“Indinceda Ndifikelele Iintliziyo Zabantu”
KUKHE kwakho intlanganiso yabantu abavela kumazwe ngamazwe kwisixeko saseBrazil esibizwa ngokuba yiPorto Alegre, apho bekuxutyushwa ngeengxaki ezithwaxa abantu ngokubanzi. Kwakuze amawakawaka abantu abavela kumazwe ali-135. Ngexesha lekhefu, kwakusiza iqela lamaNgqina avela kwibandla lasePorto Alegre lize labelane naba bantu ngesigidimi soBukumkani esivela eBhayibhileni. Babethetha njani nabo?
UElizabete onguvulindlela uthi, “Sasisebenzisa incwadana ethi Good News for People of All Nations.” Wongezelela athi: “Abaninzi kwabo bantu babeqala ukuva iindaba ezilungileyo zoBukumkani, kodwa babonakalisa umdla kwisigidimi sethu. Sathetha nabantu abavela eBolivia, eFransi, eIndiya, eNigeria, kwaSirayeli naseTshayina. Sasinazo iincwadi zeBhayibhile ngezinye iilwimi, yaye abantu abathetha ezo lwimi bazamkela ngovuyo.”
URaúl onguvulindlela waseMexico, uyayisebenzisa naye le ncwadana yaye ufumana imiphumo emihle. Wathetha nendoda engumArabhu eneminyaka engama-80 ubudala eyayisandul’ ukufelwa ngumfazi. Emva kokuba le ndoda ifunde isigidimi soBukumkani esibhalwe ngesiArabhu kule ncwadana, yalila ngenxa yovuyo. Kwakutheni? Yachukunyiswa kukufunda ngolwimi lwayo amazwi akwiSityhilelo 21:3, 4, apho uThixo athembisa ngokuphelisa ukufa. Ngesinye isihlandlo uRaúl wanikela ubungqina obungacwangciswanga kwindoda ethetha isiPhuthukezi. Nayo le ndoda yayifelwe ngunyana wayo. URaúl wayinika le ncwadana ukuba ifunde isigidimi sesiPhuthukezi. Emva koko, le ndoda yathi ifuna ukufunda iBhayibhile yaye yavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile.
URaúl uye wasebenzisa incwadana ethi Good News for People of All Nations ukuze anikele ubungqina kubantu abathetha isiArmenia, isiFrentshi, isiJamani, isiHindi, isiKorea, isiMixe, isiNgesi, isiPersia, isiRashiya, isiTshayina nesiZapotec. Uthi: “Ndiye ndayibona indlela okubaluleke ngayo ukusebenzisa le ncwadana kubulungiseleli. Indinceda ndifikelele iintliziyo zabantu nangona ndingakwazi ukuthetha iilwimi zabo.”
Namhlanje baninzi abantu abandwendwela okanye abafudukela kwamanye amazwe kunokuba kwakunjalo ngaphambili, ngenxa yoko sifumana amathuba okuthetha nabantu abathetha ezinye iilwimi. Siyakwazi ukwabelana nabo ngesigidimi soBukumkani sisebenzisa incwadana ethi Good News for People of All Nations. Ngaba usoloko uyiphethe eyakho?
[Imifanekiso ekwiphepha 32]
URaúl uphethe incwadana emnceda afikelele iintliziyo zabantu