Abantu Abaselula Bayabuza
Yintoni Endifanele Ndiyazi Ngokutshaya?
Khawujonge ezi zinto zilandelayo uze ubeke olu phawu ✔ kwibhokisi esecaleni kwendlela ocinga ngayo.
□ Ndifuna ukwazi
□ Ndifuna ukuphelisa uxinezeleko
□ Ndifuna ukwamkeleka
□ Ndixhalabele ubungakanani bomzimba wam
UKUBA kukho ibhokisi obeke uphawu kuyo, ngoko unento ofana ngayo noontanga bakho abatshayayo okanye abafuna ukutshaya.a Ngokomzekelo:
Ukufuna ukwazi. “Ndandifuna ukwazi ukuba kunjani ukutshaya, ngoko ndathatha icuba kwenye intombazana esikolweni, ndazimela, ndaya kulitshaya.”—UTracy.
Ukufuna ukuphelisa uxinezeleko nokwamkeleka. “Esikolweni abantwana baqhele ukuthi ‘ukuba nje ndingatshaya,’ emva kokuba betshayile bathi, ‘Heke, ndatsho ndangumntu!’ Nam xa ndixinezeleke kakhulu ndandiye ndifune ukutshaya.”—UNikki.
Ukufuna ukunciphisa umzimba. “Amanye amantombazana atshaya kuba efuna ukuhlala enemizimba emincinane—kulula ngakumbi kunokunciphisa ukutya!”—USamantha.
Kodwa ngaphambi kokuba utshaye, khawukhe ume, ucinge. Ungafani nentlanzi ethiyelweyo. Liyinyaniso lona elokuba iyakunandipha ukutya ethiyelwe ngako, kodwa emva koko iyafa. Kunoko landela icebiso leBhayibhile, uze usebenzise ‘amandla akho okucinga angcwengekileyo.’ (2 Petros 3:1) Phendula le mibuzo ilandelayo.
Yintoni Ngokwenene Oyaziyo Ngokutshaya?
Faka uphawu olubonisa ukuba nkcazelo nganye iyinyani okanye ibubuxoki kusini na.
a. ․․․ Ukutshaya kunciphisa uxinezeleko.
b. ․․․ Ndinokungawuginyi wonke umsi wecuba.
c. ․․․ Ukutshaya akunakundigulisa de ndibe mdala.
d. ․․․ Ukutshaya kuza kundenza ndithandwe ngakumbi ngabantu besini esahlukileyo.
e. ․․․ Ukutshaya kwam akwenzakalisi mntu kodwa kwenzakalisa mna.
f. ․․․ Akubalulekanga kuThixo ukuba ndiyatshaya okanye anditshayi.
Iimpendulo
a. Ukutshaya kunciphisa uxinezeleko.—Bubuxoki. Nangona ukutshaya kunokubonakala kulunciphisa uxinezeleko okwethutyana, izazinzulu zithi intshongo ilwenza lube ngakumbi.
b. Ndinokungawuginyi wonke umsi wecuba.—Bubuxoki. Olunye uhlolisiso lubonisa ukuba ngaphezu kwama-80 ekhulwini omsi wecuba owuphefumlayo uhlala ngaphakathi.
c. Ukutshaya akunakundigulisa de ndibe mdala.—Bubuxoki. Ngoxa icuba ngalinye olitshayayo lisonakalisa impilo yakho, eminye imiphumo iyakhawuleza ukubonakala. Ngecuba nje elinye, abanye abantu baba ngamakhoboka. Imiphunga yakho iba buthathaka, mhlawumbi ude ukhohlele into engapheliyo. Waluphala usemncinane. Amalungu akho esini asenokungasebenzi kakuhle, ube novalo (panic attacks) uze udandatheke.
d. Ukutshaya kuza kundenza ndithandwe ngakumbi ngabantu besini esahlukileyo.—Bubuxoki. Umphengululi uLloyd Johnston uye wafumanisa ukuba abantu abatshaya bekwishumi elivisayo “abathandwa kangako ngabantu besini esahlukileyo.”
e. Ukutshaya kwam akwenzakalisi mntu kodwa kwenzakalisa mna.—Bubuxoki. Nyaka ngamnye abona bantu babulawa licuba ngabo bangatshayiyo kodwa abalirhogelayo, mhlawumbi isenokuba yintsapho yakho, abahlobo nezilwanyana zasekhaya.
f. Akubalulekanga kuThixo ukuba ndiyatshaya okanye anditshayi.—Bubuxoki. Abo bafuna ukukholisa uThixo bafanele bazihlambulule “kuko konke ukudyobheka kwenyama.” (2 Korinte 7:1) Alithandabuzeki elokuba ukutshaya kuyawungcolisa umzimba. Ukuba ukhetha ukuzingcolisa ngokutshaya, ngaloo ndlela usenzakalisa wena nabanye, akunakuba ngumhlobo kaThixo.—Mateyu 22:39; Galati 5:19-21.
Indlela Onokuxhathisa Ngayo
Ngoko uza kwenza ntoni xa unikwa icuba? Impendulo elula kodwa engagungqiyo, efana nethi “Enkosi, anditshayi,” iya kukunceda. Ukuba loo mntu akayeki okanye uyakugculela, khumbula ukuba le yindlela ozikhethele yona. Usenokuthi:
● “Ndiye ndafumanisa ukuba ukutshaya kunokundigulisa, ngoko ndagqiba ekubeni ndingatshayi.”
● “Ndisafuna ukuphila.”
Njengolunye ulutsha olukhankanywe ngaphambilana kweli nqaku, usenokufumanisa ukuba nguwe onqwenela ukutshaya. Ukuba kunjalo, usenokuzibuza le mibuzo:
● Yintoni endiza kuyizuza ngokutshaya? Ngokomzekelo, ukuba ndigqiba kwelokuba nditshaye kuba ndifuna ukwamkeleka kwabanye, ngaba baza kundamkela ngoxa zininzi izinto esingadibani ngazo? Ngaba ndifuna ukwamkeleka kubantu abanokukuvuyela ukundibona ndigula?
● Ukutshaya kuya kundichithela imali engakanani, kuyonakalise kangakanani impilo yam yaye ngaba abantu baya kundihlonipha?
● Ngaba ndixolele ukuphulukana nolwalamano lwam noThixo ngenxa yecuba?
Kodwa ke kuthekani ukuba sele ulikhoboka lalo? Unokwenza ntoni ukuze wahlukane nalo?
Indlela Yokuyeka
1. Zixelele. Bhala izizathu zokuyeka uze uhlale uzifunda. Kunokukunceda ukunqwenela ukucoceka phambi koThixo.—Roma 12:1; Efese 4:17-19.
2. Cela uncedo. Ukuba ubuzifihla ukuba uyatshaya, ngoku lithuba lokuba ucele uncedo kwabanye. Baxelele ukuba ngoku ufuna ukuyeka, ukuze bakwazi ukukuxhasa. Ukuba ufuna ukukhonza uThixo, mcele akuncede.—1 Yohane 5:14.
3. Zibekele usuku oza kuyeka ngalo. Ziphe iiveki ezimbini okanye ngaphantsi, uze ubhale usuku ofuna ukuyeka ngalo kwikhalenda. Xelela intsapho nabahlobo bakho ukuba ufuna ukuyeka ngolo suku.
4. Likhangele uze ulilahle. Ngaphambi kolo suku uza kuyeka ngalo, gqogqa icuba elinokuba segumbini lakho, emotweni nasempahleni. Lilahle. Lahla zonke izinto zokuqhwitha, imicinga nezitya zothuthu.
5. Zama iindlela zokuphelisa ukunqanqatheka. Sela ijuice namanzi amaninzi, uze ulale ngokwaneleyo. Hlala ukhumbula ukuba le nto iza kudlula, kodwa wena uya kuhlala usempilweni!
6. Ziphephe izilingo. Ziphephe iindawo okanye iimeko eziza kubangela ukuba ufune ukutshaya. Kusenokufuneka ukuba wahlukane nabantu abatshayayo.—IMizekeliso 13:20.
7. Kuphephe ukuzingxengxezelela. Ungazikhohlisi ngokuthi, “Ndiza kutsala nje kube kanye.” Ukuzikhohlisa okunjalo kukubuyisela umva.—Yeremiya 17:9.
Ungavumeli Abanye Abantu Bakuqhathe
Nyaka ngamnye iinkampani zecuba zichitha izigidi zeedola kwintengiso yecuba. Ziyazi ukuba ulutsha oluninzi luza kutsaleleka luze lube ngamakhoboka ecuba xa luludala.
Mus’ ukuchithela imali yakho kubathengisi becuba. Kutheni uzifaka kumgibe wabo? Abo bantu okanye oontanga bakho abatshayayo abanaxesha lakho. Musa ukubaphulaphula, kunoko landela icebiso leBhayibhile uze ufunde oko ‘kuyingenelo kuwe.’—Isaya 48:17.
Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” afumaneka kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype
[Umbhalo osemazantsi]
a Nangona esi sahluko sithetha ngabo batshaya icuba, iingxaki neengozi ekuthethwa ngazo ziyasebenza nakwabo balihlafunayo.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 27]
OKO KUTHETHWA LOLUNYE ULUTSHA
“Ukuba umntu unokundibuza ukuba kutheni ndingatshayi, ndingathi, ‘Kuba andifuni kungcolisa imiphunga yam ndize ndizibulale ngokuthe ngcembe.’”
“Ukuba umntu undinika icuba, ndingathi. ‘Andilifuni.’ Ukuba uyandinyanzela ndingathi, ‘Ngaba undihlutha ilungelo lam lokuzikhethela into endifuna ukuyenza? Ayifane yenzeke loo nto kula maxesha.’”
[Imifanekiso]
UBenjamin
UHeather
[Ibhokisi ekwiphepha 28]
● NGABA UBUSAZI?
Icuba elingatshaywayo—njengelo lihlafunwayo—linokubangela intshongo eninzi kunelo litshaywayo, yaye linetyhefu enokubangela umhlaza womqala nowomlomo.
[Ibhokisi ekwiphepha 28]
KUTHENI UNGABUZI ABAZALI BAKHO?
Kulula ukujamelana nengcinezelo yoontanga xa uyilungele. Kutheni ungaceli abazali bakho ukuba niqhelisele indlela onokumphendula ngayo umntu xa ekunika icuba? Umzali makabe ngulo mntwana ukunika icuba. Icebiso: Sebenzisani umxholo othi “Ukuxhobela Ingcinezelo Yoontanga” kwiphepha 132 nele-133 kwincwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2, ukuze nifumane amacebiso endlela yokuphendula.
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Njengentlanzi ethiyelweyo umntu otshayayo uyalinandipha icuba kodwa imiphumo iba mibi