Okwenzeka Ehlabathini
Abantwana besikolo baseBrazil abali-17 ekhulwini nabaneminyaka eli-10 ukusa kweli-13 ubudala babandakanyekile ekuxhaphazeni abanye—enoba bangamaxhoba okanye ngabo abaxhaphazayo.—IO ESTADO DE SÃO PAULO, YASEBRAZIL.
Ihigh blood pressure, icholesterol, ikidney stones, neengxaki zesibindi ngoku zifunyanwa nakubantwana abaneminyaka engaphantsi kweli-12 ubudala. Ibangelwa yintoni le nto? Kukuchitha ixesha elininzi behleli phantsi, ukutya ukutya okungekho mpilweni nokutyeba.—ABC, YASESPEYIN.
Urhulumente waseUnited States uqikelela ukuba iindleko zokukhulisa umntwana ozalwe ngowama-2008 de abe neminyaka eli-18, eziza kuhlawulwa ziintsapho ezingathath’ intweni, yimali “emalunga nesi-R1 466 500 (R1 933 100 xa kubalwa nokunyuka kwamaxabiso ezinto)”—IUNITED STATES DEPARTMENT OF AGRICULTURE, YASEUNITED STATES.
Abazali Abasakwazi Ukudlala Nabantwana Babo
Uphando olusandul’ ukwenziwa kwelaseBritani luthi umzali omnye kwabahlanu kwelo akasakwazi “ukudlala nabantwana bakhe.” Omnye kwabathathu uthi ukufumanisa kukruqula ukudlala nabantwana ngoxa abanye bona besithi abanaxesha yaye abazi ukuba baza kudlala ntoni na. Xa ethetha ngolu phando, uNjingalwazi Tanya Byron osisazi sengqondo uthi: “Kukho izinto ezine ezibalulekileyo ezifunekayo ukuze abazali bakwazi ukudlala nabantwana babo: imfundo, ukhuthazo, ubuhlobo kunye nokuncokolisana.” Nangona umzali omnye kwabathathu ekhetha ukudlala imidlalo yekhompyutha kunye nabantwana bakhe, inkoliso yabantwana ikhetha ukuyidlala iyodwa le midlalo. Phakathi kwemidlalo abathanda ukuyidlala nabazali babo abantwana abaneminyaka emi-5 ukusa kweli-15, yileyo edlalelwa phandle okanye kwiibhodi.
Amabali
Enye iwebhsayithi ithi inceda oobawo abaxakeke kakhulu kangangokuba bade bangakwazi ukufundela abantwana babo amabali ngaphambi kokuba baye kulala. ISydney’s Daily Telegraph ithi: “Kurekhodwa ilizwi likatata ofunda ibali, kuze kufakwe umculo nezinye izandi lize eli bali lithunyelwe emntwaneni ngesixhobo se-elektroniki.” Noko ke, ayizonwabisi iingcali le nto. UGqr. Richard Fletcher weYunivesithi yaseNewcastle eOstreliya uthi: “Ukufundela umntwana ibali kukwenza wakhe ulwalamano kunye naye.” Xa befundela abantwana babo amabali, oobawo batsho bakwazi ukuncokola, ukudlala nokuhleka kunye nabo. UFletcher uthi ayikho, ie-mail enokuthabatha indawo yeengenelo zokuhlala phantsi uze ufundele umntwana wakho ibali.