Ngaba Ladalwa?
Iphiko Likahlabamanzi
● Abanye oohlabamanzi banokubhabha kangangemizuzwana engama-30 ngaphandle kokuphelelwa ngamandla. Bancedwa yintoni? Bancedwa ngamaphiko abo akhaphukhaphu awahluke lee kulawo aveliswa yimizi-mveliso yeenqwelo-moya!
Khawucinge ngoku: Eli phiko lincinanana likahlabamanzi linemiqolo elenza lingagobi. Iinzululwazi ziye zafumanisa nokuba yile miqolo egcina uhlabamanzi ebhabha. Iphephancwadi iNew Scientist lithi: “Oku kubangelwa ngumoya ohamba phakathi kwale miqolo nonceda esi sinambuzane sikwazi ukuqhubeka sibhabha.”
Emva kokuba ehlolisise iphiko likahlabamanzi, unonjineli weenqwelo-moya uAbel Vargas nabantu asebenza nabo bagqiba kwelokuba “amaphiko abonwe kwindalo asebenza kakuhle kakhulu xa efakwe kwiinqwelo-moya ezincinane.” Njengoko zineekhamera nezinye izixhobo, ezi robhothi zilingana nentende yesandla ziluncedo kakhulu, kuba phakathi kwezinye izinto zinokusetyenziselwa ukufumana inkcazelo kwiindawo ezehlelwe yintlekele okanye zisetyenziselwe ukuhlola umlinganiselo wongcoliso.
Ucinga ntoni? Ngaba eli phiko lincinanana likahlabamanzi nelinemiqolo lazivelela? Okanye ngaba ladalwa?
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Inqwelo-moya efana nohlabamanzi inobunzima obuziimiligram ezili-120, inobubanzi obuziisentimitha ezintandathu yaye inamaphiko amancinane enziwe ngesilikhoni aphaphazelayo xa exokonyezelwe embaneni.
[Inkcazelo]
© Philippe Psaila/Photo Researchers, Inc.