“Ukuxhaphaka Kokungathembani”
ENtshona Afrika, inkwenkwe eneminyaka eli-12 ubudala ilele ngandletyana-nye esibhedlele—unina uthe eye kuthenga iipilisi zemalariya ekhemisti, waqhathwa wanikwa ezingezizo. Omnye ugqirha wasesibhedlele uthi: “Besithengiselwa amayeza angengawo kangangeminyaka eli-15.”a
EAsia, abazali bosana oluyinkwenkwe olusandul’ ukuzalwa bothuka bakufumanisa ukuba ubisi ebebekholelwa ukuba lunesondlo yaye besondla ngalo usana lwabo lugalelwe into ethile ebulalayo. Okulusizi kukuba le nkwenkwana yasutywa kukufa.
Usomashishini othenjiweyo waseMerika uqhatha abantu ashishina nabo ngokuthatha iibhiliyon zeedola zabo! Amawakawaka aye afumanisa ukuba imali yawo yenkamnkam iye yebiwa ngenxa “yobuqhophololo ekungazange kubekho bunjengabo kule nkulungwane.”
KWIHLABATHI lanamhlanje, maxa wambi sonke sikhe sidaniswe ngabantu esibathembayo. Kwanemeko yehlabathi yezoqoqosho ubukhulu becala ibangelwa koko iphephandaba laseFransi iLe Monde likubiza ngokuba “kukuxhaphaka kokungathembani.”
Zintoni ezibangela ukuba kuxhaphake kangaka ukungathembani namhlanje? Ngaba ukho umntu onokumthemba?
[Umbhalo osemazantsi]
a Ingxelo esuka kwiphephandaba iLe Figaro, elipapashwe eParis, eFransi.