Ngaba Ukho Umntu Onokumthemba?
Wayegqalwa njengencutshe kwezonyango. Sekunjalo, kangangeminyaka engaphezu kwelishumi, ukususela ngowe-1996 loo gqirha wadlulisela ingxelo engachananga ngemiphumo yohlolisiso lwakhe eyapapashwa kumaphephancwadi adumileyo ezonyango.
“ANDIYAZI ukuba yintoni enokubangela ukuba umntu enze into elolu hlobo,” utsho uGqr. Steven L. Shafer kwiAnesthesiology News.
Yintoni enokubangela ukuba ugqirha ohlonelwayo akhohlise abantu? Nazi izinto ezine ezinokuba ngunobangela.
● Ukubawa. Kwingxelo yeNew York Times, uGqr. Jerome Kassirer, owayesakuba ngumhleli weThe New England Journal of Medicine, uthi: “Xa abaphengululi bexhomekeke ekuhlawulweni [ziikhemisti], ngokuqhelekileyo uphengululo lwabo ludla ngokuba nemiphumo efunwa zezo nkampani.”
● Ukufuna ukuphumelela ngondlela mnyama. EJamani kuthiwa abafundi benzululwazi baye bahlawula ootitshala babo amawakawaka eeyuro bebanyoba ukuze bafumane izidanga zokuba ngooDoktor, wonga elo eligqalwa njengelithetha impumelelo kwelo lizwe. Uhlolisiso oluchazwe kwiThe New York Times luye lwafumanisa ukuba abafundi abaninzi abaye banyoba bathi “baza kunyaniseka emva kokuba bephumelele.”
● Ukungabikho kwabantu abayimizekelo emihle. Ethetha ngabafundi bamabanga aphezulu, omnye unjingalwazi ucatshulwa kwiThe New York Times esithi: “Sisenokuthi aba bantwana abasenasimilo . . . Kodwa eyona nyaniso isenokuba kukuba ootitshala babo nabantu abafanele babe yimizekelo kubo abazange babafundise kwasekuqaleni indlela yokuziphatha.”
● Ukwenza izinto ezingqubana nemilinganiselo. Uhlolisiso oluye lwenziwa kubafundi abaphantse babe ngama-30 000, ama-98 ekhulwini athi akholelwa ekubeni kubalulekile ukuba umntu anyaniseke xa eqhubana nabanye abantu. Noko ke, abasibhozo kwabalishumi baye bavuma ukuba bakhe babaxokisa abazali babo yaye ama-64 ekhulwini aye avuma ukuba aye akopa xa bekubhalwa iimviwo ebudeni bonyaka odlulileyo.
Imilinganiselo Yokuziphatha Ephakamileyo
Njengokuba kubonisiwe kwibhokisi ekweli phepha, abantu badalwe ngendlela yokuba bamthembe omnye umntu. Noko ke, iBhayibhile ichanile xa isithi “intliziyo yomntu ityekele ebubini kwasebutsheni bakhe.” (Genesis 8:21) Sinokulwa njani nolo tyekelo size sikuphephe ukunganyaniseki okuxhaphakileyo namhlanje? Le migaqo yeBhayibhile ilandelayo inokukunceda:
● “Musa ukuyila nantoni na embi ngedlelane lakho, xa lona lihleli nawe ngemvo yonqabiseko.”—IMizekeliso 3:29.
Ukuthanda abamelwane kusenza sibaxhalabele size singabakhohlisi. Lo mgaqo unokuphelisa bonke ubuqhophololo obubangelwa kukubawa njengokuthengisa amayeza angengawo ekuthethwe ngako ekuqaleni kwala manqaku.
● “Inyaniso ima ngonaphakade; ke bona ubuxoki bobomzuzwana.”—IMizekeliso 12:19, iBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.
Abantu abaninzi bacinga ukuba abantu abanyanisekileyo baphoswa zizinto. Kodwa zibuze, ‘Yiyiphi eyona nto ibalulekileyo—ukufumana izinto ngoku okanye iingenelo ezininzi kwixesha elizayo, kuquka ukuzihlonela?’ Umfundi usenokukhohlisa abanye ngokukopa xa kubhalwa iimviwo, kodwa uza kuqhuba njani xa sele esebenza?
● “Ilungisa lihamba ngengqibelelo yalo. Banoyolo oonyana balo emva kwalo.”—IMizekeliso 20:7.
Ukuba ungumzali yiba ngumzekelo omhle kubantwana bakho ‘ngokuhamba ngengqibelelo.’ Bachazele indlela okukuncede ngayo ukunyaniseka. Xa abantwana bebona ukuba umzali wabo uhamba ngengqibelelo, nabo banokwenza okufanayo.—IMizekeliso 22:6.
Ngaba le migaqo yeBhayibhile ingasentla iyasebenza? Ngaba bakhona abantu abanyanisekileyo namhlanje?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]
Ngokutsho kwephephandaba iLe Figaro, abantu abaninzi abangamaFrentshi “bathi iinkokeli ezikhoyo—kwezobupolitika, kwezoqoqosho nezasekuhlaleni—aziyomizekelo yaye abasiboni isizathu sokuba nabo babe yimizekelo.”
[Ibhokisi ekwiphepha 5]
NGABA SIDALWE NGENDLELA YOKUBA SIBATHEMBE ABANYE ABANTU?
Uhlolisiso oluye lwenziwa nguMichael Kosfeld, unjingalwazi wezifundo zoshishino eFrankfurt University eJamani lwenze wafikelela kwisigqibo sokuba “umntu udalwe ngendlela yokuba amthembe omnye umntu.” Lo kaKosfeld wafumanisa ukuba xa abantu ababini besebenzisana, ubuchopho buvelisa idlala ekuthiwa yioxytocin elibenza bathembane. Lo kaKosfeld ukwathi: “Le yenye yezinto ezenza abantu bahluke kwizilwanyana. Xa singathembi mntu, ngandlel’ ithile kuba ngathi asingobantu.”