Isizalo Sikanomeva Ohlala Emithini
Ngaba Sadalwa?
● Unomeva ohlala emithini uzalela amaqanda akhe ngaphakathi kwimithi yompayina yaye izazinzulu ziye zafunda kuye ukwenza izixhobo ezisetyenziswa ngoogqirha ezikhuselekileyo nezisebenza bhetele.
Khawucinge ngoku: Unomeva ohlala emthini wemba le mithi esebenzisa isizalo—esimile okwetyhubhu enezikhondo ezimbini yaye sikhondo ngasinye sinamazinyo ajonge ngasemva. Amazinyo esinye isikhondo abambelela emthini nto leyo eyenza unomeva angawi, ngoxa ngesinye ehamba. Ezi zikhondo ziyancedisana ngokuhamba nangokubambelela nto leyo eyenza unomeva asebenzise isizalo sakhe ukuze embe umngxuma ongangeemilimitha ezingama-20 emthini engasebenzisi mandla kangako, engagobi okanye ophuke.
Zikopa le ndlela kanomeva, izazinzulu ziye zenza isixhobo sokutyanda esisebenza ngendlela efanayo. Esi sixhobo sinezivalo ezibini ezinamazinyo amancinane yaye ngaso unokukwazi ukutyanda ingqondo ungakhange wenze monakalo ungako. Noko ke, esi sixhobo sinento eyongezelelekileyo. Iphephancwadi iNew Scientist lithi “ngokwahlukileyo kwizixhobo zoogqirha eziqinileyo ezikhoyo, esi sixhobo sibhetyebhetye nto leyo esenza sikwazi ukuphepha iindawo eziyingozi xa kusenziwa utyando lwengqondo.” Esi sixhobo senza ugqirha akwazi ukwenza utyando kungakhange kufuneke asike iindawo ezininzi ukuze afikelele kwiindawo ezikude.
Ucinga ntoni? Ngaba isizalo sikanomeva ohlala emthini sabakho ngamabonandenzile? Okanye ngaba sadalwa?
[Umzobo okwiphepha 25]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Ngoxa esinye isikhondo sinamathela kukhuni esinye sona siya phambili
Umthi
Izikhondo ezibini
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 25]
Wasp: David R. Lance, USDA APHIS PPQ, Bugwood.org; diagram: J. F. V. Vincent and M. J. King, (1996). The mechanism of drilling by wood wasp ovipositors. Biomimetics, 3: 187-201