Okwenzeka Ehlabathini
Iintsana zaseJamani ezisi-7 kwezili-10 sele zikho kwiiwebhusayithi zokuncokola. Zifakwa ngabazali bazo baze bazivulele neeadresi ze-email okanye bafake iifoto zazo nezinye izinto. Noko ke iingcali zithi abazali bafanele bakulumkele oku kuba iifoto ezifakwe kwi-intanethi zinokungaze ziphinde zikhutshwe.—IBABY UND FAMILIE, YASEJAMANI.
Urhulumente waseRashiya uthi, nyaka ngamnye kufa amabhinqa ali-14 000 ngenxa yokubethwa ngamaqabane awo.—IRIA NOVOSTI, YASERASHIYA.
Ikhephu eliwa phezu kwencochoyi yeMount Everest linearsenic necadmium ekucingelwa ukuba zinokuwatyhefa amanzi aselwayo. Kuthiwa oku kubangelwa kukungcoliswa kwendalo ngabantu.—ISOIL SURVEY HORIZONS, YASEUNITED STATES.
Inkampani yaseTshayina ekukuphela kwayo enemvume yokushicilela iiBhayibhile isandul’ ukufikelela incopho yeeBhayibhile ezizigidi ezingama-80. Le nkampani ishicilela iiBhayibhile ezisisigidi ngenyanga—ikota yazo zonke iiBhayibhile ezishicilelwa ehlabathini lonke.—IXINHUA, YASETSHAYINA.
“Abantu baseMerika abangaphezulu nje kwe-10 ekhulwini abakhuliswe ngabazali abangamaKatolika baye bayishiya le cawa.”—INATIONAL CATHOLIC REPORTER, YASEUNITED STATES.
Iintlekele Zemvelo Zowama-2010
Inkampani yeinshorensi ephambili ithi zingama-950 iintlekele ezenzeka ehlabathini lonke ngowama-2010, inani elingaphezulu kumyinge weentlekele ezingama-785 ebezisenzeka nyaka ngamnye kule minyaka ilishumi idluleyo. Ezintlanu ezizezona zazimbi kakhulu yayiyinyikima yaseChile, eyaseHaiti neyaseTshayina; izikhukula zasePakistan; nengqatsini yelanga eRashiya, apho kwafa amashumi amawaka abantu ngenxa yobushushu nomoya ongcolileyo. Uthuthu olwaluvela kwintaba mlilo yaseIceland olwagubungela umntla Yurophu, aluzange lwenze monakalo ungako kodwa ke lwaphantse lwakumisa ngxi ukuhamba kweenqwelo-moya. Izichotho ezantlitha elaseOstreliya izihlandlo ezibini zabangela umonakalo ongaphaya kwe-R13 701 953 000. IThe Telegraph yaseLondon ithi: “Uwonke lo monakalo, kuquka nalowo ungazange uhlawulwe yi-inshorensi wenyuka waya kutsho kwi-R891.3 bhiliyoni usuka kwi-R343.1 bhiliyoni kulo nyaka uphelileyo.”
Ngaba Abantu Bamandulo Phaya Babefana Nathi?
INew Scientist ithi: “Uluvo obelusoloko lukho lokuba abantu bamandulo babengekho krelekrele njengabanamhlanje luyatshintsha ngenxa yokuba kuye kwafunyaniswa ukuba babenobuchule obuthile ababenabo.” Kutshanje kuye kwafunyaniswa ukuba abantu bamandulo babesakha, benamaziko omlilo, bebasa, benxiba iimpahla, bepheka, besenza izixhobo zokusebenza yaye besenza neglu yokuncamathisela imikhonto yabo kwimiphini. Kukho nobungqina bokuba babebonga abantu abagulayo, benxiba izinto ezifuzisela iziganeko ezithile yaye bengcwaba nabafi. UErik Trinkaus ongunjingalwazi wezifundo zezentlalo, izithethe namasiko abantu kwiYunivesithi yaseWashington eSt. Louis, Missouri eUnited States uthi: “Abantu bamandulo babefana nathi yaye kusenokwenzeka ukuba babenobuchule obufanayo nobethu.”