje wathi: “Uphelelwe ngumsebenzi.”

UFred wayengayikholelwa le nto. Uthi: “Ndandifumana umvuzo oncumisayo yaye ndiwuvuyela nomsebenzi wam kodwa ngequbuliso izinto zatshintsha. Kamva xa uFred waxelela inkosikazi yakhe uAdele ngoko kwenzekileyo naye wothuka. Uthi: “Kwakungathi ndiza kufa.” “Ndazibuza ndathi: ‘Siza kuthini ngoku?’”

Le nto yehlela uFred yehlela nezigidi zabantu njengoko kubonisiwe kwigrafu ekweli nqaku. Sekunjalo, amanani nje ewodwa awayibonisi intlungu ebangelwa kukuphelelwa ngumsebenzi. Cinga ngoRaúl, umphambukeli wasePeru owaphelelwa ngumsebenzi emva kokuba esebenze kangangeminyaka eli-18 kwihotele ekwisiXeko saseNew York. URaúl wakhangela umsebenzi kodwa engawufumani. Uthi: “Phantse iminyaka engama-30 bendisebenzela intsapho yam. Ngoku ndiziva ndingeyondoda.”

Oko kwenzeka kuRaúl kungqina into eyaziwa ngabo bonke abantu abaphelelwe ngumsebenzi—ukuphelelwa ngumsebenzi akuthethi nje ukuphelelwa yimali. Kudla ngokubangela intlungu engathethekiyo ngokweemvakalelo. Emva kokuba kudlule iminyaka engaphezu kwemithathu umyeni wakhe uMatthew engasebenzi uRenée uthi: “Ndaqalisa ukuziva ndingento yanto. Xa uyimpula kaLujaca abantu bakujongela phantsi yaye nawe uqalisa ukuzibona ngendlela abakubona ngayo.”

Umntu ophelelwe ngumsebenzi akapheleli nje ekubeni buhlungu, kodwa kufuneka aqhele ukuphila ngaloo madlana unayo. UFred uthi: “Xa sasinemali, ayizange khe ithi qatha kuthi into yokuphila ubomi obulula. Kodwa xa kwafuneka sihlawule iindleko ezifanayo—sibe singasebenzi—kwanyanzeleka ukuba siphile ubomi obulula.”

Ngoxa usafuna umsebenzi, kufuneka umelane noxinezeleko olubangelwa kukungabi namsebenzi. Kwakhona kusenokufuneka uphile ngaloo madlana unayo. Makhe sihlole izinto ezimbini ezinokukunceda ukuze umelane noxinezeleko.

[Umbhalo osemazantsi]

a Amanye amagama akula manqaku atshintshiwe.

[Igrafu ekwiphepha 3]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Inani Labantu Abaye Baphelelwa Ngumsebenzi Kumazwe Nje Amathathu Ngowama-2008

EJapan 2 650 000

ESpain 2 590 000

EUnited States 8 924 000

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share