Iphepha 2
Ukukhulisa Abantwana Abaqeqesheke Kakuhle
Mhlawumbi abazali abakhe bakucinge nokukucinga oku xa bejonge usana lwabo olusandul’ ukuzalwa. Kodwa ke inyaniso engenakuphikiswa kukuba: Ekugqibeleni, olo sana luza kukhula luze lube ngumntu omdala ongazi kuhlala nabazali. Oku kufanele kwenzeke kuba iBhayibhile ithi, “indoda iya kumshiya uyise nonina.” (Genesis 2:24) Kakade ke, kwenzeka into efanayo nakwibhinqa eliselula.
Sekunjalo, abazali abaninzi bayaxhalaba xa ifika imini yokuba unyana okanye intombi yabo iphume ekhaya. Baye bazibuze ukuba: ‘Ngaba ndimkhulise kakuhle umntwana wam?’ ‘Ngaba uza kukwazi ukusebenza, ayigcine ikwimeko entle indawo yakhe yokuhlala aze akwazi ukuyisebenzisa kakuhle imali?’ Owona mbuzo ubalulekileyo abazibuza wona ngowokuba, ‘Ngaba umntwana wethu uza kukwazi ukuziphatha ngendlela esimkhulise ngayo?’—IMizekeliso 22:6; 2 Timoti 3:15.
Lo Vukani! ukhethekileyo uza kuchaza indlela icebiso leBhayibhile elinokubanceda ngayo abazali njengoko bekhulisa umntwana wabo ukutyhubela amanqanaba ahlukahlukeneyo okukhula kwakhe.