Abantu Abaselula Bayabuza
Ngaba Ndimele Ndisiyeke Isikolo?
Ucinga ukuba ufanele usiyeke xa ukweliphi ibanga isikolo?
․․․․․
Abazali bakho bafuna ukuba uyeke nini?
․․․․․
NGABA ziyafana ezi mpendulo zingasentla? Enoba ezi mpendulo ziyafana yaye usesesikolweni, kubakho iintsuku oye unqwenele ukusiyeka isikolo. Ngaba ukhe ucinge ngale ndlela?
● “Ngamanye amaxesha ndandixinezeleka kangangokuba ndandingafuni ukuvuka. Ndandizibuza, ‘Kutheni ndimele ndiye esikolweni ndiza kufunda izinto endingazi kuzisebenzisa nje?’”—URachel.
● “Amaxesha amaninzi ndandidikwa sisikolo ndide ndifune ukusiyeka ndizifunele umsebenzi. Ndandivakalelwa kukuba isikolo asindincedi nganto yaye ndifuna ukuchitha ixesha lam ndisenza umsebenzi oza kundihlawula.”—UJohn.
● “Suku ngalunye ndandigoduka nomsebenzi wesikolo oza kuthatha iiyure ezine ukuze ndiwugqibe! Ndandiba nomsebenzi wesikolo omninzi neemviwo—ngexesha elinye—kangangokuba ndandivakalelwa kukuba zazingaphaya kwamandla am yaye ndifuna ukuyeka.”—UCindy.
● “Sakha sagrogriswa ngesiqhushumbisi, kwabakho abafundi abathathu abazama ukuzibulala, omnye wazibulala, kwabakho namaqela emigulukudu anogonyamelo. Maxa wambi kwakuba nzima yaye ndandifuna ukuhamba!”—URose.
Ngaba ukhe waba neengxaki ezifanayo? Ukuba kunjalo, yintoni eye yakwenza wafuna ukuyeka isikolo?
․․․․․
Mhlawumbi uzimisele ukuyeka. Unokuwubona njani umahluko phakathi kokuyeka isikolo kuba kufike ixesha lokwenjenjalo nokuyeka isikolo kuba udikiwe siso? Ukuze siphendule lo mbuzo kuya kusinceda ukuqale sibone ukuba kuthetha ukuthini ukuyeka isikolo.
Ngaba Uyasishiya Okanye Uyayeka?
Unokuwuchaza njani umahluko phakathi kokusishiya nokusiyeka isikolo?
․․․․․
Ngaba ubusazi ukuba kwamanye amazwe kuqhelekile ukuba umntwana afunde iminyaka emihlanu okanye esibhozo? Kwamanye, kufuneka abantwana bafunde iminyaka elishumi ukusa kwelishumi elinesibini. Ngoko, akukho banga okanye iminyaka ebekelwe abantwana ehlabathini lonke.
Ukongezelela, kwamanye amazwe abantwana bavumelekile ukufundela ekhaya. Abantwana abafundela ekhaya—abafumene imvume kubazali babo—abayekanga esikolweni.
Noko ke, ukuba ucinga ngokuyeka isikolo ngaphambi kokuba ugqibe—enoba sisikolo esiqhelekileyo okanye kukufundela ekhaya—ufanele ucinge ngale mibuzo ilandelayo:
Uthini umthetho? Njengokuba sele kubonisiwe, imithetho ephathelele ixesha umntwana afanele alichithe esesikolweni ayifani. Kwindawo okuyo, ngokomthetho ufanele ufunde ixesha elingakanani? Ngaba sele ufikile kwelo xesha? Ukuba usibetha ngoyaba isiluleko seBhayibhile esithi, ‘masiwathobele amagunya awongamileyo’ uze uhambe esikolweni ngaphambi kwelo xesha, uyekile esikolweni.—Roma 13:1.
Ngaba ndilufikelele usukelo lwezifundo zam? Luluphi usukelo ofuna imfundo ikuncede ulufikelele? Akuqinisekanga? Umele wazi! Kungenjalo ufana nomntu okhwele uloliwe kodwa engazi ukuba uyaphi. Ngoko, hlala phantsi nabazali bakho uze uzalise iphepha elinomxholo othi, “Usukelo Endiza Kuncedwa Yimfundo Ukuba Ndilufikelele” elikwiphepha 28. Oko kuza kukunceda uzimisele esikolweni yaye kuya kukunceda wena nabazali bakho nibone ukuba ufanele ufunde ixesha elide kangakanani.—IMizekeliso 21:5.
Ootitshala bakho nabanye abantu basenokukucebisa ngexesha ofanele ulichithe esikolweni. Kodwa ke, ngabazali bakho abanelungelo lokukwenzela eso sigqibo. (IMizekeliso 1:8; Kolose 3:20) Uya kube uyayeka esikolweni xa ukwenza oku ngaphambi kokuba ufikelele usukelo obuthethe ngalo nabazali bakho.
Yintoni ebangela ukuba ndiyeke? Kulumkele ukuzikhohlisa. (Yeremiya 17:9) Abantu banomkhwa wokuzithethelela ngezinto abazenza ngenxa yokuzingca.—Yakobi 1:22.
Bhala apha ngezantsi izizathu ezivakalayo zokuyeka isikolo ungekagqibi.
․․․․․
Bhala apha ngezantsi izizathu zokuyeka isikolo ezibonisa ukuzingca.
․․․․․
Ziziphi izizathu ezivakalayo ozibhalileyo? Ezinye izizathu isenokuba kukuxhasa intsapho yakowenu ngokwezimali okanye ukunceda abantu bafunde ngoThixo. Izizathu ezibonisa ukuzingca zisenokuquka ukubaleka iimviwo okanye umsebenzi wesikolo. Kubalulekile ukuqonda esona sizathu—ngaba siyavakala okanye sibonisa ukuzingca?
Sicela uphinde ujonge uludwe olubhalileyo lwezizathu zokuyeka kwakho isikolo uze uludwelise ngokokubaluleka kwalo (u-1 ubonisa isizathu esingabalulekanga, u-5 ubonisa esona sizathu sibalulekileyo). Ukuba uyeka isikolo ngenxa yokuba ubaleka iingxaki, usengxakini.
Yintoni Ephosakeleyo Ngokuyeka Isikolo?
Ukuyeka isikolo kufana nokutsiba kuloliwe ehamba, ungekafiki apho uya khona. Kusenokwenzeka ukuba uloliwe akakho tofotofo nabantu okhwele nabo abanabubele. Kodwa ukuba ukhawuleza utsibe kuloliwe awuzi kufika apho uya khona yaye unokwenzakala. Ngokufanayo, ukuba uyeka isikolo usenokungalufikeleli usukelo lwakho yaye uya kuba neengxaki ngoku nakwixesha elizayo ezinjengezi zilandelayo:
Ingxaki zangoku Unokukufumanisa kunzima ukufumana umsebenzi yaye ukuba uwufumene uya kuba ngumsebenzi ohlawula imali encinane kunaleyo ubuya kuyifumana ukuba ubugqibile esikolweni. Ukuze uzixhase, kusenokufuneka usebenze iiyure ezininzi kwindawo ekunzima ngakumbi kuyo kunasesikolweni.
Iingxaki zexesha elizayo Uphando lubonisa ukuba abo bayeke isikolo basengozini yokuba nempilo enkenenkene, yokuba nabantwana besebancinane, baphelele entolongweni kuze kufuneke baxhomekeke ekuxhasweni ngurhulumente.
Kakade ke, ukugqiba esikolweni akusosiqinisekiso sokuba soze ube nazo ezi ngxaki. Kodwa kutheni ufanele uzichanabe ngokungeyomfuneko uyeke isikolo?
Iingenelo Zokungayeki
Liyinyaniso elokuba ukuba awuziphumelelanga iimviwo okanye usuku lwakho aluhambanga kakuhle esikolweni usenokufuna ukunikezela—iingxaki zekamva zisenokubonakala zincinane xa zithelekiswa nengxaki ojamelene nayo ngoku. Kodwa ngaphambi kokuba uthathe indlela “elula” cinga ngendlela abafundi ebekuthethwe ngabo ngaphambili abangenelwa ngayo ngenxa yokuba bengakhange bayeke esikolweni.
● “Ndifunde ukunyamezela. Kwakhona ndifunde ukuba ukuze wonwabe xa usenza into, oko kuxhomekeke kuwe. Ndiye ndaphucula ubuchule bam bokuzoba, nto leyo endiza kuyisebenzisa xa ndigqibile esikolweni.”—URachel.
● “Ngoku ndiyazi ukuba, ukuba ndisebenza nzima ndinokulufikelela usukelo lwam. Ndikhethe izifundo eziza kundinceda ndifanelekele umsebenzi endifuna ukuwenza wokulungisa oomatshini bokushicilela.”—UJohn.
● “Isikolo siye sandinceda ndakwazi ukucombulula iingxaki, esikolweni nakwezinye iindawo. Ukufunda indlela yokujamelana neengxaki zesikolo, ingxaki endinazo nabanye abantu neengxaki zokukhula kuye kwandinceda ndaqola.”—UCindy.
● “Isikolo siye sandinceda ndakulungela ukujamelana neengxaki zasemsebenzini. Kwakhona ndiye ndajamelana neengxaki ezininzi ezindenze ndahlolisisa iinkolelo zam, ngoko ukuba sesikolweni kuye komeleza ukholo lwam.”—URose.
UKumkani osisilumko uSolomon wabhala wathi: “Kulunge ngakumbi ukuphela kombandela kunokuqalwa kwawo. Ulunge ngakumbi onomonde kunalowo unomoya onekratshi.” (INtshumayeli 7:8) Ngoko kunokuba uyeke esikolweni, zicombulule iingxaki ojamelana nazo. Ukuba wenjenjalo, uya kufumanisa ukuba kulunge ngakumbi ukuphela kombandela.
Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” afumaneka kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype
OZA KUCINGA NGAKO
● Ukuzibekela usukelo kunokukunceda njani ukuba ulisebenzise kakuhle ixesha olichitha esikolweni?
● Kutheni kubalulekile ukwazi uhlobo lomsebenzi ofuna ukuwenza emva kokuba ugqibile esikolweni?
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 27]
OKO KUTHETHWA LOLUNYE ULUTSHA
“Isikolo sindifundise ukuthanda ukufunda. Kuyinto entle ukukwazi ukuqonda iingcinga neemvakalelo zomnye umntu ngokufunda oko akubhalileyo.”
“Ndikufumanisa kunzima ukulisebenzisa kakuhle ixesha lam. Ngekunzima nangakumbi ukuba bendingayanga esikolweni! Isikolo sindinceda ndicwangcise kakuhle izinto ekufuneka ndizenze imihla ngemihla, ndinamathele kucwangciso ndize ndifunde nokwenza ezona zinto zibalulekileyo.”
[Imifanekiso]
UEsme
UChristopher
[Ibhokisi ekwiphepha 28]
USUKELO ENDIZA KUNCEDWA YIMFUNDO UKUBA NDILUFIKELELE
Injongo ephambili yemfundo kukukunceda ufumane umsebenzi oza kukwenza ukwazi ukuzixhasa uze uxhase nentsapho yakho. (2 Tesalonika 3:10, 12) Ngaba sele uwukhethile umsebenzi ofuna ukuwenza nendlela isikolo esinokukunceda ngayo uwulungele? Phendula le mibuzo ilandelayo ukuze ubone enoba izifundo ozikhethileyo ziza kukunceda ulufikelele usukelo lwakho kusini na:
Ziziphi izinto endikwaziyo ukuzenza kakuhle? (Ngokomzekelo, ngaba uqhubana kakuhle nabantu? Ngaba uyakuthanda ukwenza umsebenzi wezandla, njengokulungisa izinto? Ngaba uyakwazi ukucombulula iingxaki?)
․․․․․
Yiyiphi imisebenzi efuna ubuchule endinabo?
․․․․․
Yiyiphi imisebenzi efumanekayo apho ndihlala khona?
․․․․․
Ziziphi izifundo endizenzayo eziza kundenza ndifumane umsebenzi?
․․․․․
Ziziphi izifundo endisele ndiziphumelele neziza kundinceda ndifikelele usukelo lwam?
․․․․․
Khumbula ukuba usukelo lwakho kukwenza izifundo eziza kukunceda. Musa ukuzibaxa izinto uze ufunde ixesha elide kuba nje ubaleka iimbopheleleko zokuba ngumntu omdala.
[Ibhokisi ekwiphepha 29]
UMYALEZO OYA KUBAZALI
“Ootishala bam bayandidika! Bandinika umsebenzi wasekhaya omninzi. Nasesikolweni ndipasa nzima—andisiboni isizathu sokuba ndizame.” Ngenxa yeengxaki ezinjalo, olunye ulutsha luye lufune ukuyeka esikolweni ngaphambi kokuba lufumane ubuchule obufunekayo ukuze lukwazi ukuzixhasa. Ukuba unyana okanye intombi yakho ifuna ukuyeka esikolweni, yintoni onokuyenza?
Hlola indlela wena oyijonga ngayo imfundo. Ngaba isikolo wawusijonga njengenkcitha xesha okanye intolongo ekwakufuneka uyinyamezele de kufike ixesha lokuba usukele izinto ezibangela umdla? Ukuba kunjalo, indlela oyijonga ngayo imfundo inokubosulela nabantwana bakho. Eneneni, imfundo efanelekileyo iya kubanceda bafumane “ubulumko bobuqili namandla okucinga”—mpawu ezo ezifunekayo ukuze baphumelele xa bebadala.—IMizekeliso 3:21.
Mababe nezixhobo zokufunda. Abanye abantwana ngebephumelela, nto nje abazi ukuba kufundwa njani—okanye abanayo indawo efanelekileyo abanokufundela kuyo. Indawo yokufunda efanelekileyo isenokuquka idesika, isibane esikhanyisa kakuhle nezixhobo zokwenza uphando. Unokumnceda umntwana wakho ahambele phambili esikolweni okanye kwizinto ezinokuthanani nonqulo ngokuba angaphazanyiswa xa efunda.—1 Timoti 4:15.
Bancedise. Qhelana nootitshala nabo baqeqeshelwe ukucebisa abantwana besikolo, ungabajongi njengeentshaba zakho. Zazise kubo. Bazi ngamagama. Thetha nabo ngosukelo neengxaki umntwana wakho ajamelene nazo. Ukuba umntwana wakho upasa nzima, zama ukukhangela ukuba yintoni ebangela loo nto. Ngokomzekelo, ngaba umntwana wakho uvakalelwa kukuba, ukuba uphum’ emagqabini esikolweni uza kuba sisisulu sokugculelwa ngabanye abantwana? Ngaba unengxaki anayo netitshala yakhe? Kuthekani ngezifundo zakhe? Umntwana ufanele afundiswe izinto ezinzima njengoko esenza inkqubela esikolweni kodwa akafanele abe nomthwalo ongaphezu kwamandla akhe. Esinye isizathu isenokuba sesi: Ngaba mhlawumbi kukho undonakele njengokungaboni kakuhle okanye ingxaki yokufunda?
Ukuba uyabandakanyeka xa kufundiswa umntwana wakho esikolweni nakwizinto zonqulo, maninzi amathuba okuba aphumelele.—IMizekeliso 22:6.
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Ukuyeka isikolo kufana nokutsiba kuloliwe ehamba, ungekafiki apho uya khona