IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 6/11 iphe. 26-28
  • Ndingenza Ntoni Ukuze Ndithandwe Ngabantu Abaqalayo Ukundibona?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndingenza Ntoni Ukuze Ndithandwe Ngabantu Abaqalayo Ukundibona?
  • Vukani!—2011
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • 1. Indlela Okhangeleka Ngayo
  • 2. Indlela Othetha Ngayo
  • 3. Indlela Ozenza Ngayo Izinto
  • Kutheni Amantombazana Engandithandi Nje?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1
  • Ndiza Kunxiba Ntoni?
    Vukani!—2009
  • Ndiza Kunxiba Ntoni?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1
  • Ngaba Lo Mntu Undifanele?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
Khangela Okunye
Vukani!—2011
g 6/11 iphe. 26-28

Abantu Abaselula Bayabuza

Ndingenza Ntoni Ukuze Ndithandwe Ngabantu Abaqalayo Ukundibona?

“Ingathi izinto zindihambela kakuhle kolu dliwano-ndlebe lomsebenzi! Ndicinga ukuba umhlekazi lo uza kundiqasha nakanjani kuba uyazibonela indlela endikhululeke ngayo; kaloku, oko ndifikile bendimbiza ngegama xa ndithetha naye. Ndiqinisekile ukuba uza kundiqasha!”

“Andikholelwa ukuba ngulo mfana lo obethumele i-“CV.” Soze ndimqashe! Xa enje ndingekamqashi nokumqasha, kobekela phi ke xa sele ndimqashile?”

Jonga lo mfanekiso, uze ufunde oko kubhalwe ngasentla. Ngaba uyazibona izinto ezintathu kulo mntu oze kufuna umsebenzi ezinokumenza angaqeshwa?

1 ․․․․․

2 ․․․․․

3 ․․․․․

● Iimpendulo zingezantsi

1. Lo mfana akanxibanga njengomntu oye kufuna umsebenzi. 2. Indlela athetha ngayo (ubiza umqashi ngegama) ibonisa ukungakhathali. 3. Izimbo zakhe zomzimba zibonisa ukungabi nasimilo.

MASITHI uyaqala ngqa ukutya ukutya okuthile. Kukuthatha ixesha elingakanani ukukuva ukuba kumnandi? Ngokungcamla nje kube kanye, unokugqiba enoba uya kuze uphinde ukutye kusini na oko kutya—okanye ukhethe ukungakugqibi kwanoko sele kuphambi kwakho.

Kwenzeka into efanayo ke naxa uqala ukudibana nomntu othile. Kwimizuzwana nje engephi, uye umfunde umgqibe. Kodwa nantsi enye into ofanele uyikhumbule: Ngaloo mizuzwana, naye loo mntu uye akufunde nawe.

Ngaba ufuna umsebenzi, umhlobo okanye iqabane lomtshato? Oko kuya kuxhomekeka kwindlela ozenza ngayo izinto xa uqala ukudibana naloo mntu. Makhe siqwalasele izinto ezintathu eziya kukunceda uthandwe ngabantu abaqalayo ukukubona.

1. Indlela Okhangeleka Ngayo

Okubuhlungu kukuba, indlela abantu abakujonga ngayo xa beqala ukukubona ixhomekeke kwinto yokuqala abayiphawulayo, inkangeleko yakho. Abantu abaninzi badla ngokungayihoyi inkangeleko yabo. Elinye igqiyazana ekuthiwa nguClarissaa lithi, “Kwezi mini, xa usiya kwindawo yokutyela, uye ungaqiniseki enoba uza kufika abantu benxibe kakuhle okanye benxibe xazalala!”

Kakade ke, iimpahla ozinxibileyo zifanele zifanelane neso sihlandlo. Ngomzekelo, xa usiya kufuna umsebenzi akunakunxiba impahla yokuqubha! Kodwa kuthekani ukuba akuqinisekanga ukuba ufanele unxibe ntoni? Eyona nto iya kukunceda kukuba ukuphephe ukuzibaxa izinto. Xa ungaqinisekanga, kubhetele unxibe ngendlela endilisekileyo.

KHUMBULA! Indlela onxiba nozilungisa ngayo ichaza oko ukuko ngaphakathi.

“Xa ndikwindawo enabantu abaninzi andiye ndithande ukuncokola nabantu abanxibe xazalala. Eyona nto ndikhawuleza ndiyibone yindlela engafanelekanga abanxibe ngayo.”—UDiane.

IBhayibhile ithi ufanele unxibe ‘isinxibo esilungiswe kakuhle’ esibonisa ukuba ‘uthozamile yaye unengqondo ephilileyo.’—1 Timoti 2:9.

Zibuze: ‘Ngaba ndinxibe kakuhle okanye ndinxibe xazalala? Ngaba umqeshi, umhlobo okanye umntu enditshate naye unokucinga ukuba andinayo ‘ingqondo ephilileyo’ ngenxa yendlela endinxiba ngayo?’

Icebiso: Cela icebiso kumntu omaziyo ukuba unxiba kakuhle.

2. Indlela Othetha Ngayo

Indlela othetha ngayo ibonisa enoba uthobekile okanye uzicingela ngokugqithiseleyo, enoba ungumntu nje onobubele okanye ekudala efuna iqabane. Oku kubalulekile xa ufuna ukuthandwa ngumntu wesini esahlukileyo oqalayo ukudibana naye. Intombazana egama linguValerie ithi: “Kuyakruqula ukuncokola nomfana osoloko ethetha ngesiqu sakhe. Ukanti abanye abafana bayazibaxa izinto, bathi beqala nje ukukubona, bafune ukwazi yonke into ngawe. Akuthandeki kwaphela oko, yaye kubangela ukuba intombazana ingabi namdla konke konke kuloo mfana.”

KHUMBULA! Izinto ozithethayo zibonisa oko ukuko ngokwenene, ngoko kubalulekile ukuthetha izinto eziza kubangela ukuba abantu bakujonge kakuhle!

“Xa ndidibana nomfana, ndiye ndithande ukuba abe nguye. Ibalulekile into ayithethayo xa siqala ukudibana. Kubhetele angayithethi into ekufuneka acinge kabini ngaphambi kokuba ayithethe.”—USelena.

IBhayibhile ithi: “Uya kuthetha izinto ongafanele uzithethe ukuba uthetha kakhulu—ngoko wabale amazwi akho.”—IMizekeliso 10:19, Contemporary English Version.

Zibuze: ‘Ndinokwenza njani ukuze ndingathethi kakhulu kodwa kwangaxeshanye ndingathuli ngokugqithiseleyo? Ngaba indlela endithetha ngayo inokubothusa okanye ibacaphukise abanye?’

Icebiso: Phawula indlela athetha ngayo amaciko. Enza ntoni ukuze akwazi ukuqhub’ incoko? Ngaba nawe unokwenza njengawo?

3. Indlela Ozenza Ngayo Izinto

Indlela ozenza ngayo izinto inamandla ngaphezu kwezinto ozithethayo. Ngokomzekelo, ukuba uthetha ngembeko loo nto ibonisa ukuba ungumntu onesimilo. Oku umele ukukhumbule xa ufuna umntu oza kutshata naye. Intwazana egama linguCarrie ithi: “Izinto nje ezincinane, njengokuvulela umntu umnyango, zibonisa ukuba unesimilo.”

KHUMBULA! Izinto ozenzayo zityhila oko ukuko ngaphakathi. (IMizekeliso 20:11) Izenzo zakho zityhila ntoni ngawe?

“Ndicinga ukuba kubalulekile ukuphulaphula xa abanye bethetha. Yaye xa unesimilo awumele umphazamise umntu esathetha, ngaphandle kokuba kuyimfuneko.”—UNatalia.

IBhayibhile ithi: “Baphathe abanye ngendlela ongathanda ukuphathwa ngayo nawe.”—Luka 6:31, CEV.

Zibuze: ‘Ngaba ndinesimilo? Ngaba ndinomdla kwabanye? Ngaba abantu bayandithemba? Ngaba ndiyalibamba ixesha?’

Icebiso: Ceba ukufika kusasele imizuzu elishumi ngaphambi kwexesha elibekiweyo, ukuze ukwazi ukufika kwangethuba naxa kunokuvela into engalindelekanga. Mabangathi abantu beqala nje ukukubona bakwazi njengomntu ongalibambiyo ixesha!

Nantsi into omele uyilumkele: Ukufuna ukuthandwa ngabantu akuthethi kuthi ufanele uzifihle oko ukuko, kuba oko bekuya kuthetha ukuba akunyanisekanga. (INdumiso 26:4) Kunoko, khetha iimpawu zobuntu ongathanda ukuba nazo uze uzame ukuzakha. (Kolose 3:9, 10) Njengoko usenjenjalo, khumbula ukuba indlela abakujonga ngayo abanye ixhomekeke kuwe. Ukuba uyayikhathalela indlela onxiba ngayo, othetha nozenza ngayo izinto, uya kuthandwa ngabantu beqala nje ukukubona—yaye oko kuya kuhlala kuhleli ezingqondweni zabo!

Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” afumaneka kwiWebhusayithi ethi www.watchtower.org/ype

[Umbhalo osemazantsi]

a Amanye amagama akweli nqaku atshintshiwe.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 27]

OKO KUTHETHWA LOLUNYE ULUTSHA

“Kubalulekile ukubakhetha kakuhle abahlobo. Ndiyayibona indlela abahlobo bam abanempembelelo ngayo kum, ngenxa yoko ndiye ndizame ukukhetha abo baza kundikhuthaza ukuba ndenze izinto ezintle.”

“Umntu akabi nabahlobo kuba nje emhle okanye enemali—nto ezo angenako ukuzilawula—kodwa uba nabo ngenxa yeempawu anazo, kuba oko kusemandleni akho!”

[Imifanekiso]

USier

UAshley

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 27]

IZINTO EZINOKUKWENZA UTHANDWE NGABANTU . . .

● Ncuma

● Xhawula xa ubulisa (kodwa ungasiqinisi kakhulu isandla)

● Zigcine ucocekile

● Mjonge emehlweni umntu xa kuyimfuneko

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 28]

MUSA UKUZIBAX’ IZINTO!

Ncokola KODWA musa ukuthetha wedwa

Buza imibuzo KODWA musa ukubancina abantu

Yiba nobubele KODWA ungabi ngudlalani

Zithembe KODWA ungaqhayisi

[Ibhokisi ekwiphepha 28]

BUZA ABAZALI BAKHO

Xa wawungangam, yintoni owayifundayo ngezinto omele uzenze ukuze uthandwe ngabantu abaqalayo ukukubona?

․․․․․

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share