Ugonyamelo Lusenzekalisa Sonke
NGABA ukho umntu ongazange achatshazelwe lugonyamelo? Iindaba zamihla le zizaliswe lulo. Ngenxa yogonyamelo, sihlala siphakuzela esitratweni nasemsebenzini, singasathethi ke ngabantwana aboyika ukuxhatshazwa ngabanye esikolweni. Nokuba sele besekhaya, indawo abamele bazive benqabisekile kuyo, izigidi zabantu—ngakumbi amabhinqa—baziva bengakhuselekanga. Kuya ngokwamazwe, afikelela kwiipesente ezingama-70 amabhinqa aye abethwa ngamaqabane awo.
Kumazwe amaninzi, abantu boyika ugonyamelo lwezopolitiko okanye izidubedube zasekuhlaleni okanye ubunqolobi. Olu loyiko lubonakala ngokwanda kweekhamera ezisetyenziswa ziintlola kwamanye amazwe, ngakumbi lawo aye azizisulu zabanqolobi.
Ukuthengwa kwezi khamera, kuyishiya incumile imizi-mveliso evelisa ezi khamera—nakuba uqoqosho lwehlabathi ludodobala. Ngoobani abahlawulela ezi zixhobo? Inyaniso kukuba, sithi sonke ngerhafu kuquka nenye imali etsalwayo. Ezi ndleko zinokuya zinyuka ngakumbi njengoko imilinganiselo yezokhuseleko iya isiba qatha.
Imiphumo ebuhlungu yogonyamelo imele isenze sicingisise ngemilinganiselo yethu nangezinto esizikholelwayo. Inqaku elilandelayo liza kuxubusha ngale mibuzo: Amajelo osasazo adlala yiphi indima ekusasazeni ugonyamelo? Ziziphi izinto eziphembelela indlela esilujonga ngayo ugonyamelo? Sinokuzikhusela njani kwiimpembelelo ezingakhiyo?