IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 8/12 iphe. 26-28
  • Ngaba Kufanelekile Ukukopa Ukuze Upase Kukuhle?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Kufanelekile Ukukopa Ukuze Upase Kukuhle?
  • Vukani!—2012
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kutheni Kuxhaphake Kangaka?
  • Kutheni Abanye Bekuphepha Ukukopa?
  • Ukuthembeka—Undoqo Kwimpumelelo
  • Yintoni Ephosakeleyo Ngokukopa?
    Vukani!—2003
  • Ndenze Njani Xa Ndingapasi Esikolweni?
    Ulutsha Luyabuza
  • Ngaba Nyhani Kukunganyaniseki?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Ngaba Ukho Umntu Onokumthemba?
    Vukani!—2010
Khangela Okunye
Vukani!—2012
g 8/12 iphe. 26-28

Ngaba Kufanelekile Ukukopa Ukuze Upase Kukuhle?

NGABA ungumfundi? Ukuba kunjalo, umele ukuba uyabazi abantwana abakopayo eklasini ukuze bapase kakuhle. Enyanisweni, le ngxaki igqugqise lonke ilizwe. Kuhlolisiso olwenziwa yiJosephson Institute kubantwana abakumabanga aphakamileyo abamalunga nama-30 eUnited States ngowama-2008, abangama-64 ekhulwini bavuma ukuba bakhe bakopa kwiimviwo zaloo nyaka. Noko ke, kuqikelelwa ukuba elona nani labantwana abakopayo lingaphaya kwama-75 ekhulwini.

NaseYurophu ukukopa kuye kwayingxaki enkulu, ngakumbi ukuba izinto ezibhalwe ngabanye. Inqaku elapapashwa kwie-journal Digithum lithi: “Kukho ingxaki ekhulayo yeeWebhsayithi ezithengisa izincoko kubafundi, iithisisi zezidanga nezobugqirha.”

Kutheni ukukopa kuxhalabisa kangaka nje? Ngaba ukukopa kuyanceda ngokwenene? Ngaba ukuthembeka—enoba oko kuthetha ukufumana amanqaku aphantsi—kuseyeyona nto ifanelekileyo?

Kutheni Kuxhaphake Kangaka?

Ukonakala kwemilinganiselo. IAmerican School Board Journal ithi: “Ootitshala abaninzi bathi oku kwanda kwabantu abakopayo kubangelwa kukonakala kwemilinganiselo yabantu nokucingela iziqu zabo.” Ethetha ngabantwana beklasi ekufuneka bapase emagqabini, omnye umfundi wathi: “Sonke . . . sakopa; sasifuna amanqaku aphezulu ukuze singene kwizikolo eziphambili. Sasingabafundi abalungileyo; sasingafani nabantu abangathembekanga . . . Sasifuna nje ukwamkelwa kwiiyunivesithi eziphambili.” Bakho abazali “ababhajisiweyo” ngulo mkhwa. Kuba befuna ukubona abantwana babo “bephumelela,” bayakuvumela ukukopa okanye bakuqwabazele iliso, nto leyo isingela phantsi imilinganiselo yokuziphatha yabantwana babo.

Ingcinezelo yokuphumelela. Ngokutsho kukaDonald McCabe, umseki weInternational Center for Academic Integrity, abafundi abakopayo bakholelwa ukuba ukuthembeka kubavalela amathuba xa becinga ngabo bakopayo baze bangabhaqwa.

Ukukopa ngezixhobo zeteknoloji. Iteknoloji yanamhlanje yenza abafundi bakope lula kuze kube nzima nokubabhaqa. Bafumana imibuzo kunye neempendulo zomsebenzi wasekhaya abawunikwa esikolweni kwi-Intanethi baze bakopise nabanye. Kudla ngokubhaqwa inani elincinane, ibe loo nto iyabakhuthaza abanye.

Impembelelo yemizekelo emibi. Ukukhohlisa kuthande ukuxhaphaka nasebantwini abadala—kumashishini amakhulu, kwezopolitiko, kwezemidlalo nasemakhaya, apho abazali baye bakhohlise xa behlawula irhafu yengeniso okanye befuna imali yeinshorensi. UDavid Callahan umbhali wencwadi ethi The Cheating Culture uthi: “Ukuba abasemagunyeni okanye ekujongwe kubo bayaqhatha, ndicinga ukuba oko kwenza abaselula bacinge ukuba kufanelekile.” Ngaba nyhani ke kufanelekile? Ngaba ukufuna ukupasa emagqabini sisizathu esivakalayo sokuba ukope?

Kutheni Abanye Bekuphepha Ukukopa?

Zibuze oku, ‘Yintoni injongo yemfundo efanelekileyo?’ Ngaba asikokuxhobisa abafundi ukuze bakwazi ukusingatha iimbopheleleko ezininzi zobomi, ezifana nokufumanisa eyona ngxaki emsebenzini baze bazicombulule? Abafundi abanalo mkhwa wokukopa kunokuba nzima kubo ukufunda obo buchule bubaluleke kangako. Ngoko ke, abantu abathanda ukukopa bafihla ubuthathaka babo nto leyo ebavalela amathuba amaninzi okoyisa imiqobo emininzi ebomini.

Ngokutsho kukaCallahan into ebuhlungu ngakumbi kukuba, “abantu abathanda iindlela ezilula zokuphuma engxakini beselula—njengokukopa esikolweni—banokuhlala benaloo mkhwa nasemsebenzini.” Bafana nqwa negama lomgunyathi elibhalwe empahleni okanye kwiwotshi ekhangeleka iyeyokwenene kanti yeyenkohliso.

Kakade ke, abantu abakhohlisayo bazibeka esichengeni sokubhajiswa nokufumana imiphumo ebuhlungu. Enye into, oku kunokubazisela ihlazo nokuphoxeka. Kungakhokelela nasekubeni bagxothwe esikolweni okanye bohlwaywe qatha. IBhayibhile isilumkisa ngokunyanisekileyo ithi: “Loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona.” (Galati 6:7) Noko ke, ukoyika ukubhaqwa akumele kube sesona sizathu sokuthembeka. Kukho izizathu ezibhetele ngakumbi zoko.

Ukuthembeka—Undoqo Kwimpumelelo

Ulutsha olulumkileyo luzabalazela ukuba neempawu ezingayi kwanela nje ukulunceda lupase esikolweni kodwa eziya kulunceda ubomi balo bonke. Ngoko, luyazibhokoxa esikolweni yaye luzama ukuba nemilinganiselo eya kulwenza luzihlonele, luthandwe ngabaqeshi balo xa lusebenza, neya kukhokelela ekubeni lonwabe ngonaphakade.

Loo milinganiselo ifumaneka eBhayibhileni, kwaye ulutsha oluphila ngayo aluzisoli nganto. Njengokuba eyesi-2 kuTimoti 3:16, 17 isitsho, ‘luwufanelekele yaye luwuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.’ UJorge okwibanga lesithoba uthi: “Abantwana beklasi yam bayakopa kuba befuna ukupasa kakuhle ngaphandle kokusokola. Kodwa mna ndifuna ukukholisa uThixo. IBhayibhile, kwincwadi yeMizekeliso 14:2 ithi, ‘ohamba ngokuthe tye woyika uYehova, kodwa oneendlela ezigwenxa uyamdelela.’ Ndiyazi ukuba akukho nto sinokumfihlela yona uThixo. Ngoko ke, andikopi kwaye andikopisi mntu.”

Abafundi abazama ukuphila ngemigaqo yeBhayibhile basenokuba ngabona bakrelekrele okanye bangabi njalo eklasini. Kodwa ngabona balumkileyo, kuba bakhela isiseko sabo kulwalwa olomeleleyo ukuze baphumelele ebomi babo bonke. (INdumiso 1:1-3; Mateyu 7:24, 25) Eyona nto ibaluleke ngakumbi kukuba, baqinisekile ukuba uMdali uyakholiswa ngabo yaye uya kubaxhasa.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 28]

IMIGAQO OMELE UCINGE NGAYO

● “Ngumlebe wenyaniso oya kumiselwa ngokuqinileyo ngonaphakade, kodwa ulwimi lobuxoki luya kuba lolwephanyazo.”—IMizekeliso 12:19.

● “Umntu wezenzo zokuthembeka uya kufumana iintsikelelo ezininzi.”—IMizekeliso 28:20.

● “UThixo oyinyaniso uya kuzisa ekugwetyweni lonke uhlobo lomsebenzi ngokuphathelele yonke into efihlakeleyo, enoba ilungile okanye imbi.”—INtshumayeli 12:14.

● “Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.”—Hebhere 13:18.

[Umfanekiso okwiphepha 26, 27]

Iteknoloji yanamhlanje yenza abafundi bakope lula kuze kube nzima nokubabhaqa

[Umfanekiso okwiphepha 28]

Abafundi abakopayo bafana nqwa newotshi yomgunyathi bakhohlisa nje ngembonakalo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share