Ngaba Inzululwazi Inobungqina Bokuba Akakho UThixo?
KANGANGEMINYAKA engama-50, isithandi-sobulumko saseBritani uAntony Flew owayengakholelwa kubukho bukaThixo wayehlonelwa kakhulu ngoogxa bakhe. Incwadi yakhe yowe-1950 ethi “Theology and Falsification,” yeyona yaphinda yashicilelwa kwiincwadi zezithandi-zobulumko kwinkulungwane [yama-20].” Ngowe-1986 lo kaFlew wayesaziwa ngokuba “ngoyena mgxeki uphambili wenkolelo yobukho bukaThixo ngexesha lethu.” Ngenxa yoko, abantu abaninzi bothuka kakhulu xa ngowama-2004 lo kaFlew wathi uyitshintshile imbono yakhe.
Yintoni eyabangela ukuba lo kaFlew atshintshe? Ngamafutshane, singathi yinzululwazi. Wayeyisekile ukuba umhlaba, imithetho yendalo nobomi abunakubakho ngamabona-ndenzile. Ngaba sisigqibo esisengqiqweni eso?
Yabakho Njani Imithetho Yendalo?
Isazinzulu nombhali uPaul Davies uthi inzululwazi iyichaza ngokucacileyo indlela ezenzeka ngayo izinto ezifana nemvula. Kodwa ke uthi: “Kunzima ukufumana iimpendulo zemibuzo enjengothi, ‘Kutheni kukho imithetho elawula indalo? Oko kuye kwafunyaniswa yinzululwazi akukhange kuncede ekuphenduleni imibuzo enjengale: imibuzo emininzi entsonkothileyo ayikhange iphenduleke ukususela nje ekuqaleni kwempucuko yaye nanamhlanje isadida.”
Ngowama-2007 lo kaFlew wabhala wathi: “Eyona nto ibalulekileyo asibobukho bemithetho eyenza indalo isebenze kakuhle, kodwa kukuba le mithetho isebenza ngokuchanileyo, ikho kwindalo yonke yaye ‘iyavisisana.’” UEinstein wathi, ‘ibubungqina bobukho bobulumko.’ Umbuzo esifanele siwubuze ngowokuba kwenzeka njani ukuba indalo yenziwe ngolu hlobo. Lo mbuzo wabuzwa waza waphendulwa nazizazinzulu ezifana noNewton, uEinstein noHeiseberg. Impendulo yazo yayisithi bubulumko bukaThixo.”
Eneneni, izazinzulu ezininzi ezihlonelwayo azikuboni kungavisisani nenzululwazi ukukholelwa kuMdali okrelekrele. Kwelinye icala, akukho ngqiqweni ukuthi umhlaba, imithetho nobomi zabakho ngamabona-ndenzile. Kubomi bemihla ngemihla sifunda ukuba izinto ezenziwe ngobuchule, ingakumbi ezintsonkothileyo, zenziwe ngumntu othile.
Wena Uza Kukholelwa Ntoni?
Nangona aba bantu batsha bangakholelwayo kubukho bukaThixo beyixhasa ngenzululwazi inkolelo yabo, inyaniso kukuba ukukholelwa nokungakholelwa kubukho bukaThixo akuxhomekekanga kwinzululwazi kuphela. Ukuthi uThixo akakho kusekelwe ekubeni zonke izinto zabakho ngamabona-ndenzile kanti ukuthi ukho kusekelwe ekubeni izinto zadalwa—zombini ezi nkolelo zisekelwe kukholo. Unjingalwazi wezezibalo kwiYunivesithi yaseOxford eNgilani uJohn Lennox uthi eli qela litsha elithi akukho Thixo lithi “abantu becawa bakhohlisiwe.” Walek’ umsundulu esithi: “Sifuna ukulikhupha litsole elokuba, bawuphosile umhlola.” Umbuzo ngulo: Luluphi ukholo olubonakala luyinyaniso phakathi kolwabathi akukho uThixo nabathi ukho? Ngokomzekelo, makhe sithethe ngemvelaphi yobomi.
Abantu abaxhasa uluvo lokuba yonke into yazivelela bayavuma ukuba imvelaphi yobomi yintsumantsumane nangona kukho izimvo ezininzi ezibethabethanayo. URichard Dawkins otshotsha phambili kweli qela litsha labantu abathi akukho Thixo uthi kwakulindelekile ukuba kubekho ubomi nakwesiphi na sezijikelezi-langa ezininzi ezikhoyo kwindalo. Kodwa izazinzulu ezininzi ezihlonelwayo ziyayithandabuza loo nto. UNjingalwazi uJohn Barrow weYunivesithi yaseCambridge uthi, inkolelo yokuba “ubomi bazivelela, ayinasihlahla. Zininzi izinto ebeziya kuthintela ukubakho kobomi kwindawo eneemeko ezingavumiyo yaye kububuvuvu ukucinga ukuba nantoni na inokwenzeka xa kukho icarbon nexesha elaneleyo.”
Ukhumbule ukuba ubomi abuyongxubevange nje yemichiza eyahlukahlukeneyo. Kunoko busekelwe kwinkcazelo entsonkothileyo egcinwa kwiDNA. Ngoko xa sithetha ngemvelaphi yobomi sikwathetha nangemvelaphi yenkcazelo esisiseko sobomi. Nguwuphi ekuphela komthombo wolwazi esiwaziyo? Ngamafutshane singathi yingqondo ekrelekrele. Ngaba ulwazi oluntsonkothileyo, njengenkqubo ethile yekhompyutha, indlela yokwenza izibalo ezithile, intyila-lwazi okanye indlela yokubhaka ikeyiki inokusuka ibekho nje ngaphandle kokuza nomntu othile? Akunjalo. Sekunjalo, akukho nanye kwezi enokuthelekiswa nenkcazelo ekwimizila yemfuza yezinto eziphilayo ngokuntsonkotha nangokusebenza ngokugqibeleleyo.
Ngaba Kusengqiqweni Ngokwenzululwazi Ukuthi Ubomi Babakho Ngamabona-ndenzile?
UPaul Davies uthi abantu abangakholelwayo kubukho bukaThixo bathi “ayinakuqondwa indlela obabakho ngayo ubomi emhlabeni. Ukuba umhlaba ubuwahlukile abantu ngebengekho yaye besingazi kukwazi ukuphikisana ngemvelaphi yawo. Kusenokwenzeka ukuba indalo ilungelelanisiwe okanye akunjalo kodwa ayizange idalwe yaye ayenziwanga ngenjongo ethile.” Lo kaDavies uthi: “Ukuqiqa ngolu hlobo kuyindlela yaba bantu yokuphepha izibakala.”
Kwincwadi yakhe ethi Evolution: A Theory in Crisis uMichael Denton wathi, inkolelo yokuzivelela kwezinto “ifana nokuvumisa ngeenkwenkwezi kwamandulo, okwakungenziwa ngezixhobo zale mihla, yaye ayisekelwanga kwinzululwazi.” Kwakhona wabhekisela kwingcamango yendaleko kaDarwin njengeyona ntsomi yaziwayo kwixesha lethu.
Yintsomi ukukholelwa ukuba yonke into yenzeka ngamabona-ndenzile. Khawube nomfanekiso ngqondweni woku: Masithi umembi wezinto zakudala ufumana ilitye elinamacala amane alinganayo. Usenokuthi loo nto yenzeka ngamabona-ndenzile yaye kusenokuba sengqiqweni oko. Ekuhambeni kwexesha ubona elinye ilitye elenziwe lafana nentloko namagxa omntu. Ngaba unokuthi indlela elimile ngayo eli litye yazenzekela? Akunjalo. Ingqondo yakhe iyamxelela ukuba, ‘Kukho umntu owenze eli litye lanje.’ NeBhayibhile ithi: “Ndlu nganye inomakhi wayo, kodwa lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.” (Hebhere 3:4) Ngaba uyavumelana nala mazwi?
Lo kaLennox uthi: “Okukhona sifunda ngendalo, kokukhona kucaca ukuba uluvo lokuba kukho uThixo onguMdali nowadala umhlaba ngenjongo, lolona lusichaza bhetele isizathu sokuba sibe lapha.”
Okubuhlungu kukuba phakathi kwezinto ezibangela abantu bangakholelwa kubukho bukaThixo zizinto ezimbi ezenziwa egameni lakhe. Ngenxa yoko abanye bathi abantu bebeya kuphila ubomi obubhetele ukuba belungekho unqulo. Ucinga ntoni wena?