Ubulumko Bentliziyo Nempilo
“Intliziyo ezolileyo ibubomi kumzimba wenyama.”—IMIZEKELISO 14:30.
“Intliziyo evuyayo iyaphilisa.”—IMIZEKELISO 17:22.
● Loo mazwi alula kodwa aqulethe ubulumko, athethwa nguKumkani uSolomon wakwaSirayeli kwiminyaka emalunga namawaka amathathu eyadlulayo.a Kodwa ngaba ayinyaniso? Bathini abezonyango namhlanje?
Xa ithetha ithelekisa intliziyo ezolileyo naleyo inomsindo, iJournal of the American College of Cardiology ithi: “Uphando lwakutshanje lusibonise ukuba kukho unxulumano oluyingozi phakathi komsindo nentiyo kunye nesifo sentliziyo.” Ngenxa yoko, le Journal ithi: “Ukuze sikwazi ukuthintela nokunyanga isifo sentliziyo kusenokufuneka . . . singasebenzisi nje amayeza kuphela kodwa kusenokufuneka sincede iingqondo zabantu ukuze bahlukane nomsindo nentiyo.” Ngamanye amazwi, ukuba nentliziyo ezolileyo kuphucula impilo yakho, kanye njengokuba neBhayibhile isitsho.
Kuba njalo naxa wonwabile entliziyweni. UGqr. Derek Cox oligosa lezempilo eSkotlani wathi kwiindaba zejelo iBBC: “Umntu owonwabileyo akafane agule njengabantu abangonwabanga.” Kwaeli jelo lathi: “Abantu abonwabileyo bayakhuseleka kwizifo ezinjengesifo sentliziyo nokufelwa licala.”
Kwakutheni ukuze uSolomon kunye nabanye ababhali beBhayibhile babe nobulumko obabungekho ngamaxesha abo? Impendulo ilula. “UThixo waqhubeka emnika uSolomon ubulumko nokuqonda ngomlinganiselo omkhulu kakhulu.” (1 Kumkani 4:29) Ukanti, obo bulumko babhalwa ngentetho elula ukuze bonke abantu bazuze kubo. Akufuneki nepen’ emdaka ukuze ubufumane!
Funda iBhayibhile rhoqo. Njengokuba izigidi zabantu ziye zazibonela ngokwazo, “xa ubulumko bungena entliziyweni yakho nolwazi luthandeka emphefumlweni wakho, amandla okucinga aya kukulinda, ukuqonda kuya kukulondoloza.” (IMizekeliso 2:10, 11) Loo mazwi asisiqinisekiso.
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama elithi “intliziyo” eBhayibhileni lidla ngokubhekisela kwiingcinga zomntu kuquka neemvakalelo zakhe.