Okwenzeka Ehlabathini
Isebe Lemicimbi Yonqulo ESerbia liye lasamkela isicelo sokubhalisa umbutho osemthethweni wamaNgqina kaYehova. Ngokweengxelo zikarhulumente walapho, amaNgqina kaYehova ebekho ukususela ngowe-1930.
Kuqikelelwa ukuba ngumculo ongama-95 ekhulwini oye wakhutshelwa ngokungekho mthethweni ngowama-2009.—ITIME, YASEUNITED STATES.
Iinyikima—“Ezona Ntlekele Zibulala Abantu Abaninzi”
IUnited Nations International Strategy for Disaster Reduction eseGeneva, eSwitzerland ithi: “Kule minyaka ilishumi idluleyo yinyikima eyona ntlekele ibulele abona bantu baninzi.” Kubantu ababulewe ziintlekele kuloo minyaka, abamalunga nama-60 ekhulwini babulewe ziinyikima. Le “ntlekele yemvelo” iyingozi ebantwini kuba izixeko ezisibhozo kwezi-10 ezizezona zinabantu abaninzi emhlabeni zakhiwe kwimimandla enokwenzeka kuyo inyikima. Kule minyaka ilishumi idluleyo bangaphezu kwama-780 000 abantu abaye babulawa ziintlekele zemvelo ezingama-3 852.
Umsebenzi Oyingozi
I-International Press Institute, yaseVienna, eOstriya ithi: “Kunyaka wowama-2009 iintatheli ezili-110 ziye zafela emsebenzini nto leyo eyenza ukuba lo ube ngowona nyaka ekuye kwafa kuwo iintatheli ezininzi kule ilishumi idluleyo.” Le ngxelo ithi, kule minyaka idluleyo kwiindawo ekukho iimfazwe kuzo njengaseAfghanistan, eIraq, ePakistan, naseSomalia iintatheli “ziye zahlaselwa ngabom.” Le nto ibangela ukuba kungathethwa kakhulu ngala mazwe ezindabeni nto leyo “eshiya abantu bengaziqondi kakuhle izinto ezenzeka” kuwo. Elona lizwe beliyingozi kwiintatheli kule minyaka ilishumi idluleyo yi-Iraq, kulandele iPhilippines, iColombia, iMexico neRashiya.
Ukubakho Kwezinto Ezingabizi Imali Eninzi Kunciphisa Ukuqhekezwa Kwezindlu
Iindaba zeReuters, eLondon zithi utitshala wezifundo zomthetho kwiYunivesithi yaseLeicester, eNgilani uJames Treadwell uthi, “ukuxhaphaka kwezinto ezisebenza ngombane ezingabizi mali ininzi” kusenokunciphisa inani lokuqhekezwa kwezindlu eBritani. Ngokomzekelo, ootsotsi abafumani mali ingako xa bethengisa oomatshini bokudlala i-DVD ababiweyo. Lo kaTreadwell uthi, “ukuba ezi zinto yinkcitha xesha.” Noko ke, ukwehla kwamaxabiso akukuthinteli ukubiwa kwezinto. Kunoko, ootsotsi banomdla kakhulu kwizinto ezibiza imali nezithengisekayo ‘njengeeselfowuni neeiPod.’ Abantu ebebekade beqhekeza izindlu ngoku bayakhuthuza.