IEURO-2012—Isiganeko Esiyimbali
NGABA uyakuthanda ukubukela ibhola—okanye nawe ude ungene ebaleni udlale? Ukuba kunjalo, umele ukuba uyazi ngemidlalo yeUEFA (Union of European Football Associations) EURO 2012, eza kuqala eWarsaw, ePoland, ngoJuni 8, nalapho owamagqibela kankqoyi uza kuba ngoJulayi 1, eKiev, eUkraine. Yimidlalo enjani le ye-EURO 2012, ibe ngawaphi amalungiselelo asele enziwe ukuyilungiselela? Kutheni iza kuba sisiganeko esiyimbali nje?
“Ukwenza Imbali Kunye”
Imidlalo yeentshatsheli zaseYurophu (zebhola ekhatywayo) kudala iqhutywa eYurophu rhoqo emva kweminyaka emine ukususela ngowe-1960. Phakathi kwamazwe akhe asingatha le midlalo yiBelgium, iFransi, iJamani, i-Itali, iNetherlands, iNgilani, iOstriya, iPortugal, iSpeyin, iSweden, iSwitzerland, neYugoslavia.
Kulo nyaka, ukhuphiswano lwamagqibela kankqoyi luza kusingathwa yiPoland neUkraine. Eminye imidlalo iza kuba sePoland, kwisixeko saseGdańsk, ePoznan, eWarsaw, naseWroclaw. EyaseUkraine, iza kuba seDonetsk, eKharkiv, eKiev, naseL’viv.
Ngokutsho kweUEFA, eli “iza kuba lityeli lesithathu imidlalo yamagqibela kankqoyi idlalelwa kumazwe amabini (emva kweBelgium/Netherlands ngowama-2000 [kunye] neOstriya/Switzerland ngowama-2008).” Sekunjalo, iEURO 2012 iza kwenza imbali. Njani? Umdlalo wamanqam walo nyaka awaneli nje ukuba yincopho yentsebenziswano phakathi kwala mazwe mabini nabaququzeleli bale midlalo, kodwa uza kuba ngowokuqala ukuba kuMbindi nakwiMpuma Yurophu. Ngoko, amazwi akhethelwe esi siganeko athi “Ukwenza Imbali Kunye.”
Amalungiselelo
Kakade ke, amanye kumalungiselelo abalulekileyo awo nawuphi na umdlalo kukufumana amabala afanelekileyo. Ngenxa yoko, izixeko eziza kusingatha le midlalo iPoznan neKharkiv ziye zawalungisa amabala azo, ngoxa ezinye izixeko ezithandathu ziye zakha amabala amatsha. La mabala aza kuthwala abantu abakuma-358 000.
Ekubeni kulindelwe ababukeli abangako, izixeko eziza kusingatha le midlalo ziye zalwenza luqilima ukhuseleko lwazo. Kuye kwaqeqeshwa amawaka oonogada kulungiselelwa esi siganeko. Ngokutsho kweScience & Scholarship in Poland, uqeqesho lwabo luquka “ukuqhelisela iindlela zokhuseleko ebudeni bemidlalo engama-140 . . . ukulawula abantu, ukuvelisa iindawo ezikhuselekileyo nokubambisana namaqela okhuseleko avela kwamanye amazwe.”
Kutheni kuyimfuneko nje oku? Okokuqala, abasemagunyeni bayazi ukuba abanqolobi bathanda ukuhlasela kwimidlalo emikhulu njengale. Bayazi nokuba abalandeli basoloko bejongana ngezikhondo zamehlo, njengokuba ngaphambili kuye kwakho izenzo zogonyamelo nabantu abangalawulekiyo.
Imbono Elungeleleneyo
Okubuhlungu kukuba, ababukeli abaninzi bayithanda ngendlela ebaxiweyo imidlalo. Omnye umlandeli wathi, “Andonwabi yaye andaneliseki xa iqela [lebhola] liqhuba kakubi. Ndicinga ukuba, xa [bekuza] kuliwa imfazwe yenyukliya, into ibiya kundixhalabisa kuxa umdlalo wempela-veki elandelayo uza kuphazamiseka.”
Ngokwahlukileyo koko, cinga ngembono elungeleleneyo yokuzihlaziya efumaneka kwincwadi yamandulo yobulumko—iBhayibhile. Iyavuma ukuba ukuziyolisa kubalulekile ebomini, kuba ithi kukho ‘ixesha lokuhleka nexesha lokudloba.’ (INtshumayeli 3:1-4) IBhayibhile iphinda ikhuthaze ubungcathu. (1 Timoti 3:2, 11) Ngoko, xa sikhetha into ebalulekileyo kubomini bethu, kuya kuba bubulumko ukulandela icebiso leBhayibhile lokuba “siwazi umahluko phakathi koko kubalulekileyo noko kungabalulekanga” emva koko “sikhethe oko kubalulekileyo.”—Filipi 1:10, Easy-to-Read Version.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 25]
AKUTSHAYWA KWIEURO 2012
Ngo-Oktobha 20, 2011, iUEFA yabhengeza ukuba iza “kunyanzelisa ukuba kungatshaywa, kungathengiswa cuba kuwo onke amabala emidlalo yeUEFA EURO 2012.” Siyintoni isizathu? UMichel Platini, umongameli weUEFA wathi, “Ngesi sigqibo sihlonipha impilo yabo beze kubukela le midlalo neyabanye ababandakanyeke kule tumente.” Phakathi kwabantu abaxhasa eli phulo nguAndroulla Vassiliou iKomishina yaseYurophu, owabongoza izixeko ezisingatha le midlalo ukuba icuba zilivale nakwezinye iindawo ezifana nezo zokutyela nezithuthi zikawonke wonke. Uthi, “Ibhola nemidlalo ziluncedo empilweni, kodwa lona icuba liyayonakalisa: zizinto ezingadibaniyo tu.”
[Imaphu ekwiphepha 24]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
IPOLAND
IWARSAW
IGdańsk
IPoznan
IWroclaw
IUKRAINE
IKIEV
IL’viv
IKharkiv
IDonetsk
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Umdlalo weEURO 2008 wamanqam phakathi kweJamani neSpeyin, kwiErnst Happel Stadium eseVienna, eOstriya
[Umfanekiso okwiphepha 25]
IBala Lemidlalo YeOlimpiki eKiev, eUkraine
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 25]
Pages 24 and 25, both photos: Getty Images