IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 3/14 iphe. 16
  • Isikhumba Senyoka

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isikhumba Senyoka
  • Vukani!—2014
  • Amanqaku Afanayo
  • Khusela Ulusu Lwakho!
    Vukani!—2005
  • Inyoka Yobhedu
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Ukunqulwa Kweenyoka—Mandulo Nakule Mihla
    Vukani!—2010
  • Iziqulatho
    Vukani!—2005
Khangela Okunye
Vukani!—2014
g 3/14 iphe. 16
Inyoka ekhwela emthini

NGABA SADALWA?

Isikhumba Senyoka

EKUBENI iinyoka zingenamilenze, kufuneka zibe nesikhumba esomeleleyo esinokumelana neendawo ezirhabaxa. Kaloku zikhwela imithi erhabaxa, ezinye zirhubuluza kwisanti enamatye. Yintoni esenza somelele kangaka isikhumba senyoka?

Khawucinge ngoku: Kukho iintlobo ngeentlobo zeenyoka ezinezikhumba ezingafaniyo ngokomelela nokwakhiwa. Noko ke, kukho into ezifana ngayo izikhumba zeenyoka: Zomelele ngaphandle zize zithambe ngaphakathi. Kuyinceda njani ke oko inyoka? Umphandi uMarie-Christin Klein uthi: “Izinto ezomeleleyo ngaphandle zize zithambe ngaphakathi azikhawulezi ukonakala xa kukho into ezingqubayo.” Indlela esakhiwe ngayo isikhumba senyoka yenza kube lula ngayo ukurhubuluza emhlabeni, nesikhumba sayo singonakaliswa ngamatye ahlabayo. Kubalulekile ukuba somelele isikhumba senyoka kuba yobuza kube kanye kwiinyanga ezimbini okanye ezintathu.

Isikhumba senyoka sidla ngokusetyenziswa nakwezonyango, njengaxa kuqiniswa ilungu elifakelweyo emzimbeni womntu. Ukanti xa amabhanti ajikelezisa oomatshini enokwenziwa amile okwesikhumba senyoka awayi kufuna ukuthanjiswa rhoqo ngeoyile engcolisa umoya.

Ucinga ntoni? Ngaba isikhumba senyoka sabakho ngamabona-ndenzile? Okanye sadalwa?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share