IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwyp inqa. 7
  • Ndingathini Xa Ndingakuthandi Ukuya Esikolweni?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndingathini Xa Ndingakuthandi Ukuya Esikolweni?
  • Ulutsha Luyabuza
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Ndimele Ndisiyeke Isikolo?
    Vukani!—2010
  • Kutheni Ndifanele Ndifundisise Ngamandla Esikolweni?
    Vukani!—1992
  • Ngaba Ndimele Ndisiyeke Isikolo?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1
  • Izinto Onokuzenza Ukuze Uphumelele Esikolweni
    Vukani!—2012
Khangela Okunye
Ulutsha Luyabuza
ijwyp inqa. 7
Umfana okhathazekileyo umi ngakwindawo yokufaka oobhaka esikolweni.

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingathini Xa Ndingakuthandi Ukuya Esikolweni?

Xa usithi awukuthandi ukuya esikolweni, siyaqondakala eso sizathu. Kukho ootitshala oboyikayo, abantwana ofunda nabo bafuna wenze izinto ezithile, kukho istres esenziwa zizinto enizibhalayo, nomsebenzi omninzi owenziwayo.a Intombi ekuthiwa nguRachelb uthi:

“Kunokuba ndibe sesikolweni, kubhetele ukuba ndiye elwandle, ndibe kunye nabahlobo bam okanye ndincedise abazali bam ekuphekeni nasekuklineni!”

Ukuba uziva njengoRachel, ungakufanisa ukuba sesikolweni nokubasetrongweni, ugwetyiwe ibe kufuneka unyamezele de uyokukhululwa xa ugreda. Ngaba ikhona indlela ebhetele onokukujonga ngayo ukuba sesikolweni?

Ngaba ubusazi? Xa ukujonga kakuhle ukuya esikolweni, awuye ukubone njengento edinisayo nekumele uyinyamezele. Kwelinye icala, isikolo siye sikuncede ube nezinto okwaziyo ukuzenza nezingakunceda naxa sele umdala.

Ukuze usibone bhetele isikolo, zama ukucinga ngezi zinto zilandelayo:

Umfanekiso wento yokubhala nepencil.

Imfundo yakho. Ngokuya ufunda, uza kuya ubona iindlela ezibhetele onokuzisebenzisa xa ulungisa iingxaki oza kubanazo emsebenzini okanye ebomini bakho, endaweni yokuba usoloko ulindele abanye abantu ukuba bakwenzele izinto. Zibuze, ‘Nokuba kukho izinto endingazithandiyo esikolweni, ziintoni ezinokundinceda nendinokuzisebenzisa ebomini bam xa ndifundile?’

Umgaqo weBhayibhile: “Bukhusele ubulumko namandla okucinga.”—IMIzekeliso 3:21.

Ukuze ufunde nezinye izinto, jonga inqaku elithi “Ndingenza Njani Xa Ndingapasi Esikolweni?”

Umfanekiso wento yokitikisha.

Izinto oqhele ukuzenza. Izinto ezintle oqhele ukuzenza xa usesikolweni, zinokunceda ukwazi ukulisebenzisa kakuhle ixesha lakho, ukwazi ukuzibamba, uze usebenze nzima. Zonke ezi zinto ziza kukunceda xa sele umdala. Zibuze: ‘Zeziphi izinto zesikolo endiqhele ukuzenza kakuhle eziye zindincede ndibe ngumntu ozenza kakuhle izinto nosebenza nzima? Ndingaphucula phi kwezi zinto?’

Umgaqo weBhayibhile: “Kukho umvuzo kulo lonke uhlobo lomsebenzi onzima.”—IMizekeliso 14:23.

Ukuze ufunde nezinye izinto, jonga inqaku elithi “Ndingenza Njani Ukuze Ndilisebenzise Kakuhle Ixesha Lam?”

Umfanekiso wabantu ababini abancokolayo.

Indlela obaphatha ngayo abantu. Ukuncokola nabantu ofunda nabo kungakunceda ube ngumntu onovelwano nobahloniphayo abanye. Umfana ekuthiwa nguJoshua uthi “Ukufunda ukuthetha nabantu kubaluleke kakhulu, kufana nokufunda ihistory nesayensi. Le yinto eza kukunceda ubomi bakho bonke.” Zibuze, ‘Ziintoni endizifundileyo esikolweni ngokuvana nabanye abantu, nabo bakhuliswe ngendlela eyahlukileyo kweyam, nabakholelwa izinto ezahlukileyo kwezam?’

Umgaqo weBhayibhile: “Zamani ukuba seluxolweni nabantu bonke.”—Hebhere 12:14.

Ukuze ufunde nezinye izinto, jonga inqaku elithi “Ndingayiphucula Njani Indlela Endithetha Ngayo Nabantu?”

Umfanekiso womntu ohamba endleleni.

Ikamva lakho. Isikolo sinokukunceda ukwazi ubona izinto okwazi ukuzenza kakuhle, uze uzibekele izinto onokuzenza ucinga ngezo zinto. Elinye ibhinqa ekuthiwa nguBrooke uthi: “Ungakwazi nokufumana uqeqesho ukuze xa ugredile ukwazi ukufumana umsebenzi.” Zibuze: ‘Ndiza kwenza ntoni ukuze ndikwazi ukuziphilisa emva kokuba ndigqibe isikolo?’ Ndingazikhetha njani kakuhle izinto endiza kuzifunda ukuze ndikwazi ukuwenza lo msebenzi?

Umgaqo weBhayibhile: “Qiqa phambi kokuba ubeke unyawo lwakho endleleni.”—IMizekeliso 4:26, iBhayibhile yesiXhosa ka-1996.

a Ezinye izinto ekuthethwe ngazo kweli nqaku zingabanceda nabanye abantwana, abangafundi besesikolweni kodwa abafundela ekhaya.

b Amanye amagama atshintshiwe.

Into ethethwa ngoontanga bakho

  • UMadison.

    “Esikolweni xa kwakuye kwenziwe imisebenzi singamaqela, kwakuye kufuneke ukuba ndisebenze nabantu abangafaniyo. Ngenxa yaloo nto, ndaye ndafunda ukumamela abantu abaphila ngendlela engafaniyo nale yam. Abantu endandifunda nabo babendithanda ibe bendihlonipha kuba babesazi ukuba ndinobubele ibe andibagxeki.”—UMadison.

  • URyan.

    “Ndafunda indlela yokungabajongi kakubi abantu endandifunda nabo. Abaninzi kubo babezama ukuba ngabantu abalungileyo. Ngoko ndandiye ndikhangele amathuba okubakhuthaza ndisebenzisa iBhayibhile.”—URyan.

  • UBrooke.

    “Isikolo siyakunceda ube ngumntu wabantu. Kuba ukunye nabantu ofunda nabo imini yonke, uye ufunde izinto omele uzithethe nongamelanga uzithethe, uba nomonde nobubele. Kwezinye iiklasi, siye sifunde imidlalo esiyenza singamaqela, lo nto isifundisa ukuba sikwazi ukusebenzisana nabanye, nto leyo ongenokwazi ukuyenza xa uwedwa.”—UBrooke.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share