Abantu Abaselula Bayabuza
Kuthetha Ukuthini Ukuba Yindoda Yokwenene?
“UTata wasweleka ndiseneminyaka emithathu kuphela ubudala. Maxa wambi ndiye ndinqwenele ukufana namanye amakhwenkwe akhuliswe ngooyise. Abonakala ezithemba ngakumbi kunam.”—UAlex.a
“Andinalwalamano luhle kangako noTata. Kuye kwafuneka ndizifundele ngokwam oko kuthethwa kukuba yindoda yokwenene.”—UJonathan.
NGABA nawe wakha wavakalelwa njengaba bafana? Ngaba kukho izinto ezikwenza ube nexhala lokuba akunakuze wazi ukuba kuthetha ukuthini ukuba yindoda yokwenene? Ukuba kunjalo, ungalahl’ ithemba!
Cinga ngendlela onokoyisa ngazo iingxaki ezimbini ezixhaphakileyo.
INGXAKI 1: Impazamo exhaphakileyo ngokuba yindoda yokwenene
Oko kuthethwa ngabantu:
Amadoda okwenene omelele; akakhali.
Akaxelelwa nangubani na ngento amele ayenze.
Amadoda abaluleke ngaphezu kwamabhinqa.
Enye indlela onokuyijonga ngayo le meko: Ukuba yindoda sisichasi sokuba ngumntwana—kungekhona esokuba libhinqa. Umntu uba yindoda yokwenene xa eyeka ukwenza izinto zobuntwana. Umpostile uPawulos wathi: “Xa ndandilusana, ndandifudula ndithetha ngokosana, ndicinga ngokosana, ndiqiqa ngokosana; kodwa ekubeni ngoku ndiyindoda, ndizibhangisile iimpawu zobusana.” (1 Korinte 13:11) Le nto ithetha ukuba, okukhona uyeka ukucinga, ukuthetha nokwenza izinto zobuntwana, uqalise ukucinga, ukuthetha nokwenza izinto zokuqola, kokukhona uzingqina ukuba uyindoda yokwenene.b
Zama ukwenza oku: Bhala iimpendulo zale mibuzo ephepheni:
Ziziphi iinkalo esele ndahlukene kuzo ‘neempawu zobusana’?
Ziziphi endinokuphucula kuzo?
Isibhalo onokusifunda: Luka 7:36-50. Jonga indlela uYesu awazingqina ngayo ukuba uyindoda yokwenene (1) ngokumela okulungileyo (2) nokuphatha abanye ngentlonelo—kuquka amabhinqa.
“Ndinqwenela ukufana nomhlobo wam, uKen. Womelele—emzimbeni, ngokweemvakalelo nangokomoya—kodwa uphinde abe nobubele. Umzekelo wakhe uye wandifundisa ukuba indoda yokwenene ayibeki abanye amabala kuba nje ifuna ukubonakala ibhetele.”—UJonathan.
INGXAKI 2: Ukungabi nawo umzekelo omhle kaTata
Oko kuthethwa ngabantu:
Ukuba ukhula ungenatata, akunakuze wazi ukuba kuthetha ukuthini ukuba yindoda yokwenene.
Ukuba uyihlo akangomzekelo mhle, umele uzeke mzekweni nakanjani.
Enye indlela onokuyijonga ngayo le meko: Kwanokuba wakhula kabuhlungu kangakanani na, loo nto ayithethi kuthi kuphelile ngawe! Ungakwazi ukoyisa imiqobo ojamelana nayo. (2 Korinte 10:4) Unokusebenzisa eli cebiso lanikwa uSolomon nguyise uKumkani uDavide esithi: “Umele womelele uze uzingqine uyindoda.”—1 Kumkani 2:2.
Yinyaniso ukuba, kunokuba nzima ngokwenene ukukhula unotata ongakhathaliyo—okanye ungenaye kwaphela. UAlex okhankanywe ekuqaleni uthi: “Ibuhlungu gqitha into yokukhula ungamazi utatakho. Ndineminyaka engama-25 ubudala, kodwa kusuke kube ngathi kukhona ndifunda izinto endandimele ndizifunde kwasebutsheni bam.” Yintoni onokuyenza ukuba nawe uvakalelwa njengoAlex?
Zama oku: Zifumanele umntu omdala oza kukunika amacebiso—umntu ongumzekelo omhle wokuba yindoda.c Mcele akuxelele iimpawu acinga ukuba zibaluleke gqitha ukuze umntu abe yindoda yokwenene. Emva koko cela akuchazele indlela wena onokwenza ngayo ukuze ube nazo.—IMizekeliso 1:5.
Isibhalo onokusifunda: IMizekeliso isahluko 1-9. Khangela icebiso likatata elinokunceda umntwana akhule eyindoda enobulumko nethanda uThixo.
“Ndineqhayiya ngohlobo lwendoda endiba lulo. Nakuba ndinqwenela kuthi kanti utata wayenendima kubomi bam, ndinethemba lekamva eliqaqambileyo. Ndiqinisekile ukuba ukungabikho kwakhe akuthethi kuthi kuphelile ngam.”—UJonathan.
a Amanye amagama atshintshiwe.
b Funda ibhokisi ethi “Umntwana Xa Ethelekiswa Nendoda.”
c Abadala bebandla banokuba yimizekelo emihle yabantu abadala abanokukunceda.
BUZA ABAZALI BAKHO
Yintoni eyenza umntu abe yindoda yokwenene? Ndiqhuba njani kumba wokuqola?