Indlela Imozulu Enokuyitshintsha Ngayo Imbali
KWIMBALI sifunda ukuba kukho amaxesha apho imozulu yaba negalelo kwiziphumo zeziganeko ezithile. Makhe sithethe nje ngemizekelo emibini.
Xa Kwabakho Isaqhwithi
Ngowe-1588 uKumkani uPhilip waseSpeyin wathumela iinqanawa ezazibizwa ngokuba siSpanish Armada ukuba ziye kuhlasela eNgilani. Noko ke, umkhosi wakhe waphazanyiswa yimozulu.
Iinqanawa zaseSpeyin zangena nge-English Channel zaza zahlangatyezwa zezaseNgilani. Iinqanawa zaseNgilani ezazikwazi ukuhamba lula kunezaseSpeyin zazihlasela kwaza konakala ezimbalwa. Emva koko iinqanawa zaseSpeyin zabalekela eCalais apho zazithunywe ukuya kulanda amajoni okuhlasela iNgilani.
Ngelo xesha amaNgesi awayethubeleza ngamathunzi obumnyama atshisa ezinye zeenqanawa zawo zaza zatyhalwa ngumoya nangumsinga ukuze ziye kwiinqanawa zaseSpeyin ezazibotshelelwe ezibukweni. Iinqanawa ezininzi zaseSpeyin zabaleka. Kwathi kanti amajoni aseSpeyin azinqikel’ ilitye elineembovane.
Emva kwesiganeko saseCalais, le mikhosi mibini yenyukela eNorth Sea iqhutywa ngumoya. Ngeli xesha imikhosi yamaNgesi yayiphelelwe yirhuluwa ngoko yabuyela kunxweme lwaseNgilani. Ekubeni wawujongene nomoya abe namaNgesi exabe phakathi kwawo nelizwe lawo, umkhosi waseSpeyin kwanyanzeleka ukuba uye emantla uze ujikeleze iSkotlani, wehle uye ezantsi udlule eIreland uze ubuyele eSpeyin.
Ngeli xesha, imikhosi yaseSpeyin yayiphelelwa kukutya namanzi yaye iinqanawa zawo ezonakeleyo zazithwele oomatiloshe abaninzi abonzakeleyo kuquka nabanye ababenesifo somtshetsha. Ngenxa yoko, bonke aba bantu kwafuneka bafumane ukutya okuncinane nto leyo eyabenza baba buthathaka nangakumbi.
Emva kokuba umkhosi waseSpeyin ujikeleze iSkotlani wadibana nesaqhwithi kulwandle iAtlantiki esatyhalela iinqanawa zalo mkhosi kunxweme lwaseIreland. Ngokuqhelekileyo kwakufuneka behlise iiankile baze balinde isaqhwithi sidlule. Noko ke, ngenxa yokuba iiankile ezininzi zaziqhawukile, iinqanawa ezingama-26 zaseSpeyin zaya kuntlitheka kunxweme lwaseIreland kwaza kwafa amadoda angama-5 000 ukuya kwangama-6 000.
Zathi ezi nqanawa zibuyela eSpeyin kwabe sele kufe malunga nabantu abangama-20 000. Yimozulu eyona nto yabangela ukuba kufe abantu abaninzi kuze kophuke neenqanawa ezininzi. Seso sigqibo awafikelela kuso amaDatshi. Kamva kwiMbasa awayenzayo ukuze abhiyozele ukufa komkhosi waseSpeyin, amaDatshi anamathela kwinkolelo edumileyo yokuba uThixo ungunobangela weentlekele zemvelo aza loo mbasa ayibhala la mazwi: “UYehova wawavuthela athi saa.”
Boyiswa Yimvula
Esinye isiganeko seli hlabathi esatshintshwa kakhulu yimozulu liDabi laseWaterloo lowe-1815. Imbali ithi kweli dabi elenzeka eWaterloo ekwiikhilomitha ezingama-21 kumazantsi eBrussels, eBelgium kwafa okanye kwangxwelerheka amadoda angaphezu kwangama-70 000 kwiiyure nje ezimbalwa. UMlawuli waseWellington eBritani wakhetha indawo ekwakuza kulwelwa kuyo waza wabeka umkhosi wakhe kwindawo entle. Nangona umkhosi waseFransi owawukhokelwa nguNapoleon wawumkhulu kunokaWellington, uNapoleon kwakufuneka oyise umkhosi kaWellington lingekatshoni ilanga kuba ngobo busuku kwakuza kufika umkhosi wasePrussia uze kuncedisa uWellington. Noko ke, amacebo akhe aphazanyiswa yimozulu.
Ngaphambi kwedabi kwana izantyalantyala zemvula. Inkoliso yamajoni yayisithi obo busuku bobona bakha banzima kubomi bawo. Nangona amanye akwazi ukugxumeka iintente, elinye ijoni lathi, ngendlela ezazimanzi ngayo ezo bhedi ayengathi alele echibini. Ngenxa yemvula umhlaba ababekuwo waba ngumgxobhozo. Ukuze amoyise ngokukhawuleza uWellington, uNapoleon wayefuna ukuhlasela kusathi qheke nje ukusa. Noko ke, akazange akwazi ukumhlasela de kwaba ziiyure ezimbalwa.
Isizathu sokuba bangade balwe yayikukuba babelinde ukuba umgxobhozo wome kuqala. Kwakhona iinkanunu ezazithandwa kakhulu nguNapoleon zazingakwazi ukusebenza kakuhle ngenxa yodaka. Okokuqala, babengakwazi ukuzidubula kakuhle ngenxa yokuba udaka lwalusenza kube nzima ngabo ukuzityhala. Okwesibini, iimbumbulu zeenkanunu zazenzelwe ukuba zibethe umhlaba kuqala nto leyo eyayiza kuwangxwelerha ngakumbi amajoni kaWellington. Noko ke, loo nto ayizange yenzeke kuba iimbumbulu zazifika zixinge eludakeni. Oku kwaba yintlekele kuNapoleon nemikhosi yakhe. Ngenxa yoko, imozulu engentle yenza ukuba umkhosi kaNapoleon woyiswe waza yena wasiwa elubhacweni.
Kuzo zozibini ezi ziganeko zingentla kucacile ukuba imozulu yaba negalelo kwiziganeko ezatshintsha ihlabathi. Ezi zinto zadlala indima ephambili ekuveleni koBukhosi baseBritani.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Umkhosi WaseSpeyin
[Inkcazelo]
© 19th era/Alamy
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Idabi LaseWaterloo
[Inkcazelo]
© Bettmann/CORBIS