IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 6/13 iphe. 10-11
  • Indlela Yokuphepha Ukusafaza Imali

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela Yokuphepha Ukusafaza Imali
  • Vukani!—2013
  • Amanqaku Afanayo
  • Ndinokuyilawula Njani Indlela Endiyisebenzisa Ngayo Imali?
    Vukani!—2006
  • Amakhadi Okuthenga Ngetyala—Ngaba Aya Kukunceda Okanye Aya Kukwenza Ikhoboka?
    Vukani!—1997
  • Ndinokuyisebenzisa Njani Imali?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Ngaba Ndifanele Ndibe Nekhadi Lokuthenga Ngetyala?
    Vukani!—2000
Khangela Okunye
Vukani!—2013
g 6/13 iphe. 10-11

Indlela Yokuphepha Ukusafaza Imali

Ukongezelela kwingcinezelo ebangelwa ziintengiso, indlela esicinga ngayo kunye nemikhwa yethu inokuba negalelo ekusafazeni kwethu imali. Nanga amacebiso amathandathu anokukunceda uyisebenzise kakuhle imali.

  1. Wuxhathise umkhwa wokuthenga into kuba nje uyibona. Ngaba uyakuthanda ukungena uphuma ezivenkileni kuba ukhangela izisulu? Ukuba kunjalo, unokuzibhaqa uthenga izinto kuba nje uzibona. Ukuze uwuxhathise lo mkhwa, ngaphambi kokuba uthenge into ethile, qala ucinge ukuba iza kuba yintoni imiphumo yokuyithenga neyokuba nayo njengoko ixesha lihamba. Cinga ngezinto owakha wazithenga ngokungxama waza kamva wazisola ngazo. Cingisisa kakuhle ngaphambi kokuba uthenge.

  2. Musa ukuthenga kuba nje udakumbile okanye kukho into ekukhathazayo. Ukuthenga kunokukwenza wonwabe okomzuzwana. Kodwa xa uphinda ukhathazeka usenokufuna ukuzonwabisa ngokuthenga kwakhona. Kunokuba uzixolise ngokuthenga xa ukhathazekile, thetha nomhlobo osenyongweni, uzixakekise ngokwenza into ethile okanye ubethwe ngumoya.

  3. Sukuzonwabisa ngokuthenga. Izakhiwo ezineevenkile ezininzi nezibizwa ngokuba ziimall ngesiNgesi zinomtsalane gqitha kubathengi. Nangona usenokuya kwezi venkile okanye ungene kwi-Intanethi kuba uchitha nje isithukuthezi, izinto ezininzi ezi kwezi ndawo zenzelwe ukukuhenda ukuze uthenge. Ngoko ke, thenga kuphela xa ungene kwezi venkile kuba ufuna ukuthenga, uze uqiniseke ukuba uthenga kuphela loo nto ubuyizele.

  4. Bakhethe kakuhle abahlobo. Indlela abaphila ngayo abahlobo bakho kunye nezinto abancokola ngazo zinokukwenza uthande izinto. Ukuba uthenga izinto ezibiza imali eninzi kuba ufuna ukufana nabahlobo bakho, bashiye abo bahlobo uze ukhethe abahlobo abangathethi kakhulu ngemali nezinto ezintle.

  5. Yisebenzise ngobulumko icredit card. Kulula ukuthenga xa uneli khadi yaye udla ngokungacingi ngemiphumo. Zama ukulihlawula lonke ityala leli khadi nyanga nganye. Yazi inzala kunye neendleko zokulisebenzisa uze ukhangele elona lifikelelekayo. Walumkele amakhadi anenzala exhomileyo nakunika amaqithi-qithi ongazuwenza nto. Xa ufuna ukuthenga into enkulu, kubhetele wonge imali uze uyithenge xa unayo eyaneleyo, kunokuba uyithenge ngetyala.

  6. Zazi kakuhle ukuba unemali engakanani. Kulula ukuthenga uhalala wento xa ungazazi ukuba unamalini kanye kanye. Zihlole rhoqo izitetimenti zebhanki. Ceba kakuhle ukuze nyanga nganye uyazi imali onokukwazi ukuyisebenzisa. Hlola izinto ozithengileyo uze ubone enoba uthenge kuphela izinto obucebe ukuzithenga kusini na. Cela umhlobo akucacisele izinto ongazaziyo ngendlela yokusebenzisa imali.

Fundisa Abantwana Ukuba Bangathengi Yonk’ Into Le

Abantwana ngabona bathandwayo ngabarhwebi, ibe loo nto ayothusi. Ulutsha aluthengi hayi-suka! Ulutsha lwaseMerika luchitha iibhiliyoni zeerandi luthenga nyaka ngamnye.

Noko ke, uNjingalwazi uJuliet Schor uthi abantwana abathanda ukuthenga ngabona baxinezelekayo nabasoloko benamaxhala ibe badla ngokungavani nabazali babo. Ungabakhusela njani abantwana bakho? Makhe sibone indlela abanye abazali abaye babakhusela ngayo abantwana babo.

BAFUNDISE: “Awunakukwazi ukubakhusela ngokupheleleyo kwiintengiso abantwana bakho, kuba zikho kuyo yonke indawo. Ngenxa yoko, siye siwachazele amantombazana ethu ukuba abarhwebi bafuna nje ukwenza imali. Eyona nto ziyifunayo ezi nkampani yimali yabo. Azinamsebenzi nabo.”—UJames noJessica.

MUSA UKUVUMELA UVULA ZIBHUQE: “Abantwana baye bazame ukukunyanzela ukuba uthenge yonke into abayifunayo. Kodwa musa ukubavumela bakulawule. Ekugqibeleni abantwana bade bayifunde into yokuba abanakufumana yonke into. Xa sasikhulisa intombi yethu, sahlala phantsi saza sathetha ngendlela esasiza kuyikhulisa ngayo nangemida esasiza kuyibekela yona.”—UScot noKelli.

MAKANGASOLOKO EBONA IZINTO EZITHENGISWAYO: “Asifane sibukele umabonwakude. Akathandwa kangako yintsapho yethu. Ixesha ebesinokulichitha sibukele umabonwakude silisebenzisa ukuze senze ezinye izinto. Siyapheka, sitye ndawonye yaye oonyana bethu bayakuthanda ukufunda.”—UJohn noJenniffer.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share