Iintsapho Zomtshato Wesibini Eziphumelelayo
ASIHLALI NJE KUPHELA ENDLWINI
Intombi kaPhilip eneminyaka engama-20 ubudala, yayihlala kowayo yaye isenza imisebenzi eyahlukahlukeneyo endlwini. Emva kokuba, uyise etshate noLouise, ngaba babeza kuba nolwalamano oluhle nalo mama mtsha?
Louise: Ekuqaleni kwakuba nzima. Kodwa, ngoku kuba mnandi yaye ndiyakuthanda ukwenza imisebenzi yasendlwini njengaye nawuphi na umama.
Elise: Umama uLouise wafika watshintsha indlela ehlala ngayo impahla endlwini waza walahla izinto ezininzi. Ndathi xa ndiphinda ndiqoqosha izinto ndazibeka kwiindawo ezingahlali kuzo, kuba ndandingasazi apho zimele zihlale khona. Oku, kwamcaphukisa umama uLouise, saza sagibiselana ngamazwi arhabaxa, ibe kwaphela iveki singathethisani.
Louise: Ethubeni, ndamxelela oku uElise, “Andiyazi ukuba siyaphi ukusuka kwethu apha, andikwazi ukuphila phantsi kwale meko.” Weza kum kamva ngoba busuku waza waxolisa. Ndamanga, saza sobabini sakhala.
Elise: Umam’ uLouise akazange ayothule imifanekiso yam eludongeni, yaye uTata akazange asisuse isibane endandisifake kwigumbi lokuphumla. Kusenokubonakala njengento encinane oko, kodwa ukushiya kwabo izinto ezithile kwandenza ndaziva ndisesekhaya. Ndiyambulela umam’ uLouise ngendlela anyamekela ngayo umntakwethu omncinane xa esekhaya. Sekudlule iminyaka emibini sihlala naye, yaye ndimgqala njengelungu lentsapho.
Louise: Ndivakalelwa kukuba mna noElise singabahlobo bokwenene kunokuba ngabantu nje abahlala kunye.
“UMANYANO YEYONA NTO IBALULEKILEYO”
Xa uAnton noMarelize babetshata kwiminyaka emithandathu eyadlulayo, ngamnye kubo weza nabantwana bakhe abathathu.
UAnton: Sityelela iindawo njengentsapho, yaye sichitha ixesha nomntwana ngamnye. Kwasithatha iminyaka embalwa ukuze sibe yintsapho, kodwa ngoku iingxaki zentsapho yethu ezininzi siye sazilungisa.
UMarelize: Kubalulekile ukujonga abantwana “njengabethu,” kunokuthi “abakho okanye abam.” Ndikhumbula ndivus’ ingxabano kuba ndandivakalelwa kukuba uAnton uye waphatha kakubi enye yamakhwenkwe am waza wahlalisa intombi yakhe kwisitulo esifunayo emotweni. Ndafunda ukuba umanyano lwentsapho lubaluleke ngaphezu kokuhlala ngaphambili emotweni. Sizama ukubaphatha kakuhle nangona singenakubaphatha ngendlela efanayo bonke.
Ndiyakuphepha ukuthetha ngezinto ezazimnandi kumtshato wangaphambili, ekubeni oko kunokudala ingxaki entsatsheni. Kunoko, ndinombulelo ngentsapho esinayo ngoku.
“NCOMA KUQALA”
UFrancis watshata noCecelia kwiminyaka eminye eyadlulayo. Intsapho yabo yayiquka abantwana bakhe abathathu abadala nonyana wakhe okwishumi elivisayo.
UFrancis: Ndizama ukungeneka nokukuphepha ukukhathazeka lula. Sihlala sisitya ndawonye size sisebenzise elo xesha ukuncokola njengentsapho. Ndibakhuthaza bonke ukuba benze imisebenzi ethile yasekhaya, ekubeni ukwenza ngolo hlobo kuneengenelo ezithile entsatsheni.
UCecelia: Ndichitha ixesha nomntwana ngamnye wethu ukuze ndiphulaphule izinto ezibaxhalabisayo nabangazithandiyo. Kwiintlanganiso zethu zentsapho, sizama ukuncoma kuqala size kamva sikhuthaze ukuba kubekho uphuculo kwiinkalo ezithile. Yaye xa ndenze impazamo, ndiye ndiyivume ndize ndicele uxolo ngokunyaniseka.
UKHULISWA NGABAZALI ABANGENGOBAM BOBABINI
UYuki oneminyaka engama-20 wagqibela ukubona uyise xa wayeneminyaka emihlanu ubudala. Kamva unina watshata noTomonori, kodwa wafa uYuki eseneminyaka elishumi ubudala. Kwiminyaka emihlanu emva koko, uyise wesibini, uTomonori watshata noMihoko, waza uYuki wazifumana sele ehlala nabazali abangengobakhe bobabini.
UYuki: Xa utata wam wesibini wagqiba ekubeni aphinde atshate, ndandivakalelwa kukuba, “Andifuni kuba nomnye umama. Zazisele zininzi izinto ezenzekileyo kubomi bentsapho yam.” Ndandingafuni kuyamkela loo nto ndaza ndamphatha kakubi.
UMihoko: Nangona umyeni wam engazange andifake uxinezeleko lokuthanda umntwana wakhe womtshato wesibini ngendlela awayemthanda ngayo, ndazimisela ukwakha ulwalamano oluhle noYuki. Senza konke okusemandleni ukuba aphile ngendlela ayiqhelileyo, kuquka izinto zokomoya, ukuzonwabisa nokuncokola emva kwesidlo ngasinye ngengokuhlwa. Ndamazi bhetele emva kokuba sithethe ngokufa kukanina.
Xa ndandikhulelwe, sasixhalabele uYuki sifuna aqiniseke ngendawo yakhe entsatsheni. Samyeka yanguye otyisa usana, aluhlambe aze alutshintshe, ibe sasimncoma phambi kwabantu ngokusinceda kwakhe. Usana lwethu uItsuki umthanda gqitha uYuki. Igama lokuqala ukulazi lelithi niinii—mkhuluwa ngaphambi kwelithi “tata” okanye “mama.”
UYuki: Njengomntwana womnye umzali, yinto yemvelo ukuva ulilolo okanye uwedwa. Nokuba ungazama ukuchazela abanye ngemeko yakho, abanakuyiqonda. Noko ke, into endivuyisayo, kukuba abazalwana bam abangamaKristu baye bandixhasa. Ngoku, inkxalabo endandinayo ngomama wam wesibini yaphela. Unamacebiso amahle, yaye ndiyakwazi ukuzityanda igila kuye.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]
Yiba nomonde! Iintsapho zomtshato wesibini zinako ukonwaba zize ziphumelele