IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 1/14 iphe. 16
  • Ubuchule Bokuncamathelisa Besigcawu Sasendlwini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ubuchule Bokuncamathelisa Besigcawu Sasendlwini
  • Vukani!—2014
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukufunda Kwizigcawu
    Vukani!—1992
  • Amehlo Anorhatyazo Esigcawu Esitsiba-tsibayo
    Vukani!—2013
  • Intambo Yesigcawu Eyisilika
    Vukani!—2008
  • Iziqulatho
    Vukani!—2014
Khangela Okunye
Vukani!—2014
g 1/14 iphe. 16
A house spider weaving a web

NGABA YADALWA?

Ubuchule Bokuncamathelisa Besigcawu Sasendlwini

ISIGCAWU saseMerika esihlala endlwini (Parasteatoda tepidariorum) sinenwebu encamathela ngamandla eludongeni, kwangaxeshanye ekwaziyo ukuncothuka lula oku kwesithiyiseli xa ibambise isinambuzane esihamba phantsi. Kwenzeka njani ukuba esi sigcawu sivelise iglu ekwaziyo ukuncamathela ngamandla kodwa kwangaxeshanye incothuke lula?

A spider’s scaffolding disc

Indlu yesigcawu eseludongeni

Khawucinge ngoku: Esi sigcawu sakha indlu yaso edongeni, kuphahla okanye nakweyiphi na indawo, ibe le ndlu yomelele kangangokuba iyakwazi ukubamba isinambuzane esibhabhayo. Kwelinye icala, abaphandi beYunivesithi yaseAkron, eseOhio, eUnited States baye bafumanisa ukuba indlu eyakhiwa sesi sigcawu phantsi yahluke ngokupheleleyo kuleyo siyakha eludongeni. Ekubeni yona ingathungwanga njengaleyo iseludongeni, iyakwazi ukuyixhwila lula nantoni na eye yabambiseka kuyo.

A spider’s gumfoot disc

Indlu yesigcawu ephantsi

Le Yunivesithi yaseAkron ithi abaphandi ababesenza olu phando “sele beqalile ukwenza amalungiselelo okwenza iglu ekwaziyo ukuncamathela njengale ndlu yesi sigcawu.” Oososayensi banethemba lokuba bangakwazi ukwenza iglu enokusetyenziswa kwibhandeji, kwangaxeshanye ikwazi nokuncamathelisa ithambo elophukileyo.

Ucinga ntoni? Ngaba ubuchule besi sigcawu bokwenza indlu ekwaziyo ukuncamathela ngamandla nokuncothuka lula babakho ngamabona-ndenzile? Okanye badalwa?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share