IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 10/10 iphe. 13
  • Okwenzeka Ehlabathini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okwenzeka Ehlabathini
  • Vukani!—2010
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Abantwana Abangakwaziyo Ukuncokola
  • Iicawa ZaseIreland Ezingenabefundisi!
  • Usiba Olwalathe Emntla Luyashukuma
  • IBhayibhile KaBedell
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Umonakalo Obangelwa Kukuthanda Amanyala
    Vukani!—2003
  • Ndinokuyiphepha Njani Imifanekiso Engamanyala?
    Vukani!—2007
  • Kutheni Ndifanele Ndingayibukeli Iphonografi?
    Ulutsha Luyabuza
Vukani!—2010
g 10/10 iphe. 13

Okwenzeka Ehlabathini

Abaphengululi baseKhanada bafuna ukuhlola indlela imifanekiso engamanyala ewachaphazela ngayo amadoda. Elinye ilungu leli qela lithi: “Siluqale uphando lwethu ngokukhangela amadoda akwiminyaka engamashumi amabini angazange ayibukela imifanekiso engamanyala kodwa sibuye nemband’ esikhova.”—IUNIVERSITY OF MONTREAL, EKHANADA.

Esona sakhiwo side ehlabathini, iBurj Khalifa, sanikezelwa eDubai ngoJanuwari odlulileyo. Sinobude obuziimitha ezingama-828, sinemigangatho eli-160 yaye unokusibona ukude kangangeekhilomitha ezingama-95.—IGULF NEWS, UNITED ARAB EMIRATES.

“UbuYuda Obuhlaziyiweyo abuyonto xa bungahambisani nokutshintsha kwamaxesha. Kutshanje kwiicawa zabo baye bathandazela ngokukhethekileyo abantu abenza utyando lokutshintsha isini.”—ITHE NEW YORK TIMES MAGAZINE, EUNITED STATES.

Abantwana Abangakwaziyo Ukuncokola

Abazali banamhlanje bachitha ixesha elincinane bencokola nabantwana babo ngamaxesha esidlo okanye xa bebafundela ngaphambi kokuba baye kulala kunokuba kunjalo ngabazali bezizukulwana ezidluleyo. IThe Times yaseLondon ithi: “Abanye abantwana bathi xa beqala ukufunda kumabanga aphantsi babe besathetha njengabantwana abaneenyanga ezili-18 ubudala yaye liye lisanda inani labantwana abangakwaziyo ukwenza izivakalisi ezilula.” EBritani, “i-18 ekhulwini labantwana abaneminyaka emihlanu ubudala (ngaphezu kwe-100 000) abancokoli ngendlela elindelekileyo kubantwana abangangabo.” Ngenxa yoko, abantwana abaninzi abangayiqondi kakuhle imiyalelo nje ezicaceleyo okanye abangakwaziyo ukuyichaza into abayifunayo “bafana nabantu basemzini xa beseklasini,” abazi nokuba kubethw’ abaphi.

Iicawa ZaseIreland Ezingenabefundisi!

IThe Irish Times ithi: “Siza kuya sibabona bephela abefundisi kwiCawa yamaKatolika.” Kwiminyaka engamashumi amahlanu eyadlulayo, i-Ireland ibinabafundisi abaninzi kunalo naliphi na elinye ilizwe. Oku kuthetha ukuba kungekudala xa aba bafundisi befikelela kwiminyaka engama-75 ubudala baze bathathe umhlala phantsi, ezinye iziphaluka ziza kube zingenabafundisi. Abanye bathi le ngxaki yokushokoxeka kwabefundisi iqale xa kwenziwa isigqibo sokuyekiswa koqingqo-nzala olungelulo olokwemvelo, esapapashwa ngowe-1968 kwincwadi eyabhalwa ngupopu iHumanae Vitae. Xa iqhubeka iTimes ithi olo xwebhu lwakhokelela ekubeni “abantu baqale ukuhlab’ amadlala iimfundiso zeCawa” “nasekuyekeni kwabantu ukuthembela kubafundisi.”

Usiba Olwalathe Emntla Luyashukuma

Iphephandaba laseFransi iLe Figaro lithi, xa kwafunyanwa usiba lweNorth Pole ngowe-1831 lalikumntla weKhanada, malunga neekhilomitha ezingama-2 750 ukususela kwiNorth Pole.” De kwaba ngowe-1989, usiba olwalathe emntla belusondela kwiNorth pole ngeekhilomitha ezintlanu ukuya kwezili-15 ngonyaka. Ngokutsho kweParis Institute of Global Physics, olu siba lwalathe emntla sithethanje lushukuma “malunga neekhilomitha ezingama-55 ngonyaka” yaye ngowama-2007 lwafunyanwa lusondele ngeekhilomitha ezingama-550 ukusuka kwinorth pole. Eli phephandaba lithi, ngokwesantya nangendlela oluhamba ngaso, ngowama-2020 iiaurora borealis okanye izibane zakumntla ezihamba nolu siba lalathe kumntla “ziza kubonakala kakuhle ngentla kweSiberia kunokuba zibonakale eKhanada.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share